Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 08

Unokuba Ngumhlobo KaYehova

Unokuba Ngumhlobo KaYehova

UYehova ufuna umazi kakuhle. Ngoba? Unethemba lokuba xa usiya ufunda ngeempawu zakhe, indlela azenza ngayo izinto nangezinto akunqwenelela zona, uza kufuna ukuba ngumhlobo wakhe. Ucinga inokwenzeka loo nto? (Funda iNdumiso 25:14.) Unokwenza ntoni ukuze ube ngumhlobo wakhe? IBhayibhile iyayiphendula loo mibuzo. Iyasibonisa nokuba kutheni ukuba ngumhlobo kaYehova kuyeyona nto ibalulekileyo kunokuba ngumhlobo wakhe nabani na.

1. UYehova ufuna wenze ntoni?

‘Sondela kuThixo, naye uza kusondela kuwe.’ (Yakobi 4:8) Ithetha ukuthini le nto? UYehova ufuna ube ngumhlobo wakhe. Kusenokuba nzima kwabanye abantu ukukholelwa ukuba banokuba ngabahlobo bakaThixo kuba bengamboni. Kodwa, kwiLizwi lakhe iBhayibhile, uYehova usixelela ukuba ungumntu onjani ukuze sisondele kuye. Xa sifunda umyalezo kaThixo awubhalele thina eBhayibhileni, siyasondela kuye ngoku singenakumbona.

2. Kutheni uYehova engoyena mhlobo usondeleyo unokuba naye?

Akukho mntu ukuthanda njengoYehova. Ufuna wonwabe, uze uthethe naye nanini na ufuna ukuncedwa. ‘Unokuliphosa kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) UYehova usoloko efuna ukubanceda, ukubathuthuzela nokubamamela abahlobo bakhe.—Funda iNdumiso 94:18, 19.

3. UYehova ufuna benze ntoni abahlobo bakhe?

UYehova uyabathanda bonke abantu, “kodwa ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.” (IMizekeliso 3:32) UYehova ufuna abahlobo bakhe bazame ukwenza izinto athi zilungile, baze bangazenzi athi zimbi. Abanye abantu bacinga ukuba abanakukwazi ukuzenza zonke izinto uYehova afuna bazenze. Bacinga nokuba abanakukwazi ukuziyeka zonke izinto ezimbi. Kodwa ke, uYehova nguThixo onenceba. Wamkela wonke umntu omthanda nyhani, nozama ukwenza izinto azifunayo.​—INdumiso 147:11; IZenzo 10:34, 35.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ezinye izinto ngendlela onokuba ngumhlobo kaYehova ngayo, nokuba kutheni uYehova engoyena mhlobo usondeleyo unokuba naye.

4. UAbraham wayengumhlobo kaYehova

Ibali lika-Abraham (okwabizwa Abram) eliseBhayibhileni, lisinceda siqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumhlobo kaThixo. Funda ngoAbraham kwiGenesis 12:1-4. Emva koko, nincokole ngale mibuzo:

  • UYehova wathi uAbraham makenze ntoni?

  • UYehova wamthembisa ntoni?

  • Wenza ntoni uAbraham?

5. Izinto uYehova afuna abahlobo bakhe bazenze

Zikhona izinto esidla ngokufuna abahlobo bethu bazenze.

  • Zeziphi ezinye izinto wena odla ngokufuna abahlobo bakho bakwenzele zona?

Funda 1 Yohane 5:3, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYehova ufuna benze ntoni abahlobo bakhe?

Ukuze simthobele uYehova, kusenokufuneka sitshintshe indlela esiziphethe ngayo nobuntu bethu. Funda uIsaya 48:17, 18, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni uYehova esithi kubahlobo bakhe mabatshintshe?

Umhlobo olungileyo usikhumbuza ukuba senze izinto eziza kusinceda, noYehova wenza loo nto kubahlobo bakhe

6. Izinto uYehova azenzela abahlobo bakhe

UYehova unceda abahlobo bakhe banyamezele iingxaki. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, uYehova ulincede njani eli bhinqa kwindlela elicinga neliziva ngayo?

Funda uIsaya 41:10, 13, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni uYehova athembisa ukuyenzela bonke abahlobo bakhe?

  • Ucinga ukuba uYehova unokuba ngumhlobo olungileyo? Kutheni usitsho?

Abahlobo abasondeleyo kuwe bayakunceda xa ufuna ukuncedwa, noYehova uza kukunceda

7. Xa sifuna ukuba ngabahlobo bakaYehova, simele sithethe naye size simmamele

Abahlobo basondelelana kakhulu xa bencokola. Funda iNdumiso 86:6, 11, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Sinokuthetha njani noYehova?

  • UYehova uthetha njani nathi?

Sithetha noYehova xa sithandaza; yena uthetha nathi esebenzisa iBhayibhile

UKUBA UMNTU UTHI: “Soze sikwazi ukuba ngabahlobo bakaThixo.”

  • Yeyiphi ivesi onokumbonisa yona ukuze ayazi ukuba sinokuba ngabahlobo bakaYehova?

UFUNDE NTONI?

UYehova ufuna ukuba ngumhlobo wakho, ibe uza kukunceda usondele kuye.

Khawutsho

  • UYehova ubanceda njani abahlobo bakhe?

  • Kutheni uYehova esithi abahlobo bakhe mabatshintshe?

  • Ucinga ukuba kunzima kakhulu ukuba ngumhlobo kaYehova? Kutheni usitsho?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Kungakunceda njani ukuba ngumhlobo kaThixo?

“UYehova​—UThixo Esifanele Simazi” (IMboniselo, Februwari 15, 2003)

Funda ukuba unokuba nguye njani umhlobo kaThixo.

“Ndinokuba Ngumhlobo KaThixo Njani?” (Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, isahluko 35)

Funda ukuba kutheni elinye ibhinqa licinga ukuba, ukuba ngumhlobo kaYehova kwalinceda.

“Ndandingafuni Ukufa!” (IMboniselo No. 1 2017)

Yiva ulutsha luthini ngoYehova.

Kuthetha Ukuthini Ukuba Ngumhlobo KaThixo? (1:49)