Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 3

“Ndabona Imibono KaThixo”

“Ndabona Imibono KaThixo”

HEZEKILE 1:1

SIZA KUTHETHA: Ngombono kaHezekile wenqwelo yasezulwini

1-3. (a) Chaza into uHezekile ayivayo nayibonayo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) UHezekile wancedwa yintoni ukuze abone lo mbono, ibe kwenzeka ntoni kuye?

EJONGE ntsho ngaphaya kwethafa elikhulu, uHezekile uncina amehlo, aphinde awavule kakhulu. Akayikholelwa le nto ayibonayo. Uyabona ukuba kukho isaqhwithi esizayo. Kodwa ayisosaqhwithi siqhelekileyo. Njengoko umoya onamandla osuka emntla uvuthuza iinwele neempahla zakhe, ubona ilifu elikhulu. Kulo kukho idangatye lomlilo, ibe ukuqaqamba kwalo kumkhumbuza intsimbi enyibilikisiweyo. * Njengoko eli lifu likhawuleza ukuza ngakuHezekile, isandi salo siya sivakala ngamandla njengomkhosi omkhulu omatshayo.​—Hez. 1:4, 24.

2 Lo mfana oneminyaka epha koo-30, ubona umbono wokuqala kwemininzi aseza kuyibona. “Isandla sikaYehova,” okanye amandla omoya oyingcwele kaYehova, aba phezu kwakhe. Izinto aseza kuziva naseza kuziboniswa ngulo moya zimangalisa ngaphezu kwayo nantoni na eyakhe yaboniswa kwiimuvi zanamhlanje. Lo mbono uza kummangalisa kakhulu uHezekile, ade awe ngobuso.​—Hez. 1:3, 28.

3 UYehova akawenzi lo mmangaliso nje ukuze abonise uHezekile amandla akhe. Njengeminye imibono ekwincwadi kaHezekile, lo mbono wokuqala ubaluleke kakhulu kuye nakubakhonzi abathembekileyo bakaYehova namhlanje. Ngoko makhe sithethe ngakumbi ngento ayibonayo nayivayo.

Imeko Yelo Xesha

4, 5. Yayinjani imeko xa uHezekile wabona umbono?

4 Funda uHezekile 1:1-3. Makhe siqale sithethe ngemeko yelo xesha. Kwakungonyaka ka-613 B.C.E. Njengoko sifundile kwisahluko esingaphambi kwesi, uHezekile wayeseBhabhiloni kunye nabanye abantu abathinjiweyo ababehlala ngakumlambo iKebhare. Kubonakala ukuba lo mlambo yayingumjelo owenziwe ngabantu osuka kumlambo umEfrate uze uphinde ubuyele kwakuwo.

UHezekile wayehlala ngakumlambo iKebhare kunye nabanye abantu abathinjiweyo (Jonga isiqendu 4)

5 Ikhaya labo iYerusalem, lalikude kakhulu, likwiikhilomitha ezimalunga neziyi-800. * Kwitempile awayengumbingeleli kuyo utata kaHezekile, kwakusenziwa izinto ezimbi, kukhonzwa nezithixo. Nakwitrone eseYerusalem, leyo wayelawula kuyo uDavide noSolomon, kwakusenziwa izinto ezenyanyekayo. UKumkani uYehoyakin ongathembekanga naye wayelapha eBhabhiloni kunye nabanye abantu abathinjiweyo. NoZedekiya owabekwa ngukumkani waseBhabhiloni ukuba alawule endaweni kaYehoyakin, wayesenza izinto ezimbi.​—2 Kum. 24:8-12, 17, 19.

6, 7. Kutheni eli imele ukuba yayilelona xesha linzima kuHezekile?

6 Eli imele ukuba yayilelona xesha linzima kule ndoda ithembekileyo inguHezekile. Abanye babantu awayethinjwe kunye nabo bamele ukuba babezibuza ukuba: ‘Ngaba uYehova usishiye ngokupheleleyo? Ngaba le Bhabhiloni ikhohlakeleyo kunye noothixo bayo abaninzi bobuxoki iza kubayekisa nyhani abantu ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo, ize iluphelise ulawulo lwakhe emhlabeni?’

