Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 04

Ngubani UThixo?

Ngubani UThixo?

Phantse lonke ixesha ababakho ngalo abantu, bebesoloko bekhonza izithixo nezithixokazi ezininzi. Kodwa iBhayibhile ithi mnye ‘uThixo omkhulu kunabo bonke abanye oothixo.’ (2 Kronike 2:5) Ngubani lowo? Yintoni emenza abe mkhulu kunabo bonke abanye oothixo abakhonzwa ngabantu? Kwesi sifundo, funda indlela lo Thixo azazisa ngayo kuwe.

1. Ngubani igama likaThixo, kutheni siqinisekile ukuba ufuna silazi?

EBhayibhileni, uThixo uyazazisa kuthi. Uthi: “NdinguYehova. Ligama lam elo.” (Funda uIsaya 42:5, 8.) Igama elithi “Yehova” yinguqulelo yegama lesiHebhere ekubonakala ukuba lithetha “Ubangela Kubekho.” UYehova ufuna silazi igama lakhe. (Eksodus 3:15) Yintoni esenza siqiniseke? EBhayibhileni, igama likaThixo livela kwiindawo ezingaphezu kweziyi-7 000! a Igama elithi Yehova ‘leloThixo wokwenene emazulwini phezulu nasemhlabeni phantsi.’​—Duteronomi 4:39.

2. Isixelela ntoni iBhayibhile ngoYehova?

IBhayibhile ithi kubo bonke oothixo abakhonzwa ngabantu, nguYehova yedwa uThixo wokwenene. Ngoba? Ngenxa yezizathu ezininzi. UYehova unegunya eliphakamileyo lokulawula, ibe nguye yedwa “Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” (Funda iNdumiso 83:18.) ‘NguSomandla,’ loo nto ithetha ukuba unamandla okwenza nantoni na afuna ukuyenza. Enye into, “wadala zonke izinto.” (ISityhilelo 4:8, 11) NguYehova yedwa owayesoloko ekhona, ibe uza kuhlala ekhona ngonaphakade.​—INdumiso 90:2.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda umahluko okhoyo phakathi kweendlela uThixo abizwa ngazo negama lakhe. Emva koko, ufunde ukuba kutheni ekuxelele igama lakhe.

3. UThixo uneendlela ezininzi abizwa ngazo, kodwa igama lakhe linye

Ukuze ubone umahluko phakathi kweendlela umntu abizwa ngazo negama lakhe, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Yintoni umahluko phakathi kwesibizo, njengesithi “Nkosi” negama?

IBhayibhile iyatsho ukuba abantu bakhonza izithixo neenkosi ezininzi. Funda iNdumiso 136:1-3, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ngubani ‘uThixo woothixo neNkosi yeenkosi’?

4. UYehova ufuna ulazi igama lakhe uze ulisebenzise

Yintoni ekubonisa ukuba uThixo ufuna ulazi igama lakhe? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ucinga ukuba uYehova ufuna igama lakhe laziwe? Kutheni usitsho?

UYehova ufuna abantu balisebenzise igama lakhe. Funda amaRoma 10:13, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kubaluleke kangakanani ukulisebenzisa igama likaThixo?

  • Uye uzive njani xa umntu elikhumbula igama lakho, aze akubize ngalo?

  • Ucinga ukuba uYehova uziva njani xa silisebenzisa igama lakhe?

5. UYehova ufuna ube ngumhlobo wakhe

Elinye ibhinqa laseCambodia, uSoten, lathi ukufunda ukuba ngubani igama likaThixo kwalinceda lonwaba kakhulu kunakuqala. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kule vidiyo, ukwazi ukuba ngubani igama likaThixo kwamnceda njani uSoten?

Into yokuqala odla ngokuyenza xa ufuna ukuba ngumhlobo womntu, kukwazi igama lakhe. Funda uYakobi 4:8a, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni athi uYehova yenze?

  • Ukulazi nokulisebenzisa igama likaThixo kunokukunceda njani uzibone usondele kuye?

ABANYE ABANTU BATHI: “Mnye uThixo, akukho ngxaki nokuba umbiza njani.”

  • Wena, uyavuma ukuba uYehova ligama likaThixo?

  • Ungayicacisa njani into yokuba uThixo ufuna silisebenzise igama lakhe?

UFUNDE NTONI?

UYehova ligama loThixo wokwenene. Ufuna silazi size silisebenzise elo gama ukuze sibe ngabahlobo bakhe.

Khawutsho

  • Yintoni eyenza uYehova ohluke kubo bonke abanye oothixo abakhonzwa ngabantu?

  • Kutheni simele silisebenzise igama likaThixo?

  • Yintoni ebonisa ukuba uYehova ufuna ube ngumhlobo wakhe?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ngezizathu ezihlanu ezisenza siqiniseke ukuba uThixo ukhona.

“Ngaba UThixo Ukho?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Jonga ukuba kutheni ivakala into yokuba uThixo kudala ekhona.

“Ngubani Odale UThixo?” (IMboniselo, Agasti 1, 2014)

Funda ukuba kutheni simele silisebenzise igama likaThixo, ngoku singaqinisekanga ukuba lalibizwa njani kanye kanye.

“Ngubani UYehova?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Ngaba ibalulekile indlela esimbiza ngayo uThixo? Jonga ukuba kutheni sinokuthi unegama elinye.

“Unamagama Amangaphi UThixo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

a Ukuze ufunde ezinye izinto ezithethwa ligama likaThixo, uze uve nokuba kutheni ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zilisusile, funda iSihlomelo A4 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele.