Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 2A

Ukuzazi Kakuhle Iziprofeto ZikaHezekile

Ukuzazi Kakuhle Iziprofeto ZikaHezekile

YINTONI ISIPROFETO?

Isenzi sesiHebhere esithi na·vaʼʹ, esiguqulelwe ngokuthi “ukuprofeta,” sithetha ukuchaza umyalezo ophefumlelweyo, umgwebo, ukufundisa indlela yokuziphatha, umyalelo ovela kuThixo nokuchaza into eseza kwenzeka. Isiprofeto sikaHezekile sinazo zonke ezo zinto.​—Hez. 3:​10, 11; 11:​4-8; 14:​6, 7; 37:​9, 10; 38:​1-4.

IINDLELA ESICHAZWA NGAZO

  • IMIBONO

  • IMIZEKELISO

  • IMIBONISO

Kwincwadi kaHezekile kukho imibono, imizekelo, amabali, nemiboniso eyayichaza isiprofeto.

UKWENZEKA KWAZO

Ngamanye amaxesha, iziprofeto ezithethwe nguHezekile zazingenzeki kube kanye. Ngokomzekelo, isiprofeto sokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo senzeka kancinci xa abantu bakhe babuyela kwiLizwe Lesithembiso. Kodwa njengoko siza kuva kwiSahluko 9 sale ncwadi, ezininzi zezi ziprofeto zenzeka kweli xesha lethu, kwaye ziza kuphinda zenzeke nakwixesha elizayo.

Besidla ngokuthi iziprofeto eziliqela zikaHezekile ziyimifuziselo, size ezinye sithi zizinto zokoqobo. Kodwa kule ncwadi asichazi mntu, into, indawo, okanye into eyenzekayo ngokuthi kwenzeka into eyayichazwe kwangaphambili, ngaphandle kokuba iZibhalo zitsho ngokucacileyo. * Endaweni yoko, siza kuthetha ngokwenzeka kwazo kwixesha elizayo. Le ncwadi iza kuthetha nangezinto esinokuzifunda kumyalezo kaHezekile, kubantu, iindawo, nezinto ezenzekayo athetha ngazo.

^ isiqe. 12 Ukuze ufunde okungakumbi ngemifuziselo nezinto zokoqobo, jonga iMboniselo kaMatshi 15, 2015, iphe. 5-7, isiqe. 7-​12; nenqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi,” iphe. 15-16 kwakule magazini.