Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 21

“Eso Sixeko Siza Kubizwa Ngokuthi UYehova Ulapho”

“Eso Sixeko Siza Kubizwa Ngokuthi UYehova Ulapho”

HEZEKILE 48:35

SIZA KUTHETHA: Ngento emelwa sisixeko nomnikelo

1, 2. (a) Ngowantoni umhlaba obekwe ecaleni kumbono kaHezekile? (Jonga umfanekiso okwiqweqwe lale ncwadi.) (b) Lo mbono ubaqinisekisa ngantoni abantu bakaYehova ababuye ekuthinjweni?

KUMBONO wakhe wokugqibela, uHezekile ufumanisa ukuba kukho umhlaba oza kubekwa ecaleni. Wona awuzokunikwa amaSirayeli, kodwa uza kunikelwa kuYehova. UHezekile uva nangesixeko esimangalisayo nesinegama elibangel’ umdla. Le nxalenye yalo mbono iqinisekisa abantu bakaYehova ukuba uza kuba kunye nabo xa bebuyela kwilizwe labo.

2 UHezekile uwucacisa kakuhle lo mnikelo. Makhe sifunde ngawo, kuba utheth’ into nakuthi.

‘Umnikelo Ongcwele Kunye Nesixeko’

3. Zeziphi iindawo ezintlanu ezikulo mhlaba wawubekelwe bucala nguYehova, ibe wawuyintoni umsebenzi wazo? (Jonga ibhokisi ethi “Umnikelo Enimele Niwubekele Bucala.”)

3 Lo mhlaba ubekwe ecaleni, uziikubhite eziyi-25 000 (iikhilomitha eziyi-13) ukusuka emntla ukuya emzantsi, uze uphinde ube ziikubhite eziyi-25 000 ukusuka empuma ukuya entshona. Wawubizwa ngokuba ‘ngumnikelo wonke.’ Wawohlulwe kathathu. Indawo esentla yayiyeyabaLevi, ephakathi iyeyetempile kunye nababingeleli. Ezi ndawo zimbini ‘zazingumnikelo ongcwele.’ Indawo encinci kulo mhlaba, okanye ‘umhlaba oshiyekileyo, wawusetyenziselwa izinto eziqhelekileyo.Wawungowesixeko.​—Hez. 48:15, 20.

4. Kusifundisa ntoni ukunikelwa komhlaba kuYehova?

4 Kusifundisa ntoni ukunikelwa komhlaba kuYehova? Into yokuba kuqale kunikelwe kuYehova umhlaba, emva koko kunikwe izizwe zakwaSirayeli, ibonisa ukuba umhlaba owawunikelwe kuye wawubalulekile. (Hez. 45:1) Nabantu ababebuye ekuthinjweni bamele ukuba bafunda ukuba ziintoni ezibalulekileyo kwindlela owahlulwa ngayo. Ukukhonza uYehova kwakumele kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Nathi namhlanje, sikujonga ukufunda iBhayibhile, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokushumayela, njengezona zinto zibalulekileyo ebomini bethu. Xa nathi njengoYehova sizazi izinto eziza kuqala, ukumkhonza kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo kuthi.

“Isixeko Simele Sibe Sesiphakathini Sawo”

5, 6. (a) Yayisesikabani esi sixeko? (b) Sasingameli ntoni esi sixeko, ibe ngoba?

5 Funda uHezekile 48:15. Yayisesikabani ‘isixeko’ kunye nomhlaba owawusijikelezile? (Hez. 48:16-18) UYehova wathi kuHezekile embonweni: “Icala lesixeko [umhlaba oshiyekileyo] . . . liza kuba lelendlu yonke kaSirayeli.” (Hez. 45:6, 7) Ngoko isixeko kunye nomhlaba owawusijikelezile zazingazukuba ‘ngumnikelo ongcwele’ owawuza ‘kunikelwa kuYehova.’ (Hez. 48:9) Sicinga ngaloo nto, makhe sibone ukuba sifunda ntoni kwesi sixeko namhlanje.