7 Ekubeni ngoku uyazi imeko yelo xesha, khawuthi xa uphinda ufundisisa uqale ngokufunda indlela awuchaza ngayo uHezekile umbono wakhe wokuqala. (Hez. 1:4-28) Njengoko ufunda ngalo mbono, yiba ngathi unguHezekile, ubone izinto awazibonayo, uve nezinto awazivayo.

UMlambo UmEfrate kufutshane neKarkemishe (Jonga isiqendu 5-7)

Inqwelo Engafani Nezinye

8. Wabona ntoni uHezekile, ibe yayimela ntoni?

8 Yintoni kanye kanye le wayibonayo uHezekile? Wabona into engathi yinqwelo enkulu eyoyikekayo. Yayinamavili amakhulu amane kunye neengelosi ezine ezingaqhelekanga, ezibizwa ngokuba ziikherubhi. (Hez. 10:1) Ngentla kwazo kwakukho isibhakabhaka esinjengomkhenkce, ibe phezu kwaso kwakukho itrone ezukileyo kaYehova, ehleli kuyo! Yayimela ntoni le nqwelo? Inye kuphela into eyayinokumelwa ngulo mbono kaHezekile: yinxalenye esezulwini yentlangano kaYehova ezukileyo. Kutheni sisitsho? Makhe sithethe ngezizathu ezithathu ezisenza sitsho.

9. Ubuhlobo uYehova anabo kunye neengelosi bufana njani nenqwelo?

9 Ubuhlobo bukaYehova neengelosi. Qaphela ukuba kulo mbono, itrone kaYehova ingasentla kweekherubhi. Nakwezinye iindawo eBhayibhileni, uYehova uchazwa njengohleli etroneni entla kweekherubhi okanye phakathi kwazo. (Funda eyesi-2 yooKumkani 19:15; Eks. 25:22; INdu. 80:1) Loo nto ayithethi ukuba uhleli phezu kweekherubhi, ngokungathi udinga ukuthwalwa zizo, njengokuba engadingi nenqwelo yokoqobo. Kodwa iikherubhi ziyalixhasa ilungelo lakhe lokulawula, kwaye unokuzithuma naphi na ukuze zenze ukuthanda kwakhe. Njengezinye iingelosi zakhe ezingcwele, zenza izinto ezifunwa nguye, njengabasebenzi okanye abameli bakhe. (INdu. 104:4) Ngaloo ndlela, uYehova “ukhwele” phezu kwazo zonke, eziyalela njengomlawuli wazo, ngokungathi ziyinqwelo enye enkulu.

10. Yintoni ebonisa ukuba inqwelo yasezulwini ineekherubhi ezininzi ngakumbi kuneekherubhi nje ezine?

10 Inqwelo imela into engaphaya kweekherubhi. UHezekile wabona iikherubhi ezine. EBhayibhileni eli nani lidla ngokuthetha ukulungelelana okanye ukuphelela kwento. Ngoko ke kucacile ukuba ezi kherubhi zine zibhekisela kuzo zonke iingelosi ezithembekileyo zikaYehova. Qaphela ukuba amavili kunye neekherubhi zinamehlo kuyo yonke indawo, nto leyo ebonisa ukuba zibona ngaphezulu lee kuneekherubhi nje ezine kuphela. Kwakhona, indlela uHezekile ayichaza ngayo le nqwelo ibonisa ukuba yayinkulu kakhulu, ngendlela eyenza ukuba ezo kherubhi zibonakale zincinci. (Hez. 1:18, 22; 10:12) Nayo inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova inkulu kakhulu, ibe ineengelosi ezininzi lee kuneekherubhi nje ezine.

UHezekile wamangaliswa ngumbono wenqwelo kaYehova yasezulwini (Jonga isiqendu 8-10)

11. Nguwuphi umbono owabonwa nguDaniyeli, ibe loo nto isenza sifikelele kwesiphi isigqibo?

11 UDaniyeli wabona umbono ofanayo wezulu. Umprofeti uDaniyeli wayethinjwe iminyaka emininzi kwisixeko saseBhabhiloni, ibe naye wabona umbono wezulu. Into ebangel’ umdla kukuba, nakowakhe umbono itrone kaYehova yayinamavili. Wabona intsapho enkulu kaYehova yasezulwini, “amawaka aliwaka . . . neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka” leengelosi zasezulwini zimi phambi koYehova. Kwakungathi ziseNkundleni, iyileyo imi kwindawo yayo. (Dan. 7:9, 10, 13-18) Ngoko ke, singatsho ukuba lo mbono kaDaniyeli uphantse ufane nokaHezekile.

