Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?

Zingakunceda Njani Iintlanganiso ZamaNgqina KaYehova?

Wakha wamenywa ukuba uye kwinkonzo yamaNgqina KaYehova ekuthiwa ziintlanganiso? Ukuba awukayi usenokuba uyoyika kancinci kuba uza kube uqala. Usenokuzibuza: ‘Kwenziwa ntoni kwinkonzo yamaNgqina KaYehova? Kutheni kubalulekile ukuya? Kutheni mna ndimele ndiye?’ Kwesi sifundo, uza kufunda indlela okukusondeza ngayo kuThixo ukudibana nabanye abantu, nendlela okukunceda ngayo.

1. Kutheni amaNgqina KaYehova edibana?

Yiva ukuba omnye umbhali weBhayibhile wasichaza njani esona sizathu sibalulekileyo sokuba sidibane nabanye. Wathi: “Ndiza kumdumisa uYehova kwibandla elikhulu.” (INdumiso 26:12) Ngendlela efanayo, amaNgqina KaYehova ayavuyiswa kukudibana. Ehlabathini lonke, adibana qho ngeveki ukuze adumise uThixo, acule aze athandaze. Ngonyaka, kubakho iinyanga adla ngokudibana ngazo engamabandla amaninzi endaweni enye.

2. Uza kufunda ntoni kwiintlanganiso zethu?

Xa sidibene kwiintlanganiso zethu sifundisa izinto ezisuka kwiLizwi LikaThixo. ‘Sizicacisa kakuhle size sichaze ukuba zithetha ukuthini.’ (Funda uNehemiya 8:8.) Xa uyile uza kufunda ngoYehova nangeempawu zakhe ezintle. Xa ufunda ezinye izinto ngendlela akuthanda ngayo, uza kuya usondela kuye. Uza kufunda nangendlela akunceda ngayo ukuze uphile ubomi obumnandi.—Isaya 48:17, 18.

3. Abantu odibana nabo kwiintlanganiso banokukunceda njani?

UYehova uthi “masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye.” (Hebhere 10:24, 25) Kwiintlanganiso zethu, uza kudibana nabantu abathandana nyhani nabafuna ukufunda izinto ezininzi ngoThixo njengawe. Uza kubeva bekhuthazana ngeBhayibhile mhlawumbi xa bencokola, besenza iintetho okanye xa bephendula. (Funda amaRoma 1:11, 12.) Uza kudibana nabantu abatshatileyo nabangatshatanga, abonwabileyo ngoku beneengxaki. Ezo zezinye nje izizathu zokuba uYehova efuna sidibane qho.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Zama ukwazi ukuba kwenziwa ntoni kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova nokuba kutheni kubalulekile ukuzama kangangoko sinako ukuya kuzo.

4. Iintlanganiso zamaNgqina KaYehova

AmaKristu okuqala ayedibana qho ukuze akhonze uYehova. (Roma 16:3-5) Funda amaKolose 3:16, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • AmaKristu okuqala ayemkhonza njani uYehova?

Nanamhlanje, amaNgqina adibana qho kwiindawo akhonzela kuzo. Ukuze ubone zinjani iintlanganiso zawo, dlala IVIDIYO. Emva koko, jonga umfanekiso webandla elikwiintlanganiso, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Zifana ngantoni izinto ezenzeka kwiHolo YoBukumkani nezi uzifunde kumaKolose 3:16?

  • Kule vidiyo okanye kulo mfanekiso, ikhona into oyithandayo wena ngeentlanganiso?

Funda 2 Korinte 9:7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni amaNgqina KaYehova engaqokeleli nkongozelo?

Jonga ukuba kuza kuthethwa ngantoni kwiintlanganiso ezilandelayo kunye nomntu ofunda naye iBhayibhile

  • Yintoni eza kwenziwa kwiintlanganiso ocinga ukuba iza kukunceda kakhulu wena?

Ngaba ubuyazi?

Unokubona kwiwebhsayithi ethi jw.org, ukuba zibaphi iintlanganiso zethu nokuba zibakho nini emhlabeni wonke.

  1. Kwiintlanganiso zethu kubakho imiboniso neevidiyo. Ngaphambi kokuba iintlanganiso ziqale naxa ziphela, kuyaculwa kuze kuthandazwe

  2. Xa kuqhutywa iintlanganiso kubakho amaxesha abacelwa ngawo abantu ukuba baphendule

  3. Wonke umntu wamkelekile, iintsapho, abantu abangatshatanga, abantu abakhulileyo nabantwana

  4. Akubhatalwa. AmaNgqina KaYehova awaqokeleli nkongozelo

5. Kufuneka uzame kangangoko unako ukuze uye kwiintlanganiso

Khawucinge ngentsapho yakuloYesu. Qho ngonyaka, kwakufuneka bahambe iintsuku ezimbalwa, benyuka iintaba, besuka eNazarete besiya kwitempile eseYerusalem. Funda uLuka 2:39-42, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ucinga ukuba kwakufuneka bazame kangangoko banako ukuze baye eYerusalem?

  • Kutheni kusenokufuneka uzame kangangoko unako ukuya kwiintlanganiso?

  • Ucinga ukuba ufanele uye kwiintlanganiso nokuba akululanga? Kutheni usitsho?

IBhayibhile ithi kubalulekile ukudibana ukuze sikhonze. Funda amaHebhere 10:24, 25, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kufuneka siye qho kwiintlanganiso?

ABANYE ABANTU BATHI: “Ukuba uzifundela iBhayibhile endlini, ugqibile. Akunyanzelekanga ukuba ude udibane nabanye abantu.”

  • Yeyiphi ivesi okanye umzekelo oseBhayibhileni obonisa into efunwa nguYehova?

UFUNDE NTONI?

Ukuya kwiintlanganiso kuza kukunceda ufunde ezinye izinto ngoYehova, buqine ubuhlobo benu uze umkhonze nabanye abantu.

Khawutsho

  • Kutheni uYehova esithi masidibane nabanye?

  • Uza kufunda ntoni kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova?

  • Ikhona enye into ocinga ukuba iintlanganiso zingakunceda kuyo?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Uza kwenza njani xa usoyika ukuya kwiintlanganiso? Bukela indlela enye indoda eyayiziva njalo eyazithanda ngayo iintlanganiso.

Soze Siwulibale Umbuliso (4:16)

Bukela indlela omnye umfana awazithanda ngayo iintlanganiso nento awayenzayo ukuze aqhubeke esiya.

Ndazithanda Kakhulu Iintlanganiso! (4:33)

Yiva ukuba abanye bathini ngokuya kwiintlanganiso.

“Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda indlela enye indoda eyayingumgulukudu neyayindlongondlongo eyabutshintsha ngayo ubomi bayo emva kokuya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova.

“Ndandingahambi Ngaphandle Kompu Wam” (IMboniselo, Julayi 1, 2014)