Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 11

Yiba Nehlombe

Yiba Nehlombe

Roma 12:11

INTO OMELE UYENZE: Thetha uzimisele ukuze abantu abakumameleyo babe nomdla wento oyithethayo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Yithande. Njengoko ulungiselela, cinga ngokuba ibaluleke ngantoni loo nto uza kuyithetha. Yilungiselele kakuhle ukuze xa uyithetha isuke entliziyweni.

  • Cinga ngabantu abaza kukumamela. Cinga ngendlela loo nto uza kuyifunda okanye uza kuyifundisa eza kubanceda ngayo abanye abantu. Cinga nangendlela oza kuyithetha ngayo, ukuze abantu abakumameleyo bayithande loo nto ubafundisa yona.

  • Yenze iphile into othetha ngayo. Xa uthetha zimisele. Sebenzisa iingalo nobuso ukuze ubonise ukuba uyayiva le nto uyithethayo.