Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Utshintsho Olukule Ncwadi

Utshintsho Olukule Ncwadi

Kule minyaka idlulileyo, iMboniselo ibisoloko itshintsha indlela ebesiziqonda ngayo ezinye iziprofeto zikaHezekile. Le ncwadi, ethi Ekugqibeleni​—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo, ichaza nangolunye utshintsho oluninzi lwendlela ebesiziqonda ngayo izinto. Khawukhe ujonge ukuba ungakwazi na ukuyiphendula le mibuzo ilandelayo.

Bumela ntoni ubuso obune bezidalwa eziphilayo?

Indlela ebesiqonda ngayo: Ubuso besidalwa ngasinye kwizidalwa ezine eziphilayo okanye obeekherubhi, bumela uphawu uYehova analo.

Utshintsho: Ewe kona, ubuso besidalwa ngasinye kwizidalwa ezine eziphilayo bumela uphawu uYehova analo, kodwa ke ubuso bazo zonke ezi zidalwa bumela zonke iimpawu zikaYehova. Enye into, ubuso bezi zidalwa busifundisa into eninzi ngobukhulu nozuko lukaYehova.

Isizathu sokutshintsha: KwiLizwi LikaThixo, isine sidla ngokuthetha ukuphelela. Ngoko, xa bubonke obu buso bune, abumeli nje iimpawu ezine ezahlukeneyo zikaYehova, kodwa bumela bonke ubuntu obumangalisayo bukaYehova. Enye into, ubuso ngabunye bukwisilwanyana esinozuko, amandla nobukhulu. Sekunjalo, zonke ezi zidalwa zazingaphantsi kwetrone kaYehova. Loo nto ibonisa ukuba uYehova nguMongami Ophakamileyo kwindalo yonke.

Imela bani indoda enophondo lweinki lukanobhala?

Indlela ebesiqonda ngayo: Indoda enophondo lweinki imela abathanjiswa. Ngokushumayela nokwenza abafundi, abathanjiswa babeka uphawu lokomfuziselo ‘kwisihlwele esikhulu.’​—ISityhi. 7:9.

Utshintsho: Indoda enophondo lweinki lukanobhala imela uYesu Kristu. Uza kuphawula isihlwele esikhulu njengeegusha xa egweba ‘ngexesha lentlungu engathethekiyo.’​—Mat. 24:21.

Isizathu sokutshintsha: UYehova ubeke uNyana wakhe ukuba agwebe. (Yoh. 5:​22, 23) Ngokutsho kukaMateyu 25:​31-​33, nguYesu oza kugweba abantu ‘njengeegusha’ okanye ‘iibhokhwe.’

Ngaba uOhola nodade wabo uOholibha ababethengisa ngomzimba, bamela icawa yamaKatolika neyamaProtestanti?

Indlela ebesiqonda ngayo: UOhola ongomdala (iSamariya, ikomkhulu lakwaSirayeli), umela icawa yamaKatolika aze uOholibha ongomncinci (iYerusalem, ikomkhulu lakwaYuda), amele icawa yamaProtestanti.

Utshintsho: Aba bafazi abameli cawa. Kodwa basinceda sazi indlela uYehova aziva ngayo xa abantu bakhe bekhonza izithixo. Uziva ngaloo ndlela ngazo zonke iinkonzo zobuxoki.

Isizathu sokutshintsha: Akukho nto eBhayibhileni ebonisa ukuba uOhola no-Oholibha bamela iicawa. USirayeli noYuda babenjengabafazi abathembekileyo bakaYehova, kodwa zange kube njalo ngeecawa. Eny’ into, ukufaniswa kwabantu bakaThixo abangathembekanga kunye nabafazi abathengisa ngomzimba ekuthethwa ngabo kuHezekile isahluko 16 no-23, kunika ithemba lokuba bangaguquka. Kodwa alikho elo themba ngeecawa, eziyinxalenye yeBhabhiloni Enkulu.

Ngaba iYerusalem engathembekanga yayimela iicawa?

Indlela ebesiqonda ngayo: IYerusalem engathembekanga yayimela iicawa. Ngoko ukutshatyalaliswa kwayo kwakubonisa into eza kwenzeka kwiicawa.

Utshintsho: Izinto ezazisenziwa ngabantu baseYerusalem, ezifana nokukhonza izithixo nokuba namaqhinga, zisikhumbuza izinto ezenzeka kwiicawa, kodwa asisathi iYerusalem yayimela iicawa.

Isizathu sokutshintsha: Akukho nto eZibhalweni ebonisa ukuba iYerusalem engathembekanga yayimela iicawa. Ngokungafaniyo neYerusalem, zona iicawa zange zamkhonza ngendlela ayifunayo uYehova. IYerusalem yona yakhe yaxolelwa nguYehova, kodwa iicawa zona soze zilifumane elo thuba.

Umbono wethafa elinamathambo omileyo wenzeka njani?