6 Ukuze sibone izinto esizifunda kwesi sixeko, kufuneka siqale sazi ukuba sasingenakuba simela ntoni. Sasingenakuba simela iYerusalem netempile ezaziphinde zakhiwa. Ngoba? Kuba loo nto ibiza kuthetha ukuba isixeko esabonwa nguHezekile sasingenatempile. Enye into, esi sixeko sasingameli nasiphi na isixeko sakwaSirayeli esasihlala abantu ababebuye ekuthinjweni. Ngoba? Kuba asikho isixeko esakhiwa ngabantu ababebuye ekuthinjweni okanye ngabantwana babo esasifana nesabonwa nguHezekile. Sasingenakuba simela nesixeko esisezulwini. Ngoba? Kuba sasakhiwe kumhlaba owawenzelwe ‘umntu wonke,’ okanye owawungekho ngcwele, ngokwahlukileyo kwizakhiwo awayekhonzelwa kuzo uYehova.​—Hez. 42:20.

7. Sasinjani isixeko esabonwa nguHezekile, ibe simela ntoni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 Sasinjani ke isixeko esabonwa nguHezekile? Khumbula ukuba wabona isixeko kwakula mbono wayebone kuwo umhlaba. (Hez. 40:2; 45:1, 6) ILizwi LikaThixo libonisa ukuba eli ayilolizwe lokoqobo, ngoko nesi sixeko asinakuba sesokoqobo. Ngokuqhelekileyo igama elithi “isixeko” lidla ngokuthetha ntoni? Eli gama lisenza sicinge ngeqela labantu elihlala kunye ngocwangco. Ngenxa yaloo nto, isixeko esabonwa nguHezekile nesasakhiwe kakuhle, kubonakala ukuba simela abaphathi baso.

8. Yintoni umsebenzi wabaphathi besixeko, ibe bawenza phi?

8 Yintoni umsebenzi waba baphathi besixeko? Umbono kaHezekile usinceda sibone ukuba bakhokela abantu abakhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Nanamhlanje, abaphathi besixeko bakhokela umsebenzi wabantu bakaThixo. Kusenza sicinge ngantoni kona ukuma kwesi sixeko kwindawo eqhelekileyo, okanye engekho ngcwele? Kusikhumbuza ukuba aba baphathi abaphethanga ezulwini kodwa baphethe emhlabeni ukuze bancede bonke abakhonzi bakaThixo.

9. (a) Ngoobani abaphathi besixeko namhlanje? (b) Uza kwenza ntoni uYesu kuLawulo Lweminyaka Eliwaka?

9 Ngoobani abaphathi besixeko? Embonweni kaHezekile, umntu ophetheyo esixekweni ubizwa ngokuba ‘yinkosi.’ (Hez. 45:7) Yayinguye owayekhokela abantu, kodwa wayengengombingeleli okanye umLevi. Le nto isenza sicinge ngabo bakhokela emabandleni, ingakumbi abo bangathanjiswanga. Aba badala banenkathalo nabaphakathi ‘kwezinye izimvu,’ basebenza ngokuzithoba phantsi korhulumente wasezulwini kaKristu. (Yoh. 10:16) KuLawulo Lweminyaka Eliwaka, uYesu uza kukhetha “emhlabeni wonke” abadala okanye “iinkosana.” (INdu. 45:16) Baza kunceda abantu bakaThixo ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka, bekhokelwa buBukumkani basezulwini.

“UYehova Ulapho”

10. Lithini igama lesi sixeko, ibe lisiqinisekisa ngantoni?

10 Funda uHezekile 48:35. Igama lesi sixeko lithi, “UYehova Ulapho.” Eli gama lisiqinisekisa ukuba kwesi sixeko, uYehova uphakathi kwabantu bakhe. Ngokubonisa uHezekile esi sixeko sisesiphakathini, kufana ngathi uYehova wayexelela abathinjwa ukuba uza kuphinda abe nabo. Sikhuthaza nyhani esi siqinisekiso!

