Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indibano edumileyo eyayingo-1919 yabonisa ukuba abantu bakaYehova babede bakhululeka kwiBhabhiloni Enkulu

IBHOKISI YOKUFUNDISA 9B

Kwenzeka Ntoni Ngo-1919?

Kwenzeka Ntoni Ngo-1919?

Kutheni sisithi abantu bakaThixo bakhululeka kwiBhabhiloni Enkulu ngo-1919? Sincedwe ziziprofeto eziseBhayibhileni kunye nembali ukuze sifikelele kweso sigqibo.

Iziprofeto zeBhayibhile kunye nembali zibonisa ngokucacileyo ukuba uYesu waqalisa ukulawula njengoKumkani ezulwini ngo-1914. Loo nyaka waba kukuqala kwemihla yokugqibela yeli hlabathi lilawulwa nguSathana. Wenza ntoni uYesu emva kokumiselwa kwakhe njengoKumkani? Ngaba wakhawuleza wakhulula abakhonzi bakhe abasemhlabeni kwiBhabhiloni Enkulu? Ngaba wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ngo-1914, waza waqalisa umsebenzi omkhulu wokuvuna?​—Mat. 24:45.

Akubonakali njalo. Khumbula ukuba, umpostile uPetros waphefumlelwa ukuba abhale athi umgwebo wawuza ‘kuqala ngendlu kaThixo.’ (1 Pet. 4:​17) Ngokufanayo, umprofeti uMalaki walichaza kwangaphambili ixesha uYehova awayeza kuza ngalo endlini akhonzelwa kuyo, ehamba noNyana wakhe ‘ongumthunywa wesivumelwano.’ (Mal. 3:​1-5) Elo yayiza kuba lixesha lokucoca nokuhluza. Ngaba imbali iyavumelana nezo ziprofeto?

Ewe. U-1914 ukuya ku-1919 yayilixesha elinzima lokucocwa nokuhluzwa kwaBafundi BeBhayibhile, ngoku abaziwa njengamaNgqina KaYehova. Ngo-1914 badana abantu abaninzi bakaThixo xa singazange sifike isiphelo seli hlabathi, njengoko babethemba njalo. Badana ngakumbi ngo-1916 xa kwasweleka uCharles T. Russell, owayekhokela abantu bakaThixo. Abanye ababesondele kakhulu kuMzalwana uRussell, zange bavume ukukhokelwa nguJoseph F. Rutherford, owathatha indawo kaRussell. Kwabakho amaqela ahlukeneyo, nentlangano yaphants’ ukuqhekeka ngo-1917. Emva koko, ngo-1918 uMzalwana uRutherford nabahlobo bakhe abasixhenxe bavalelwa ejele, ngenxa yezityholo zobuxoki zabefundisi. Ikomkhulu elaliseBrooklyn lavalwa. Kucacile ukuba abantu bakaThixo babengekakhululeki kwiBhabhiloni Enkulu.

Kwenzeka ntoni ke ngo-1919? Izinto zakhawuleza zatshintsha. Ekuqaleni kwaloo nyaka uRutherford kunye nabahlobo bakhe bakhululwa ejele. Zange balibazise, babuyela emsebenzini. Kwakhawuleza kwalungiselelwa indibano, ibe babeza kukhulula nencwadi entsha ethi, The Golden Age, (ngoku enguVukani!). Le ncwadi kwakuza kushunyayelwa ngayo. Kwamiselwa umzalwana kwibandla ngalinye owayeza kukhokela kumsebenzi wokushumayela. Kwangaloo nyaka, kwenziwa iBulletin (ngoku eyiNcwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela) eyayiza kubanceda balungiselele umsebenzi wokushumayela.

Kwakwenzeke ntoni? Kucacile, ukuba uKristu wabakhulula abantu bakhe kwiBhabhiloni Enkulu. Wamisela ikhoboka lakhe elithembekileyo neliyingqondi. Umsebenzi wokuvuna wawusele uqalile. Ukususela ngaloo nyaka ubalulekileyo, umsebenzi uye waqhubela phambili.