Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 17

Qiniseka Ukuba Abantu Bayayiqonda Into Oyifundisayo

Qiniseka Ukuba Abantu Bayayiqonda Into Oyifundisayo

1 Korinte 14:9

INTO OMELE UYENZE: Bancede abantu abakumameleyo bayiqonde kakuhle into oyithethayo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Lungiselela kakuhle. Yilungiselele kakuhle into oza kuyithetha ukuze ukwazi ukuyicacisa ngendlela elula usebenzisa amazwi akho.

  • Sebenzisa izivakalisi ezifutshane namagama alula. Nangona kungekho nto imbi ngokusebenzisa izivakalisi ezide, sebenzisa ezifutshane ukuze ucacise izinto ezibalulekileyo ngamagama alula nacacileyo.

  • Wacacise amagama angaziwayo. Ukuba unako, sukusebenzisa amagama angaziwayo ngabantu. Ukuba kunyanzelekile uthethe ngento engaqhelekanga, umntu oseBhayibhileni, indlela yokubala okanye isiko lakudala, cacisa.