Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 09

Sondela KuThixo Ngokuthandaza

Sondela KuThixo Ngokuthandaza

Ukhe uzive ingathi ufuna ukukhokelwa ebomini bakho? Unemibuzo ebalulekileyo ofuna iimpendulo zayo? Ufuna ukuthuthuzelwa okanye kukho into ofuna ukuqinisekiswa ngayo? Ufuna ukusondela kuYehova? Ukuthandaza kunokukunceda kuzo zonke ezo zinto. Kodwa yeyiphi indlela efanelekileyo yokuthandaza? Ngaba uThixo umamela yonke imithandazo? Unokwenza ntoni ukuze uqiniseke ukuba uyayimamela imithandazo yakho? Makhe sibone.

1. Simele sithandaze kubani, ibe sinokuthandazela ntoni?

UYesu wafundisa ukuba simele sithandaze kuTata wethu osezulwini qha. Naye uYesu wayethandaza kuYehova. Wathi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Tata wethu osemazulwini . . .’” (Mateyu 6:9) Xa sithandaza kuYehova siba ngabahlobo abasondele kakhulu kuye.

Sinokuthandazela yonke into. Kodwa ke, ukuze uThixo ayiphendule imithandazo yethu, kufuneka ivumelane nokuthanda kwakhe. “[UThixo] uyasiva xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe.” (1 Yohane 5:14) UYesu wasixelela imizekelo yezinto esimele sizithandazele. (Funda uMateyu 6:9-13.) Sithandazela izinto esizifunayo, kodwa asimele silibale ukumbulela uThixo ngezinto asenzele zona. Simele sibathandazele nabanye abantu ukuze abancede.

2. Simele sithandaze njani?

IBhayibhile ithi: “Mxeleleni zonke izinto ezisentliziyweni yenu [uThixo].” (INdumiso 62:8) Ngoko, xa sithandaza kufuneka sithethe le nto isentliziyweni. Sinokuthandazela ngaphandle okanye ngaphakathi. Sinokuthandaza simile, sihleli phantsi okanye nangeyiphi na indlela ebonisa ukuba siyamhlonipha uYehova. Singathandaza nanini na, nokuba siphi.

3. UThixo uyiphendula njani imithandazo yethu?

Uyiphendula ngeendlela ezininzi. UYehova usinike iLizwi lakhe, iBhayibhile, apho sizifumana khona iimpendulo zemibuzo esinayo. Ukufunda iLizwi lakhe kunokumenza “abe nobulumko ongenamava.” (INdumiso 19:7; funda uYakobi 1:5.) UThixo unokwenza iingqondo zethu ziphole xa sineengxaki. Unokwenza nabakhonzi bakhe basincede xa sifuna ukuncedwa.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ngezinto onokuzenza ukuze imithandazo yakho esuka entliziyweni imvuyise uThixo, uze ufunde nangendlela okunokukunceda ngayo ukuthandaza.

4. UThixo unendlela afuna sithandaze ngayo

Yintoni eyenza uThixo ayamkele imithandazo yethu okanye angayamkeli? Dlala IVIDIYO.UYehova ufuna sithandaze kuye.

UYehova ufuna sithandaze kuye. Funda iNdumiso 65:2, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ucinga ukuba uThixo ‘omamela imithandazo’ ufuna wena uthandaze kuye? Kutheni usitsho?

Simele siphile ngendlela uThixo ayifunayo ukuba sifuna ayimamele imithandazo yethu. Funda uMika 3:4, no-1 Petros 3:12, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Sinokuqiniseka njani ukuba uYehova uza kuyimamela imithandazo yethu?

Xa kukho imfazwe, amacala omabini athandazela ukoyisa elinye. Ngaba simele sicinge ukuba uThixo uza kuyiphendula loo mithandazo?

5. Xa sithandaza, simele sithethe le nto ingaphakathi

Abanye abantu bafundiswe ukuba baphinda-phindane nento enye xa bethandaza. Kodwa ngaba uThixo ufuna sithandaze ngolo hlobo? Funda uMateyu 6:7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Unokwenza njani ukuze “ungaphinda-phindani nento enye” xa uthandaza?

Qho ngemini, unokucinga ngento enye ombulela ngayo uYehova, yenze yonke imihla le nto, iveki yonke. Loo nto ithetha ukuba uza kuthandazela izinto ezisixhenxe ezahlukahlukeneyo, ungakhange uphinda-phindane nento enye.

Utata olungileyo ufuna umntwana wakhe amxelele into esentliziyweni yakhe. NoYehova ufuna simxelele into esentliziyweni xa sithandaza

6. Umthandazo sisipho esisinikwe nguThixo

Ukuthandaza kunokusinceda njani xa kumnandi naxa kunzima? Dlala IVIDIYO.

IBhayibhile isithembisa ukuba ukuthandaza kunokusinceda sizole. Funda amaFilipi 4:6, 7, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ukuthandaza akusoloko kuziphelisa iingxaki zethu, kodwa kusinceda njani?

  • Zeziphi ezinye izinto ofuna ukuzithandazela?

Ngaba ubuyazi?

Igama elithi “amen” lithetha ukuthi “makube njalo” okanye “ngokuqinisekileyo.” Ukusuka kwixesha eyabhalwa ngalo iBhayibhile, bekusoloko kusithiwa “amen” emva komthandazo.​—1 Kronike 16:36.

7. Qiniseka ukuba uba nalo ixesha lokuthandaza

Ngamanye amaxesha sinokuxakeka kakhulu side silibale nokuthandaza. Wawubaluleke kangakanani umthandazo kuYesu? Funda uMateyu 14:23 noMarko 1:35, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Wayesenza ntoni uYesu ukuze aqiniseke ukuba unalo ixesha lokuthandaza?

  • Unokwenza ntoni ukuze uqiniseke ukuba unalo ixesha lokuthandaza?

ABANYE ABANTU BATHI: “Akuncedi nganto ukuthandaza kuba uThixo akayiphenduli imithandazo yam.”

  • Uthini wena?

UFUNDE NTONI?

Imithandazo esuka entliziyweni isisondeza kuThixo, isenze siphole aph’ entloko ize isinike namandla okwenza izinto ezivuyisa uYehova.

Khawutsho

  • Simele sithandaze kubani?

  • Simele sithandaze njani?

  • Kusinceda njani ukuthandaza?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda iimpendulo zemibuzo edla ngokubuzwa ngomthandazo.

“Izinto Ezisixhenxe Ekufuneka Uzazi Ngomthandazo” (IMboniselo, Oktobha 1, 2010)

Funda ukuba kutheni umele uthandaze, nokuba unokwenza njani ukuze imithandazo yakho ibe bhetele.

“Kutheni Kufuneka Ndithandaze?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Yiva into efundiswa yiBhayibhile ngomntu esimele sithandaze kuye.

“Ngaba Ndimele Ndithandaze Kwiingcwele?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Kule vidiyo yomculo, jonga ukuba ibalulekile na indawo nexesha esithandaza ngalo.

Thandaza Nanini Na (1:22)