12. Kutheni kusikhusela nje ukufunda ngeziprofeto ezinjengesi sikaHezekile senqwelo yasezulwini?

12 UYehova uyayazi ukuba ukucinga ngezinto uPawulos awathi ‘zizinto ezingabonwayo,’ kuza kusikhusela. Ngoba? Kaloku, ekubeni singabantu abangafezekanga, sithanda ukucinga kakhulu ‘ngezinto esizibonayo,’ okanye izinto ezisixhalabisayo, nezigqithayo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:18.) USathana udla ngokusibamba ngaloo nto, aze asenze sicinge ngezinto ezibonwayo. Ukuze asincede simelane noSathana, ngothando uYehova usinika iziprofeto ezinjengesi sikaHezekile, ezisikhumbuza ngentsapho yakhe enkulu yasezulwini.

“Mavili!”

13, 14. (a) UHezekile wawachaza njani amavili awawabonayo? (b) Kutheni ifanelekile nje into yokuba itrone kaYehova ibe namavili?

13 Ekuqaleni uHezekile uthetha ngeekherubhi ezine, ibe kwiSahluko 4 sale ncwadi siza kubona ukuba zisifundisa ntoni ngoYehova. Wabona namavili amane ecaleni kwezo kherubhi, kukho ivili ecaleni kwekherubhi nganye. (Funda uHezekile 1:16-18.) Kubonakala ukuba ayenziwe ngelitye elixabisekileyo lekrizolite elinjengeglasi, elinombala oluhlaza-butyheli, ibe ebengezela.

14 Into esifunda ngayo kakhulu kulo mbono kaHezekile, ngamavili ale nqwelo. Ayiqhelekanga le nto, andithi? Itrone enamavili? Ngokuqhelekileyo itrone iba sendaweni enye, kuba kunzima kubalawuli basemhlabeni ukulawula iindawo ezikude. Kodwa uYehova akalawuli njengabantu. Njengoko uHezekile wayeza kubona, uYehova yena ulawula indalo yonke. (Neh. 9:6) Lilonke, uYehova onguMongami ulawula naphi na!

15. Ayemakhulu kangakanani ibe enziwe njani amavili awabonwa nguHezekile?

15 UHezekile wothuswa bubukhulu bala mavili. Wabhala wathi: “Iirim zawo omane zaziphakame kangangokuba zazisoyikeka.” Khawube ngathi uyambona uHezekile ephakamisa intloko ukuze ajonge ezo rim zibengezelayo nezinkulu kakhulu, zada zangathi zifikelele esibhakabhakeni. Waphinda wathetha enye into ebangel’ umdla ngezo rim, wathi: “Zinamehlo yonke indawo.” Kodwa eyona nto imangalisa kakhulu kunazo zonke, yindlela engaqhelekanga enziwe ngayo la mavili. Wathi: “Ayenziwe ngathi kukho ivili ngaphakathi kwelinye.” Yayithetha ukuthini loo nto?

16, 17. (a) Kutshiwo njani ukuba le nqwelo yayinevili ngaphakathi kwelinye? (b) Amavili abonisa ntoni ngendlela ehamba ngayo le nqwelo kaYehova?

16 Kubonakala ukuba ivili ngalinye awalibonayo uHezekile, lalingamavili amabini adibeneyo, elinye lixwese kwelinye. Yiloo nto ehamba ngale ndlela echazwe nguHezekile, esithi: “Xa ehamba, ayekwazi ukuya nakweliphi na icala, macala omane, engakhange ajike.” La mavili abonisa ntoni ngenqwelo yasezulwini eyabonwa nguHezekile?

17 Ubukhulu bala mavili benza akwazi ukuhamba umgama omkhulu ngokujikeleza nje kube kanye. Yiloo nto kulo mbono le nqwelo ihamba ngathi ngumbane. (Hez. 1:14) Ukongezelela, amavili ayo angaqhelekanga enza ukuba ikwazi ukuya nakweliphi na icala. Iinjineli ezingabantu nazo ziyafuna ukwenza amavili anjengala, kodwa azikwazi. Le nqwelo iyakwazi ukuya nakweliphi na icala ingakhange ijike nokujika! Kodwa ayihambi ingqubeka naphi na. Amehlo akwiirim zayo abonisa ukuba ibona yonke into eyenzekayo macala onke.

