Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 10B

‘Amathambo Omileyo’ ‘Namangqina Amabini’​—Adibana Njani?

‘Amathambo Omileyo’ ‘Namangqina Amabini’​—Adibana Njani?

Ngo-1919 kwenzeka iziprofeto ezibini ezifanayo: esinye sithetha ‘ngamathambo omileyo,’ esinye sithetha ‘ngamangqina amabini.’ Umbono wamathambo omileyo uthetha ngexesha elide (elaba ngamakhulu eminyaka) elaphela xa laphinda lavuka iqela elikhulu labantu bakaThixo. (Hez. 37:​2-4; ISityhi. 11:​1-3, 7-13) Isiprofeto ‘samangqina amabini’ sichaza ixesha elifutshane (elenzeka ngo-1914 ukuya ekuqaleni kuka-1919) elaphela xa laphinda lavuka iqela elincinci labakhonzi baThixo. Zozibini ezi ziprofeto zisenza sibe nombono wovuko, kwaye zozibini zenzeka ngo-1919 xa uYehova ‘wabamisa ngeenyawo’ abakhonzi bakhe abathanjisiweyo, bashiya iBhabhiloni Enkulu baza bamisela ibandla.​—Hez. 37:10.

Kodwa ke, indlela ezenzeka ngayo ezi ziprofeto yahluke kakhulu. Isiprofeto ‘samathambo omileyo’ sithetha ngabo bonke abathanjiswa. Kodwa sona ‘esamangqina amabini’ sithetha ngabanye babathanjiswa, abo babekhokela kwintlangano kaYehova baza bakhethwa baba ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’​—Mat. 24:​45; ISityhi. 11:6. *

‘Ithafa Elisentlanjeni . . . Eligcwele Amathambo’​—Hez. 37:1

  1. EMVA KO-100 C.E.

    Ukususela ngeminyaka yoo-100 C.E. xa ibandla lamaKristu athanjisiweyo lalingathi libulewe, ‘ithafa elalisentlanjeni laligcwele amathambo’

  2. EKUQALENI KO-1919

    1919: ‘Amathambo omileyo’ aphinda avuka xa uYehova wenza abathanjiswa bayishiya iBhabhiloni Enkulu baza bamisela ibandla

‘Amangqina Amabini’​—ISityhi. 11:3

  1. EKUPHELENI KO-1914

    ukushumayela “ngamalaphu okwenza ingxowa”

    1914: ‘Amangqina amabini’ ashumayela iminyaka emithathu enesiqingatha enxibe “amalaphu okwenza ingxowa.” Emva koko aba ngathi abulewe xa avalelwayo

  2. babengathi bafile

  3. EKUQALENI KO-1919

    1919: ‘Amangqina amabini’ abuyela ebomini xa iqela labazalwana abathanjisiweyo elalikhokela lakhethwa laba ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’