Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 3

Buza Imibuzo

Buza Imibuzo

Mateyu 16:13-16

INTO OMELE UYENZE: Buza imibuzo eza kwenza abantu babe nomdla. Benze bacinge, baze bayibambe into oyifundisayo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Benze bahlale benomdla. Buza imibuzo ebenza bacinge okanye babe nomdla wokwazi.

  • Cacisa. Nceda abantu abakumameleyo bayilandele kakuhle le nto uthetha ngayo baze bazibonele ngokwabo ukuba injalo.

  • Bethelela ezona zinto zibalulekileyo. Buza umbuzo oza kuveza loo nto ufuna bayikhumbule. Xa ugqiba kuthetha ngento ebalulekileyo okanye xa ugqiba intetho yakho, buza imibuzo.