Indlela ebesiqonda ngayo: Ngo-1918 abathanjiswa ababetshutshiswa bathinjelwa eBhabhiloni Enkulu, befana ngathi bafile. Oko kuthinjwa kwabo okwethutyana kwaphela ngo-1919 xa uYehova wabenza abashumayeli boBukumkani.

Utshintsho: AmaKristu athanjisiweyo athinjwa kangangexesha elide, ibe awazange aqale ukuthinjwa ngo-1918. Aqala ukuthinjwa ngeminyaka yoo-100 aza akhululeka ngo-1919, kanye njengokuba noYesu wayebonisile kumzekelo wengqolowa nokhula.

Isizathu sokutshintsha: AmaSirayeli akudala athinjwa ixesha elide, ukuqala ngo-740 B.C.E. ukuyokutsho ngo-537 B.C.E. Kwisiprofeto sikaHezekile kuthethwa ngamathambo “omileyo” okanye “ome nko.” Loo nto ibonisa ukuba into emelwa ngaloo mathambo sele inexesha elide kakhulu ifile. La mathambo ayeza kuphinda aphile, kodwa loo nto yayiza kwenzeka kancinci kancinci.

Kuthetha ntoni ukudityaniswa kweentonga ezimbini?

Indlela ebesiqonda ngayo: Abathanjiswa bayeka ukumanyana ngeMfazwe Yehlabathi yokuqala, kodwa emva ko-1919 baphinda bamanyana.

Utshintsho: Esi siprofeto sibonisa ukuba uYehova uza kwenza ukuba abakhonzi bakhe bamanyane. Emva ko-1919, abathanjiswa bamanyana nabo banethemba lokuphila emhlabeni. Ngoku omabini la maqela akhonza kunye uYehova emanyene.

Isizathu sokutshintsha: Esi siprofeto asithethi ngentonga eyophulwayo ize iphinde idityaniswe ibe yintonga enye. Ngoko asithethi ngeqela elahlulwayo lize liphinde lidibane. Kodwa sithetha ngendlela aza kumanyana ngayo amaqela amabini.

Ngubani uGogi wakwaMagogi?

Indlela ebesiqonda ngayo: UGogi wakwaMagogi ligama elanikwa uSathana emva kokuba egxothwe ezulwini.

Utshintsho: UGogi wakwaMagogi liqela leentlanga eziza kudibana ukuze zilwe nabakhonzi bakaYehova ngexesha lentlungu engathethekiyo.

Isizathu sokutshintsha: Esi siprofeto sithi uGogi uza kuba kukutya kwazo zonke iintlobo zeentaka, ibe uza kunikwa indawo aza kungcwatyelwa kuyo. Ezo zinto zisenza sibone ukuba akayongelosi. Enye into, ukuhlasela kukaGogi kuyafana nokuhlasela kweentlanga abantu bakaThixo, ekuthethwe ngako kwincwadi kaDaniyeli neyeSityhilelo.​—Dan. 11:​40, 44, 45; ISityhi. 17:​14; 19:19.

Ngaba uHezekile wabona itempile enkulu kaYehova, le awathetha ngayo umpostile uPawulos kamva?

Indlela ebesiqonda ngayo: Itempile eyabonwa nguHezekile embonweni ikwayile awathetha ngayo umpostile uPawulos kamva.

Utshintsho: UHezekile akazange abone itempile kaYehova eyaqala ukubakho ngo-29 C.E., kodwa umbono wakhe wawubonisa ukuba uYehova wayeza kukhonzwa ngendlela ayifunayo emva kokuba abantu bakhe bebuye ekuthinjweni. Xa uPawulos ethetha ngetempile enkulu kaYehova, ubhekisela kakhulu kumsebenzi uYesu, Oyena Mbingeleli Mkhulu, awawenza ukuqala ngo-29 C.E. ukuyokutsho ngo-33 C.E. Umbono kaHezekile wetempile awuthethi ngombingeleli omkhulu, kodwa uthetha ngokuba uYehova uza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo, ibe loo nto yaqala ngo-1919 C.E. Ngoko kulo mbono kaHezekile asikhangeli ukuba into ethile iprofeta okanye imela ntoni. Endaweni yoko, sifuna ukukhangela izinto esinokuzifunda ngendlela uYehova afuna ukukhonzwa ngayo.

Isizathu sokutshintsha: Umbono kaHezekile wetempile wahlukile kwitempile enkulu kaYehova athetha ngayo uPawulos. Ngokomzekelo, kumbono kaHezekile wetempile kwenziwa imibingelelo emininzi yezilwanyana, kodwa kwitempile enkulu kaYehova, kwenziwa umbingelelo ‘omnye’ qha. (Heb. 9:​11, 12) Kumakhulu eminyaka ngaphambi kokufika kukaKristu, yayingekabi lixesha elifanelekileyo lokuba uYehova achaze ngetempile yakhe.