Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 18

Ungawabona Njani AmaKristu Okwenene?

Ungawabona Njani AmaKristu Okwenene?

Iibhiliyoni zabantu zithi zingamaKristu. Kodwa abakholelwa izinto ezifanayo, bengaphili nangendlela efanayo. Ngoku singababona njani abona bantu balandela uKristu?

1. Yintoni umKristu?

AmaKristu ngabafundi okanye abalandeli bakaYesu Kristu. (Funda iZenzo 11:26.) Abonisa njani ukuba ngabafundi bakaYesu? UYesu wathi: “Ukuba niyazenza izinto endinifundisa zona, niza kube ningabo nyhani abafundi bam.” (Yohane 8:31) Le nto ithetha ukuba amaKristu okwenene amele athobele izinto ezifundiswa nguYesu. Wayesoloko efundisa izinto eziseBhayibhileni. Nabantu abangabalandeli bakhe nyhani bamele benze into efanayo.​—Funda uLuka 24:27.

2. AmaKristu okwenene abonisa njani ukuba ayabathanda abantu?

UYesu wathi kubalandeli bakhe: ‘Thandanani ngale ndlela nam ndinithande ngayo.’ (Yohane 15:12) Wabonisa njani ukuba uyabathanda abafundi bakhe? Wayesiba kunye nabo, abakhuthaze aze abancede. Wade wancama nobomi bakhe ngenxa yabo. (1 Yohane 3:16) Anjalo ke namaKristu okwenene, awafundisi nje ngothando, kodwa abonisa ngezinto azithethayo nazenzayo ukuba ayathandana.

3. Ngowuphi umsebenzi owenziwa ngamaKristu okwenene?

UYesu wanika abafundi bakhe umsebenzi. “Wabathuma ukuba bayokushumayela uBukumkani bukaThixo.” (Luka 9:2) AmaKristu okuqala, ayengashumayeli kwindawo awayekhonzela kuyo qha, kodwa ayeshumayela nakwiindawo ezinabantu nasezindlini zabo. (Funda iZenzo 5:42; 17:17.) NamaKristu okwenene namhlanje ashumayela ngenyaniso eseBhayibhileni nakweyiphi indawo enabantu. Ayabathanda abantu, yiloo nto esebenzisa ixesha namandla awo ukuze abaxelele ngezinto ezisinika ithemba nezithuthuzelayo eziseBhayibhileni.​—Marko 12:31.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Khawucinge ngezinto ezenza amaKristu okwenene ohluke ebantwini abangazithobeliyo izinto ezifundiswa nguYesu nabangawulinganisiyo umzekelo wakhe.

4. Akhangela inyaniso eseBhayibhileni

AmaKristu okuqala ayezenza izinto ezikwiLizwi LikaThixo, eshumayela ebantwini ibe ethandana

Abanye abantu abathi bangamaKristu abacingi ukuba kubalulekile ukukhangela inyaniso eseBhayibhileni okanye ukuzenza izinto eziseBhayibhileni. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Zenze ntoni ezinye iicawa ezithi zezamaKristu ukuze abantu bangazifundi izinto ezafundiswa nguYesu?

UYesu wafundisa inyaniso ekwiLizwi LikaThixo. Funda uYohane 18:37, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kula mazwi athethwa nguYesu, singawabona njani amaKristu ‘angakwicala lenyaniso’?

5. Ashumayela inyaniso eseBhayibhileni

AmaKristu okuqala ayezenza izinto ezikwiLizwi LikaThixo, eshumayela ebantwini ibe ethandana

Ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, wanika abalandeli bakhe umsebenzi osaqhubeka usenziwa nanamhlanje. Funda uMateyu 28:19, 20 neZenzo 1:8, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Babeza kushumayela kude kube nini baze bashumayele kweziphi iindawo?

6. Ayazenza izinto azishumayelayo

Yintoni eyenza uTom waqiniseka ukuba uwafumene awona maKristu okwenene? Dlala IVIDIYO, emva koko nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, uve ukuba yintoni eyenza uTom wayeka ukukhonza?

  • Yintoni emenza aqiniseke ukuba ubafumene abona bantu balandela uYesu?

Ibaluleke kakhulu into ayenzayo umntu kunento ayithethayo. Funda uMateyu 7:21, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ngaba eyona nto ibalulekileyo kuYesu yinto esithi siyayikholelwa okanye yinto esiyenzayo?

7. Ayathandana

AmaKristu okuqala ayezenza izinto ezikwiLizwi LikaThixo, eshumayela ebantwini ibe ethandana

Ngaba akhona nyhani amaKristu axolela ukubeka ubomi bawo engozini ngenxa yamanye? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, yintoni eyenza uMzalwan’ uLikhwide waxolela ukuba ubomi bakhe bube sengozini ngenxa kaMzalwan’ uJohansson?

  • Ucinga ukuba wenza into eyayinokwenziwa ngumKristu wokwenene?

Funda uYohane 13:34, 35, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Abafundi bakaYesu (amaKristu okwenene) bebenokubaphatha njani abantu belinye ibala okanye uhlanga?

  • Bebenokuyenza njani loo nto xa kukho imfazwe?

UKUBA UMNTU UTHI: “AmaKristu azenzile izinto ezimbi, anokuba ngawo njani amaKristu okwenene?”

  • Yeyiphi ivesi onokumfundela yona ebonisa indlela esinokuwabona ngayo amaKristu okwenene?

UFUNDE NTONI?

AmaKristu okwenene ayazenza izinto ezifundiswa yiBhayibhile, abathanda nyhani abantu aze ashumayele inyaniso eseBhayibhileni.

Khawutsho

  • AmaKristu okwenene azithatha phi izinto azikholelwayo?

  • Loluphi uphawu abonwa ngalo amaKristu okwenene?

  • Ngowuphi umsebenzi owenziwa ngamaKristu okwenene?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda izinto ngeqela labantu abazama kangangoko banako ukulandela umzekelo kaYesu nokwenza izinto azifundisayo.

Ngoobani AmaNgqina KaYehova? (1:11)

Funda ukuba yintoni eyenza ibhinqa elalikade lingunongendi lakhonza “uThixo kunye nabazalwana noodade.”

“Ayiphendula NgeBhayibhile Yonke Imibuzo Yam!” (IMboniselo, Aprili 1, 2014)

Bukela ukuba amaKristu okwenene abonisa njani ukuba ayabathanda abantu akhonza nabo abadinga ukuncedwa.

Ukunceda Abazalwana Bethu Xa Kwehle Intlekele​—Emfutshane (3:57)

Funda indlela amaKristu okwenene angoku azenza ngayo izinto ezifanayo nezazisenziwa ngamaKristu okuqala awathi uYesu ziza kubonisa ukuba angabalandeli bakhe.

“Ziziphi Iimpawu Ezibonisa UbuKristu Bokwenyaniso?” (IMboniselo, Matshi 1, 2012)