Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 20

UYehova Ulikhokela Njani Ibandla Ngocwangco?

UYehova Ulikhokela Njani Ibandla Ngocwangco?

UYehova nguThixo wocwangco. (1 Korinte 14:33, 40) Nabantu bakhe bafanele babe ngabantu abanjalo. UYehova ulikhokela njani ibandla ngocwangco? Yintoni esinokuyenza ukuze kuhlale kukho ucwangco ebandleni?

1. Ngubani intloko yebandla?

‘UKristu yintloko yebandla.’ (Efese 5:23) Ngoku esezulwini, ukhokela umsebenzi owenziwa ngabantu bakaYehova emhlabeni wonke. UYesu ukhethe ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Eli khoboka ngabazalwana abambalwa abaneminyaka emininzi bengabadala, babizwa nangokuba liQumrhu Elilawulayo. (Funda uMateyu 24:45-47.) Bayafana nabapostile kunye nabadala ababeseYerusalem, kuba bachazela amabandla asemhlabeni wonke izinto amele azenze. (IZenzo 15:2) Kodwa abazonkokheli zentlangano yethu. Bafunda iBhayibhile ukuze beve ukuba uYehova ufuna benze ntoni, futhi balandela ukhokelo lukaYesu.

2. Yintoni eyenziwa ngabadala?

Abadala ngamadoda aneminyaka emininzi engamaKristu athembekileyo. Bafundisa abantu bakaYehova besebenzisa iBhayibhile, bayabanceda baze babakhuthaze. Ababhatalwa ngale nto bayenzayo. Bayenza ‘ngokuzithandela phambi koThixo, hayi kuba benyanzelwa okanye benyolukile, kodwa kuba befuna nyhani.’ (1 Petros 5:1, 2) Abadala bancediswa zizicaka zolungiselelo. Ekuhambeni kwexesha, nazo zingaba ngabadala.

IQumrhu Elilawulayo likhetha abanye abadala ukuba babe ngabaveleli besiphaluka. Aba baveleli baya kumabandla ohlukeneyo, bawancede ngezinto amele azenze baze bakhuthaze abazalwana noodade. Basebenzisa iBhayibhile ukuze babone ukuba umzalwana angasiso na isicaka solungiselelo okanye umdala.​—1 Timoti 3:1-10, 12; Tito 1:5-9.

3. Yintoni eyenziwa liNgqina LikaYehova?

Bonke abantu abasebandleni ‘badumisa igama likaYehova’ ngokuba nezinto abazenzayo kwiintlanganiso nangokushumayela kangangoko banako.​—Funda iNdumiso 148:12, 13.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba uYesu uyinkokheli enjani, abadala bazama njani ukumlinganisa, nokuba singamthobela njani size sisebenzisane kakuhle nabadala.

4. UYesu uyinkokheli enobubele

UYesu uyasimema. Funda uMateyu 11:28-30, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYesu uyinkokheli enjani, ibe ufuna sizive njani?

Abadala bamlinganisa njani uYesu? Dlala IVIDIYO.

IBhayibhile iyachaza ukuba abadala bamele bawenze njani umsebenzi wabo.

Funda uIsaya 32:2 no-1 Petros 5:1-3, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ikwenza uzive njani into yokuba abadala bezimisele ukuhlaziya abantu njengoYesu?

  • Zeziphi ezinye iindlela abadala abamlinganisa ngazo uYesu?

5. Abadala bayazenza izinto abazifundisayo

UYesu ufuna abadala bawujonge njani umsebenzi wabo? Dlala IVIDIYO.

NguYesu ochazayo ukuba bamele babe njani abadala ebandleni. Funda uMateyu 23:8-12, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • IBhayibhile ithi abadala mababe njani? Ucinga ukuba iinkokheli zeenkonzo ziyayenza le nto ithethwa yiBhayibhile?

  1. Abadala bayaqiniseka ukuba bona neentsapho zabo bahlala beqinile elukholweni

  2. Abadala bayabakhathalela bonke abantu abasebandleni

  3. Abadala bashumayela qho

  4. Abadala bayafundisa ebandleni. Bayancedisa naxa kuklinwa nakweminye imisebenzi

6. Singasebenzisana kakuhle nabadala

IBhayibhile isinika isizathu esibalulekileyo sokuba sisebenzisane kakuhle nabadala. Funda amaHebhere 13:17, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni iBhayibhile isithi masibathobele abo bakhokelayo? Wena uziva njani ngaloo nto?

Funda uLuka 16:10, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kubalulekile ukuthobela abadala nakwizinto ezibonakala ngathi zincinci?

ABANYE ABANTU BATHI: “Akunyanzelekanga ukuba ube nenkonzo yakho.”

  • Ucinga ukuba kunceda njani ukukhonza uThixo kwintlangano yakhe?

UFUNDE NTONI?

UYesu uyintloko yebandla. Sisebenzisana kakuhle nabadala abakhokelwa nguye kuba bayasihlaziya futhi bayazenza izinto abasifundisa zona.

Khawutsho

  • Ngubani oyintloko yebandla?

  • Abadala balinceda njani ibandla?

  • Ziintoni ezenziwa liNgqina LikaYehova?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Bukela indlela iQumrhu Elilawulayo nabanye abadala abawakhathalele ngayo amaKristu namhlanje.

Kwaqiniswa Ukholo Lwabazalwana Ababekwindawo Ekwakuvalwe Umsebenzi Wethu Kuyo (4:13)

Bukela umsebenzi owenziwa ngabaveleli besiphaluka.

Ubomi Bomveleli Wesiphaluka (4:51)

Yiva izinto ezenziwa ngabadala ukuze bakhuthaze abazalwana noodade.

“Abadala​—‘Abasebenzi Abangamadlelane Ukuze Sibe Novuyo’” (IMboniselo, Januwari 15, 2013)