Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 10C

UThixo Usinceda Siphakame

UThixo Usinceda Siphakame

UKUCINGISISA ngento esiyifunda kumbono okuHezekile 37:​1-​14, kunokusiqinisa kuze kusincede kwiingxaki zethu. Yintoni le siyifundayo kulo mbono?

Ngamanye amaxesha sinokutyhafiswa ziingxaki zethu, zibenze nzima ubomi bethu. Kodwa ke xa kunjalo sinokuncedwa kukucingisisa ngombono kaHezekile. Ngoba? Kuba usinceda sibone ukuba uThixo okwaziyo ukuvusa amathambo akanakuxakwa kukusinika amandla okusinceda xa sineengxaki, nokuba zibonakala zinkulu kakhulu.​—Funda iNdumiso 18:​29; Fil. 4:13.

Sinokukhumbula nokuba kwiminyaka emininzi ngaphambi kukaHezekile, umprofeti uMoses wathi uYehova unamandla kwaye uyafuna ukunceda abantu bakhe. UMoses wabhala wathi: “UThixo uyindawo yokubalekela ekudala ikho, iingalo zakhe zikanaphakade ziyakuxhasa.” (Dut. 33:​27) Sinokuqiniseka ukuba xa sinengxaki size sifune uncedo kuThixo, uya kusixhasa ngeengalo zakhe, asiphakamise aze asincede siqhubeke nobomi.​—Hez. 37:10.