ISIFUNDO 12
Yiba Nobubele Novelwano
1 Tesalonika 2:7, 8
INTO OMELE UYENZE: Babonise abantu abakumameleyo ukuba ubakhathalele ibe ufuna ukubanceda.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
-
Cinga ngabantu oza kuthetha nabo. Xa ulungiselela, cinga ngeemeko zabo. Cinga ukuba inoba baziva njani.
-
Wakhethe kakuhle amagama. Zama iindlela zokubahlaziya nokubathuthuzela abantu abakumameleyo. Kulumkele ukuthetha izinto eziza kubakhathaza, ibe ungathethi kakubi ngabantu abangakholwayo neenkolelo zabo.
-
Yiba nomdla ebantwini. Ukuze ubabonise abantu ukuba ubakhathalele thetha ngentlonipho. Uzigade izinto ozenza ngobuso, mhlawumbi ungahlala uncumile.