Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 21A

“Umnikelo Enimele Niwubekele Bucala”

“Umnikelo Enimele Niwubekele Bucala”

HEZEKILE 48:8

Makhe sijonge umhlaba obekelwe bucala nguYehova. Uneendawo ezintlanu. Zeziphi? Yintoni umsebenzi wazo?

A. “Umnikelo”

Umhlaba osetyenziselwa ulawulo lwelizwe.

HEZ. 48:8

B. “Xa Uwonke Umnikelo”

Ubekelwe ababingeleli, abaLevi nesixeko. Kwakhona onke amaSirayeli aphuma kwizizwe eziyi-12 aya apho ukuze akhonze uYehova aze axhase ulawulo lwelizwe.

HEZ. 48:20

C. “Umhlaba Wenkosi”

“Lo mhlaba uza kuba lilifa layo kwaSirayeli.” “Uza kuba ngowenkosi.”

HEZ. 45:​7, 8; 48:​21, 22

D. ‘Umnikelo Ongcwele’

Ukwabizwa ngokuba ‘yinxalenye okanye isahlulo esingcwele.’ Umhlaba osentla ‘ngowabaLevi.’ “Uyinto engcwele.” Umhlaba osesiphakathini “ngumnikelo ongcwele wababingeleli.” “Ziza kuba lapho izindlu zabo nendawo engcwele yetempile.”

HEZ. 45:​1-5; 48:​9-14

E. “Umhlaba Oshiyekileyo”

‘Uza kuba ngowendlu yonke kaSirayeli’ yaye “uza kusetyenziselwa izinto eziqhelekileyo zesixeko, izindlu namadlelo.”

HEZ. 45:6; 48:​15-19