Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 18

Bashiye Benento Abayifundileyo Abantu

Bashiye Benento Abayifundileyo Abantu

1 Korinte 9:19-23

INTO OMELE UYENZE: Yenza abantu abakumameleyo bacinge uze ubashiye benento abayifundileyo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Cinga ngezinto abasele bezazi abantu. Kunokuba ubafundise into abasele beyazi, bafundise into entsha.

  • Phanda uze ucingisise. Ukuba kunokwenzeka, yongeza nezinto abangazaziyo abantu okanye into esandul’ ukwenzeka ukuze into oyifundisayo icace. Cinga nzulu ngendlela loo nto uyiphandileyo edibana ngayo nale uza kuyifundisa.

  • Babonise indlela enokubanceda ngayo. Babonise indlela abanokuzisebenzisa ngazo iZibhalo ozifundileyo kubomi babo. Thetha ngeemeko, ngendlela yokucinga nezinto ezenziwayo ngabantu, abazaziyo abantu abakumameleyo.