Amavili ale nqwelo ayemakhulu kakhulu, ibe yayihamba ngathi kukulanyaza kombane (Jonga isiqendu 17)

18. Busifundisa ntoni ubukhulu bamavili namehlo awo amaninzi?

18 Kulo mbono, yintoni uYehova awayifundisa uHezekile, nabo bonke abantu abathembekileyo, ngenxalenye esezulwini yentlangano yakhe? Khawucinge ngoko sele sikubonile. Indlela enziwe ngayo amavili ale nqwelo nobukhulu bawo, asenze sabona ukuba le ntlangano izukile kwaye iyamangalisa. Amehlo amaninzi asemavilini ale nqwelo, abonisa ukuba le ntlangano ibona yonke into eyenzekayo. Amehlo kaYehova abona yonke into. (IMize. 15:3; Yer. 23:24) Ukongezelela, uneemiliyoni zeengelosi anokuzithuma naphi na kwindalo yonke, ibe zinokubona yonke into zize zibuye zimchazele.​—Funda kumaHebhere 1:13, 14.

Indlela enziwe ngayo la mavili ayeyenza ikwazi ukuya nakweliphi na icala (Jonga isiqendu 17, 19)

19. Isantya kunye nokukwazi ukuya nakweliphi na icala kwenqwelo kaYehova kusifundisa ntoni ngaye kunye nenxalenye esezulwini yentlangano yakhe?

19 Kwakhona, sibona ukuba le nqwelo ihamba ngesantya esikhulu kakhulu kwaye iyakwazi ukuya nakweliphi na icala. Khawucinge nje ngomahluko omkhulu okhoyo phakathi kwenxalenye esezulwini yentlangano kaYehova kunye noorhulumente nemibutho yabantu! Bona abakwazi ukulungisa iingxaki zomhlaba, kwaye abakwazi ukutshintsha xa iimeko zitshintsha. Loo nto yenza ukuba bangaphumeleli, kwaye ngenxa yoko baza kutshatyalaliswa. Kodwa yona inqwelo kaYehova ibonisa ukuba umqhubi wayo uyakwazi ukutshintsha xa iimeko zitshintsha. Njengokuba negama lakhe lisitsho, uYehova unokuba yiyo nantoni na efunekayo ukuze ukuthanda kwakhe kwenzeke. (Eks. 3:13, 14) Ngokomzekelo, unokuba liJoni elinamandla aze alwele abantu bakhe, kodwa aphinde atshintshe abe nguThixo onenceba noxolela izono aze ancede nabona boni batyumke intliziyo xa beguquka.​—INdu. 30:5; Isa. 66:13.

20. Yintoni esimele siyikhumbule ngalo mbono?

20 Lo mbono kaHezekile unokukwenza uzibuze ukuba, ‘Ngaba inqwelo kaYehova indishiya ndimangalisekile?’ Kufuneka sikhumbule ukuba lo mbono kaHezekile uthetha ngento eyenzekayo ngoku. Singaze siyicinge nokuyicinga into yokuba uYehova, uNyana wakhe kunye nazo zonke iingelosi aziziboni iingxaki zethu. Singaze sicinge nokuba uThixo wethu uyacotha ukusinika izinto esizidingayo, okanye intlangano yakhe ayizukwazi ukumelana nengxaki eveliswa leli hlabathi lingazinzanga. Kufuneka sihlale sikhumbula ukuba intlangano kaYehova ayimanga ndawonye. Kangangokuba uHezekile weva ilizwi liphuma emazulwini lisithi: “Mavili!” Kubonakala ukuba laliyalela amavili ukuba alungele ukuhamba. (Hez. 10:13) Imangalisa nyhani indlela uYehova ayiqhuba ngayo intlangano yakhe! Kodwa ke, nguYehova omele asimangalise ngakumbi.

Lowo Ulawula Konke

21, 22. Singathi yintoni edibanisa inqwelo?

