Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 148

UYehova NguMsindisi Wethu

UYehova NguMsindisi Wethu

(2 Samuweli 22:1-8)

  1. 1. Yehova Thixo wethu unguMsindisi,

    Umhlaba nolwandle

    uzenze ngokwakho.

    Akakho nabani na onjengawe,

    Akakho.

    UMsindisi nguwe.

    (CHORUS)

    Yehova usindisa bonke abo

    Bakuthandayo nabathembekileyo.

    Ngoko thina sazisa bonke

    ngawe Thixo,

    Kuba nguwe wedwa Yehova

    uMsindisi.

  2. 2. Nangona iintshaba zam zindoyikisa,

    Ndithembele kuwe,

    Yehova Msindisi.

    Yiva isicelo sam kuwe Thixo,

    Ndincede ndikhusele Thixo.

    (CHORUS)

    Yehova usindisa bonke abo

    Bakuthandayo nabathembekileyo.

    Ngoko thina sazisa bonke

    ngawe Thixo,

    Kuba nguwe wedwa Yehova

    uMsindisi.

  3. 3. Siyazi Thixo uza

    kusikhusela.

    Iintshaba zodana,

    thina ke sovuya.

    Nguwe kuphela Thixo uMsindisi,

    Msindisi.

    Sizimela ngawe.

    (CHORUS)

    Yehova usindisa bonke abo

    Bakuthandayo nabathembekileyo.

    Ngoko thina sazisa bonke

    ngawe Thixo,

    Kuba nguwe wedwa Yehova

    uMsindisi.