11. Sifunda ntoni kumbono kaHezekile wesixeko nakwigama laso?

11 Sifunda ntoni kule nxalenye yesi siprofeto sikaHezekile? Igama lesi sixeko liqinisekisa abakhonzi bakaThixo namhlanje ukuba uza kuhlala ekunye nabantu bakhe abathembekileyo. Nantsi enye into ebalulekileyo ethethwa leli gama: Esi sixeko asenzelwanga kunika mntu igunya, kodwa ukuqinisekisa ukuba iindlela zikaYehova zothando nezisengqiqweni ziyenziwa. Ngokomzekelo, uYehova akanikanga abaphathi besixeko igunya lokuba bawabe umhlaba ngendlela abantu ababona ngayo. Kodwa ulindele ukuba banike abakhonzi bakhe kunye nabo bajongwa njengabangabalulekanga, umhlaba owabiwe nguye.​—Hez. 46:18; 48:29.

12. (a) Yintoni enye ebalulekileyo ngesi sixeko, ibe ibonisa ntoni? (b) Lo mbono ubakhumbuza ntoni abadala?

12 Yintoni enye ebalulekileyo ngesi sixeko? Izixeko zakudala zazineendonga zokuzikhusela zize zibe neegeyithi ezimbalwa, kodwa esi isixeko sasineegeyithi eziyi-12! (Hez. 48:30-34) Ezi geyithi zininzi kangaka (ezintathu kwicala ngalinye) zibonisa ukuba abantu abakhokelayo kwesi sixeko bayafikeleleka kubo bonke abakhonzi bakaThixo. Enye into, iigeyithi eziyi-12 zesi sixeko zibonisa ukuba wonke umntu okanye ‘yonke indlu kaSirayeli’ ingangena. (Hez. 45:6) Iigeyithi ezininzi ezenza kube lula ukungena, zikhumbuza abadala ukuba uYehova ufuna babe nobubele, kuze kube lula ukuba abantu bathethe nabo.

Abadala banobubele ibe kulula ukuba abantu bathethe nabo (Jonga isiqendu 12)

Abantu BakaThixo ‘Baze Kukhonza Ibe Basebenza Esixekweni’

13. Wathini uYehova ngemisebenzi eyahlukeneyo abantu ababeza kuyenza?

13 Makhe sibuyele kwixesha likaHezekile, size sibone ezinye izinto azibhalileyo ngalo mbono wakhe wokwabiwa komhlaba. UYehova wathetha ngabantu ababeza kwenza imisebenzi eyahlukeneyo. Ababingeleli, ‘ababesebenza kwindawo engcwele,’ kwakufuneka babingelele baze basebenzele uYehova. Bona abaLevi, ‘ababesebenza etempileni,’ kwakufuneka “bahoye yonke imisebenzi yayo nazo zonke izinto ezifuna ukwenziwa.” (Hez. 44:14-16; 45:4, 5) Kwakukho nabantu ababeza kusebenza ngasesixekweni. Ngoobani bona?

14. Basikhumbuza ntoni abantu ababesebenza ngasesixekweni?

14 Abantu ababesebenza ngasesixekweni babesuka kuzo ‘zonke izizwe zakwaSirayeli.’ Umsebenzi wabo yayikukulima izinto ezaziza kuba “kukutya kwabo basebenza esixekweni.” (Hez. 48:18, 19) Ngaba le nto ayisikhumbuzi ngethuba esinalo nathi namhlanje? Ewe. Bonke abakhonzi bakaThixo namhlanje banethuba lokuxhasa umsebenzi owenziwa ngabathanjiswa nomsebenzi owenziwa ngamadoda ‘akwisihlwele esikhulu,’ akhethwe nguYehova ukuba akhokele. (ISityhi. 7:9, 10) Eyona ndlela esibaxhasa ngayo, kukuthobela ikhoboka elithembekileyo.

15, 16. (a) Yintoni enye esiyifundayo kumbono kaHezekile? (b) Yeyiphi eminye imisebenzi esinethuba lokuyenza?

15 Umbono kaHezekile usifundisa nenye into enokusinceda xa sishumayela. Yintoni leyo? UYehova uthetha nangabantu bezizwe zakwaSirayeli, abangengobaLevi, abaza kube besebenza kwiindawo ezimbini: kwiyadi yetempile nakumadlelo esixeko. Babeza kwenza ntoni kwezi ndawo? Kwiyadi yetempile kwakusiza abantu bazo zonke izizwe zakwaSirayeli beze “kukhonza” ngokubingelela kuYehova. (Hez. 46:9, 24) Kumadlelo esixeko kwakusiza abantu bazo zonke izizwe zakwaSirayeli, beze kuxhasa isixeko ngokulima. Sifunda ntoni kumzekelo waba bantu basebenzayo?

