Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 16A

Ngaba IYerusalem Engathembekanga Imela Iicawa?

Ngaba IYerusalem Engathembekanga Imela Iicawa?

Iincwadi zethu bezisithi iYerusalem imela iicawa. Izinto ezazisenziwa ngabantu baseYerusalem, ezifana nokukhonza izithixo nokuba namaqhinga, zisikhumbuza izinto ezenzeka kwiicawa. Kodwa ke, kutshanje, iincwadi zethu, njengale uyifundayo ngoku, azisatsho ukuba iziprofeto zimela into ethile okanye zezokoqobo ngaphandle kwaxa iBhayibhile isinika isizathu sokutsho. Ngaba sikhona ke isizathu esisuka eZibhalweni sokuba sithi iYerusalem imela iicawa? Hayi asikho.

Khawucinge ngale nto: IYerusalem yayikhe yayindawo akhonzelwa kuyo uYehova, kodwa abantu bayo bamjikela. Kodwa zona iicawa zange zamkhonza ngendlela ayifunayo uYehova. Oko zaqala ukubakho ngeminyaka yoo-300, bezisoloko zifundisa ubuxoki.

Enye into kukuba, emva kokuba iYerusalem itshatyalaliswe ngamaBhabhiloni, uYehova wayilungisa yayile nto ayifunayo waza waphinda wakhonzelwa khona. Kodwa zona iicawa zange zamvuyisa uYehova, ibe xa zitshatyalalisiwe ngexesha lentlungu engathethekiyo, azisoze ziphinde zibekho.

Kuyo yonke le nto sithethe ngayo, singathi siphuma nantoni? Xa sifunda ngeziprofeto eziseBhayibhileni eziye zenzeka kubantu baseYerusalem abangathembekanga sinokuthi, ‘Le nto iyafana nale siyibona ezicaweni namhlanje.’ Kodwa akukho nto isuka eZibhalweni ebonisa ukuba singathi iYerusalem imela iicawa.