Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 13A

Iitempile Azifani, Nezinto Esizifundayo Azifani

Iitempile Azifani, Nezinto Esizifundayo Azifani

EItempile Ekumbono KaHezekile:

  • Ichazwa nguHezekile eyicacisela amaYuda athinjwe eBhabhiloni

  • Inesibingelelo ekwenziwa imibingelelo emininzi kuso

  • Ibonisa indlela uYehova afuna ukukhonzwa ngayo

  • Isenza sicinge ngokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo ukususela ngo-1919

Itempile Enkulu KaYehova:

  • Ichazwa nguPawulos kumaKristu angamaHebhere

  • Inesibingelelo ekwenziwa umbingelelo omnye kuso, “kwaba kanye” (Heb. 10:10)

  • Ichaza into eyayimelwa yintente engcwele naziitempile zokoqobo, ilungiselelo likaYehova lokuba abantu bamkhonze kakuhle ngenxa yokusifela kukaKristu

  • Isenza sicinge ngomsebenzi owenziwa nguKristu njengoMbingeleli Omkhulu Kakhulu ukususela ngo-29 ukuya ku-33 C.E.