16 Namhlanje, isihlwele esikhulu sinethuba lokwenza imisebenzi efana nale yayisenziwa kumbono kaHezekile. Sikhonza uYehova ‘etempileni yakhe’ ngokwenza imibingelelo yokumdumisa. (ISityhi. 7:9-15) Esi sihlwele siyenza loo nto xa sishumayela, naxa sibonakalisa ukholo lwaso kwiintlanganiso zamaKristu ngokuphendula nangokucula iingoma zokudumisa. Siyijonga le ndlela yokukhonza uYehova njengeyona nto ibalulekileyo. (1 Kron. 16:29) Abanye abantu kwesi sihlwele baphinda bakwazi ukuyixhasa ngeendlela ezahlukahlukeneyo intlangano yakhe. Ngokomzekelo, bayancedisa xa kusakhiwa okanye kulungiswa iiHolo ZoBukumkani, izakhiwo zamasebe, nezinye izakhiwo zentlangano. Abanye baxhasa ngemali. Yonke le nto bayenzela “ukuzukisa uThixo.” (1 Kor. 10:31) Bayazimisela emsebenzini wabo, ibe bawenza bevuya, kuba bayazi ukuba uYehova “uyayithanda imibingelelo enjalo.” (Heb. 13:16) Ngaba ikhona indlela wena oyixhasa ngayo intlangano?

Sifunda ntoni kwimisebenzi athi uHezekile yayisenziwa ngakwiigeyithi zesixeko? (Jonga isiqendu 14-16)

‘Silindele Amazulu Amatsha Nomhlaba Omtsha’

17. (a) Umbono kaHezekile uza kuphinda wenzeke njani kwixesha elizayo? (b) Ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka, ngoobani abaza kuncedwa?

17 Ngaba umbono kaHezekile womnikelo useza kuphinda wenzeke kwixesha elizayo? Ewe! Nantsi into esiqinisekisayo: UHezekile wabona ukuba omnye umhlaba owawubizwa ngokuba “ngumnikelo ongcwele,” indawo eyayikuyo ingcwele kaYehova, wawusesiphakathini. (Hez. 48:10) Le nto isenza siqiniseke ukuba emva kweArmagedon, uYehova uza kuba phakathi kwethu, nokuba sakube sihlala kweyiphi indawo emhlabeni. (ISityhi. 21:3) Ngexesha loLawulo Lweminyaka Eliwaka, abo baza kube bekhethiwe ukuba bakhathalele abantu bakaThixo, besenza umsebenzi ofana nowabaphathi besixeko, baza kunceda ‘umhlaba omtsha,’ oko kukuthi, iqela elitsha labantu, emhlabeni wonke.​—2 Pet. 3:13.

18. (a) Kutheni sinokuqiniseka ukuba esi sixeko okanye abaphathi baso baza kwenza izinto ezifunwa buBukumkani BukaThixo? (b) Igama lesi sixeko lisiqinisekisa ngantoni?

18 Kutheni sinokuqiniseka ukuba esi sixeko okanye abaphathi baso baza kwenza izinto ezifunwa buBukumkani BukaThixo? Kuba iLizwi LikaThixo libonisa ukuba isixeko esisemhlabeni esineegeyithi eziyi-12 siyafana nesixeko sasezulwini esineegeyithi eziyi-12, iYerusalem Entsha, eyenziwa yi-144 000 eza kulawula noKristu. (ISityhi. 21:2, 12, 21-27) Le nto ibonisa ukuba abaphathi besixeko baza kwenza izinto ezifunwa buBukumkani BukaThixo. Igama lesi sixeko elithi “UYehova Ulapho” lisiqinisekisa ukuba uYehova uza kusoloko ekhonzwa ngendlela ayifunayo eParadesi. Kuza kuba mnandi nyhani!