Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 14

Singamkhonza Njani UThixo Ngendlela Ayifunayo?

Singamkhonza Njani UThixo Ngendlela Ayifunayo?

Kwisifundo esidlulileyo, sifundile ukuba ayizizo zonke iinkonzo ezimkhonza ngendlela ayifunayo uThixo. Kodwa ke, singakwazi ukumkhonza ngendlela ayifunayo uMdali wethu. Yeyiphi ‘indlela yokumkhonza’ emvuyisayo? (Yakobi 1:27) Khawuve ukuba iBhayibhile ifundisa ntoni.

1. Simele siyifunde phi eyona ndlela yokukhonza uThixo?

Simele siyifunde eBhayibhileni eyona ndlela yokukhonza uThixo. UYesu wathi kuye: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Ezinye iinkonzo aziyihoyi inyaniso ekwiLizwi LikaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile. Endaweni yokufundisa yona, zifundisa izinto ezithethwa ngabantu nezithethe. UYehova akavuyiswa ngabantu ‘abawubekela ecaleni umthetho wakhe.’ (Funda uMarko 7:9.) Kwelinye icala, siyamvuyisa xa siyifunda eBhayibhileni indlela yokumkhonza size sisebenzise amacebiso esiwafumana kuyo.

2. Simele simkhonze njani uYehova?

Simele sikhonze uYehova qha kuba unguMdali wethu. (ISityhilelo 4:11) Le nto ithetha ukuba simele sithande size sikhonze yena yedwa, singasebenzisi imifanekiso okanye izithixo.​—Funda uIsaya 42:8.

Simele sikhonze uYehova ngendlela “engcwele naza kuyamkela.” (Roma 12:1) Le nto ithetha ukuba simele siyithobele imithetho yakhe. Ngokomzekelo, abantu abamthandayo bayayithobela imithetho yakhe ethetha ngomtshato. Abazenzi nezinto ezinokuba yingozi kubomi babo njengokusebenzisa icuba, nokusebenzisa kakubi iziyobisi okanye utywala. a

3. Kutheni simele sikhonze uYehova nabanye abakhonzi bakhe?

Iintlanganiso esiba nazo qho ngeveki sizinceda ‘sidumise uYehova ebandleni.’ (INdumiso 111:1, 2) Enye indlela esimdumisa ngayo kukumculela. (Funda iNdumiso 104:33.) UYehova uthi masiye kwiintlanganiso kuba esithanda, eyazi nokuba ziza kusinceda siphile kamnandi ngonaphakade. Xa sidibene kwiintlanganiso siyakhuthazana.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba kutheni uYehova engafuni kusetyenziswe imifanekiso xa ekhonzwa. Funda nangeendlela ezibalulekileyo esinokumdumisa ngazo uThixo.

4. Asimele sisebenzise imifanekiso xa sikhonza

Siyazi njani into yokuba uThixo akayifuni loo nto? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, kwenzeka ntoni xa abanye abantu bakaThixo bazama ukumkhonza besebenzisa imifanekiso?

Abanye abantu basebenzisa imifanekiso xa bekhonza uThixo kuba befuna ukuziva besondele kuye. Kodwa ngaba loo nto ayinokumbhekelisa? Funda iEksodus 20:4-6 neNdumiso 106:35, 36, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Zeziphi izinto okanye imifanekiso okhe wabona abantu beyisebenzisa xa bekhonza?

  • UYehova uziva njani xa ebona abantu besebenzisa imifanekiso?

  • Uziva njani wena ngokusebenzisa imifanekiso xa ukhonza?

5. Xa sikhonza uYehova yedwa, siza kukhululeka kwiimfundiso zobuxoki

Bukela indlela ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo okunokusikhulula ngayo kwiimfundiso zobuxoki. Dlala IVIDIYO.

Funda iNdumiso 91:14, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYehova usithembisa ukuba uza kusenzela ntoni xa sibonisa ukuba siyamthanda ngokukhonza yena yedwa?

6. Sikhonza uThixo kwiintlanganiso zebandla

Sidumisa uYehova size sikhuthaze nabanye xa sicula naxa siphendula kwiintlanganiso zebandla. Funda iNdumiso 22:22, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Uyakuthanda ukuva iimpendulo zabantu kwiintlanganiso?

  • Uyafuna ukulungiselela eyakho impendulo?

7. UYehova uyavuya xa sixelela abanye abantu ngezinto esizifundayo

Zininzi iindlela esinokuncokola ngazo nabantu ngenyaniso esiyifunda eBhayibhileni. Funda iNdumiso 9:1 no-34:1, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni oyifundileyo eBhayibhileni ofuna ukubalisela omnye umntu ngayo?

ABANYE ABANTU BATHI: “Ayibalulekanga into yokuba simkhonza njani uThixo kuba uzithanda zonke iicawa.”

  • Ucinga ntoni wena?

UFUNDE NTONI?

Siyamvuyisa uMdali wethu xa sikhonza yena yedwa, simdumisa kwiintlanganiso zebandla naxa sibalisela abanye abantu ngezinto esizifundileyo.

Khawutsho

  • UThixo usixelela phi eyona ndlela yokumkhonza?

  • Kutheni simele sikhonze uYehova yedwa?

  • Kutheni simele sikhonze kunye nabanye abantu abafuna ukwenza izinto ezifunwa nguThixo?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

“Andiselokhoboka Lezithixo,” funda ukuba elinye ibhinqa layeka njani ukukhonza izithixo.

“IBhayibhile lyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Julayi 1, 2011)

Funda ukuba yintoni enokukunceda uphendule kwiintlanganiso.

“Dumisa UYehova Ebandleni” (IMboniselo, Januwari 2019)

Kwakunzima komnye umfana ukuya kwiintlanganiso. Bukela indlela ekwamnceda ngayo ukuya.

UYehova Wandikhathalela (3:07)

Abantu abaninzi badibanisa umnqamlezo nobuKristu, kodwa ngaba simele siwusebenzise xa sikhonza?

“Kutheni Ningawusebenzisi Umnqamlezo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

a Kuza kuthethwa ngazo ezi zinto kwizifundo ezilandelayo.