Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 05

IBhayibhile Ngumyalezo Esiwunikwa NguThixo

IBhayibhile Ngumyalezo Esiwunikwa NguThixo

UYehova usinike iBhayibhile. Sisipho esimangalisayo esineencwadi eziyi-66. Kodwa inoba uyazibuza: ‘Isuka phi iBhayibhile? Yabhalwa ngubani?’ Ukuze siphendule le mibuzo, makhe sithethe ngendlela umyalezo ovela kuThixo, oseBhayibhileni ofike ngayo kuthi.

1. Ukuba iBhayibhile yabhalwa ngabantu, kutheni sisithi ivela kuThixo?

IBhayibhile yabhalwa ngamadoda amalunga nayi-40. Incwadi yokuqala yabhalwa kwiminyaka emalunga neyi-3 500 eyadlulayo, yaza eyokugqibela yabhalwa kwiminyaka emalunga neyi-1 900 eyadlulayo. Ababhali bayo babengafani, abanye babo babe ngabalusi, abalobi nookumkani. Kodwa yonke into ethethwa yiBhayibhile iyadibana. Yenzeka njani le nto? Kaloku iBhayibhile lilizwi elivela kuThixo (Funda 1 Tesalonika 2:13.) Ababhali babengabhali izinto abazicingayo. Kodwa, “babethetha ngokusuka kuThixo beqhutywa ngumoya oyingcwele.” a (2 Petros 1:21) UThixo wasebenzisa umoya oyingcwele ukuze enze la madoda abhale izinto ezisuka kuye.​—2 Timoti 3:16.

2. Ngoobani abanokuncedwa yiBhayibhile?

“Zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nezizwana” zinokuncedwa ziindaba ezimnandi ezisuka eBhayibhileni. (Funda iSityhilelo 14:6.) UThixo waqiniseka ukuba ifumaneka ngeelwimi ezininzi kakhulu kunayo nayiphi na enye incwadi. Phantse wonke umntu angayifumana, nokuba uhlala phi okanye uthetha oluphi ulwimi.

3. Ziintoni ebezinokwenza singayifumani iBhayibhile, kodwa uYehova uyikhusele njani?

IBhayibhile yabhalwa kwizinto ezonakalayo. Kodwa amadoda awayeyithanda enza iikopi zayo, awatshintsha nto. Abanye abalawuli neenkokheli zeenkonzo bazama ukuyitshabalalisa. Kodwa kwakukho abantu ababexolele ukuba sengozini ukuze bayikhusele. UYehova akavumelanga nabani na okanye nantoni na imyekise ukuthetha nathi. IBhayibhile ithi: “Ilizwi likaThixo wethu lihlala lihleli, ngonaphakade.”​—Isaya 40:8.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ezinye izinto ngendlela uThixo awabaphefumlela ngayo abantu ukuba babhale iBhayibhile, indlela awayikhusela ngayo nendlela ayenze yafumaneka ngayo ebantwini.

4. IBhayibhile iyazichaza ukuba isuka phi

Dlala IVIDIYO. Emva koko funda 2 Timoti 3:16, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Ukuba iBhayibhile yabhalwa ngabantu, kutheni kusithiwa liLizwi LikaThixo?

  • Ucinga inokwenzeka into yokuba uThixo adlulisele izinto azicingayo ebantwini baze bona bazibhale?

Umntu unokucela omnye ukuba ambhalele ileta, kodwa umyalezo ube usuka kulo mntu uthethayo. NeBhayibhile ke yabhalwa ngabantu kodwa umyalezo wawuvela kuThixo

5. IBhayibhile yasinda kwizinto ezininzi

Xa iBhayibhile isuka kuThixo, besinokulindela ukuba ayikhusele. Kwakudala, abantu abanamandla babezama ukuyitshabalalisa. Iinkokheli zeenkonzo bezingafuni abantu bayifunde. Nangona abantu babechaswa, begrogriswa nangokubulawa, abantu abaninzi baxolela ukuba sengozini ukuze bakhusele iBhayibhile. Ukuze ufunde ngenye indoda ekwenzeka le nto kuyo, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngaba ukwazi ukuba ininzi into eyenzekayo ukuze iBhayibhile ikhuselwe kukwenza ufune ukuyifunda? Ngoba?

Funda iNdumiso 119:97, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni eyenze abantu abaninzi baxolela ukuba sengozini ukuze baguqulele baze basasaze iBhayibhile?

6. Incwadi yabantu bonke

IBhayibhile yeyona ncwadi iguqulelwe ngeelwimi ezininzi nefumaneka kwiindawo ezininzi ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi. Funda iZenzo 10:34, 35, emva koko nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni uThixo efuna iLizwi lakhe liguqulelwe ngeelwimi ezininzi lize lifumaneke kuzo zonke iindawo?

  • Yintoni eyona nto uyithandayo ngeBhayibhile?

Phantse i-

100%

yabantu emhlabeni wonke

ingayifumana iBhayibhile ngolwimi eluqondayo

Ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu

kwe- 3 000

iphelele okanye

inezinye iincwadi zayo

Ziyi-5 bhiliyoni

iikopi ekuqikelelwa ukuba ipapashwe ngazo,

ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi

ABANYE ABANTU BATHI: “IBhayibhile yincwadi endala eyabhalwa ngabantu.”

  • Uthini wena?

  • Yintoni ebonisa ukuba iBhayibhile liLizwi LikaThixo?

UFUNDE NTONI?

IBhayibhile liLizwi LikaThixo, ibe uye waqiniseka ukuba inokufumaneka kubo bonke abantu.

Khawutsho

  • Kuthethwa ukuthiwani xa kusithiwa uThixo waphefumlela abantu ukuba babhale iBhayibhile?

  • Yintoni oyithandayo ngokukhuselwa kweBhayibhile, ngokuguqulelwa nangokufumaneka kwayo?

  • Ikwenza uzive njani into yokwazi ukuba uThixo wenze zonke ezi zinto ukuze athethe nawe?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda indlela iBhayibhile esuke ngayo kwimibhalo yakudala, yaza yaneenguqulelo zangoku.

“Indlela IBhayibhile Eyafikelela Ngayo Kuthi” (Vukani!, Novemba 2007)

Funda indlela iBhayibhile eyasinda ngayo kwizinto ezintathu ezazinokwenza abantu bangayifumani.

“IBhayibhile​—Ibali Lokusinda Kwayo” (IMboniselo No. 4 2016)

Bukela indlela abantu abaxolela ngayo ukuba sengozini yokufa ukuze baguqulele iBhayibhile.

Babeyixabisile IBhayibhile (14:26)

IBhayibhile ikhutshelwe yaza yaguqulelwa kaninzi. Unokuqiniseka njani ukuba umyalezo kaThixo awutshintshwanga?

“Ngaba IBhayibhile Itshintshiwe?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

a Umoya oyingcwele ngamandla uThixo awasebenzisayo. Siza kuthetha ngawo kwisifundo 07.