21 Ngoku uHezekile ujonga entla kwamavili aze abone “into efana nesibhakabhaka esibengezela okomkhenkce owoyikekayo.” (Hez. 1:22) Entla kweekherubhi kukho isibhakabhaka esibengezelayo. Kodwa ke umntu oyaziyo indlela abasebenza ngayo oomatshini, inoba unemibuzo emininzi emva kokufunda ngale nqwelo. Ngokomzekelo, abanye banokubuza bathi, ‘Ibanjwe yintoni le nto isentla kwamavili? Kwaye ahamba njani la mavili kungekho ntsimbi iwadibanisayo?’ Ukhumbule ukuba iyafuzisela, asiyoyokoqobo, isenza sibe nombono woko kwenzeka ezulwini. Khawuqwalasele nala mazwi: “Umoya owawukwizidalwa eziphilayo wawukho nasemavilini.” (Hez. 1:20, 21) Ngowuphi lo moya wawukwezi kherubhi nakula mavili?

22 Siqinisekile ukuba yayingumoya oyingcwele kaYehova, awona mandla makhulu kuyo yonke indalo. Nguwo lo wenza le nqwelo ihambe, uze uyenze ikwazi ukuhamba ngendlela ehamba ngayo. Sisacinga ngaloo nto, makhe sijonge apho ajonge khona uHezekile, kuLowo uqhuba le nqwelo.

UHezekile wayeye azame ukufumana amazwi okuchaza le nto imangalisayo ayibonayo

23. Ngawaphi amagama awasebenzisayo uHezekile ukuze acacise umbono wakhe, ibe ngoba?

23 Funda uHezekile 1:26-28. Xa ecacisa lo mbono, uHezekile umane esebenzisa amagama athi “engathi,” “yayingathi,” nelithi “ifana.” Kodwa uwasebenzisa kakhulu kwezi vesi zingasentla. Ingathi wayezama ukufumana amazwi okuchaza le nto imangalisayo ayibonayo. Wabona “into engathi lilitye lesafire, ifana netrone.” Ngaba unombono wetrone eyenziwe ngelitye elikhulu neliluhlaza lesafire? Kuyo kuhleli “into engathi ngumntu.”

24, 25. (a) Usikhumbuza ntoni umnyama ojikeleze itrone kaYehova? (b) Kwenzeka ntoni kwabanye abaprofeti ababona imibono efana nalo?

24 Lo mfanekiso omkhulu kaYehova wawungabonakali kakuhle, kuba kuwo kwakuphuma umlilo oqaqambileyo esinqeni ukwehla nasesinqeni ukunyuka. Khawube ngathi uyambona lo mprofeti ecutha amehlo akhe ukuze awujongisise kakuhle lo mbono uzukileyo. Ekugqibeleni, uHezekile wabona nenye into entle ngeyona ndlela: “Wayejikelezwe kukukhanya okuqaqambileyo okufana nokomnyama emafini ngemini enemvula.” Ngaba wakha wonwatyiswa nje kukubona imibala emihle yomnyama? Loo nto isenza sikhumbule indlela azuke ngayo uMdali wethu. Le mibala mihle mininzi eba sesibhakabhakeni isenokusikhumbuza ngesivumelwano soxolo uYehova awasenza emva koMkhukula. (Gen. 9:11-16) Nangona enguSomandla, ukwanguThixo woxolo. (Heb. 13:20) Ngenxa yokuba enoxolo, bonke abakhonzi bakhe banoxolo.

Umnyama omibala-bala ojikeleze itrone kaYehova usikhumbuza ukuba sikhonza uThixo woxolo (Jonga isiqendu 24)

25 Kwenzeka ntoni kuHezekile emva kokuba ebone ukukhanya kozuko lukaYehova uThixo? UHezekile uyichaza ngale ndlela into eyenzekayo: “Xa ndakubonayo, ndawa ngobuso.” Wothuka, wawa phantsi. Nakwabany’ abaprofeti kwenzeka into ebufana nale xa babona imibono esuka kuYehova. Le mibono imele ukuba yabothusa yaza yabenza baziva bebancinci. (Isa. 6:1-5; Dan. 10:8, 9; ISityhi. 1:12-17) Kodwa ekuhambeni kwexesha, loo mibono yabomeleza kakhulu. Ngokuqinisekileyo yamomeleza noHezekile. Ngoko simele sizive njani thina xa sifunda ngemibono enjengale eBhayibhileni?

26. UHezekile umele ukuba womelezwa njani ngumbono wakhe?

26 Ukuba uHezekile wayengaqinisekanga ukuba abantu bakaThixo bangaze bakhululeke eBhabhiloni, umele ukuba womelezwa ngulo mbono. Kwacaca kuye ukuba inqwelo emangalisayo kaYehova ingafikelela kubo bonke abantu bakhe abathembekileyo, nokuba baseYerusalem, eBhabhiloni okanye kwenye indawo. Akukho nantoni na anokuyisebenzisa uSathana enokukwazi ukumelana noThixo olawula intlangano ezukileyo yasezulwini. (Funda iNdumiso 118:6.) Enye into awayibonayo uHezekile kukuba, inqwelo yasezulwini ayikudanga ebantwini. Kaloku, amavili ayo ayede afikelele apha emhlabeni! (Hez. 1:19) Ngoko uYehova wayebakhathalele abantu bakhe ababethinjiwe. Njengoko wayenguTata wabo obathandayo, wayenokubanceda nanini na bemdinga!

Indlela Okunceda Ngayo Umbono Wenqwelo

27. Usinceda ngantoni umbono kaHezekile namhlanje?

27 Ikhona into osinceda ngayo umbono kaHezekile namhlanje? Ngokuqinisekileyo ikhona! Khumbula kaloku ukuba uSathana uhlala ekhangela iindlela ezingakumbi zokuyekisa abantu ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Ufuna sicinge ukuba uTata wethu wasezulwini kunye nentlangano yakhe basishiyile, abasikhathalelanga, kwaye abafikeleleki. Ungaze ubukholelwe obo buxoki! (INdu. 139:7-12) Kaloku njengoHezekile, sinezizathu ezininzi zokumangaliswa. Yinyani into yokuba, sisenokungawi ngobuso njengaye. Kodwa ke, amandla entlangano kaYehova yasezulwini, isantya sayo, indlela ehamba ngayo, nozuko lwayo, zifanele ukuba zisimangalisa nyhani.

28, 29. Sibona njani ukuba inqwelo kaYehova ibingemanga ndawonye kule minyaka iyi-100 idlulileyo?

28 Khumbula nento yokuba intlangano kaYehova inenxalenye esemhlabeni. Yona le nxalenye inabantu abangafezekanga. Sekunjalo, zininzi izinto uYehova azenzileyo apha emhlabeni. Uye wanceda abantu abakwintlangano yakhe emhlabeni wonke ukuba benze izinto ababengenakuze bakwazi ukuzenza ngamandla abo. (Yoh. 14:12) Incwadi ethi UBukumkani BukaThixo Buyalawula! isikhumbuza ngendlela ekuye kwashunyayelwa kakhulu ngayo kule minyaka iyi-100 idlulileyo. Sinokukhumbula nomsebenzi omkhulu owenziwe yintlangano kaYehova ekufundiseni amaKristu okwenene, ekoyiseni ezinkundleni zamatyala, nasekusebenziseni iteknoloji yale mihla ukuze yenze ukuthanda kukaThixo!

29 Xa sibona yonke imizamo eyenziweyo ukuze kuncedwe abantu bakhonze uYehova kakuhle kule mihla yesiphelo, kutsho kucace ukuba inqwelo yakhe ayimanga ndawonye. Kuyinyhweba enkulu ukuba kule ntlangano, nokukhonza iNkosi enguMongami!​—INdu. 84:10.

Inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova ayimanga ndaweni-nye (Jonga isiqendu 28, 29)

30. Siza kuthetha ngantoni kwisahluko esilandelayo?

30 Kusekhona okunye okuninzi esinokukufunda kulo mbono kaHezekile. Kwisahluko esilandelayo, siza kuthetha ngezaa kherubhi, okanye ‘izidalwa eziphilayo’ ezine ezimangalisayo. Sinokufunda ntoni kuzo ngoMongami wethu ozukileyo, uYehova uThixo?

^ isiqe. 1 UHezekile uyibiza ngokuba ngumxube wegolide nesilivere.

^ isiqe. 5 Kodwa bona aba bantu bathinjiweyo bathatha indlela ende ephantse iwuphinde kabini loo mgama