Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 21

Zishunyayelwa Njani Iindaba Ezilungileyo?

Zishunyayelwa Njani Iindaba Ezilungileyo?

UYehova sele eza kuziphelisa zonke iingxaki zethu esebenzisa uBukumkani bakhe. Zimnandi kakhulu ezi ndaba. Wonke umntu kufuneka azive. UYesu wayefuna abalandeli bakhe baxelele bonke abantu ngezi ndaba. (Mateyu 28:19, 20) AmaNgqina KaYehova ayenza njani into eyathethwa nguYesu?

1. Yintoni ebonisa ukuba iyenzeka into echazwe kuMateyu 24:14?

UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke.” (Mateyu 24:14) Thina maNgqina KaYehova siyavuya kuba sisenza lo msebenzi ubalulekileyo. Sishumayela iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-1 000. Kufuneka sizimisele xa sisenza lo msebenzi size siwenze ngocwangco kuba mkhulu. Awunakwenzeka ngaphandle kokuncedwa nguYehova.

2. Ziintoni esizenzayo ukuze sishumayele ebantwini?

Sishumayela naphi na apho sifumana khona abantu. NjengamaKristu okuqala, sishumayela “nakwindlu ngendlu.” (IZenzo 5:42) Le ndlela senza ngayo isinceda sishumayele ebantwini abaninzi qho ngonyaka. Siyashumayela nakwezinye iindawo ezininzi ezidla ngokuba nabantu kuba bengasoloko bekhona emakhayeni abo. Sisoloko sikhangela iindlela zokuxelela abantu ngoYehova nangezinto azifunayo.

3. Ngoobani abamele baxelele abanye ngeendaba ezilungileyo?

Onke amaKristu okwenene amele axelele abanye abantu ngeendaba ezilungileyo. Ngumsebenzi obalulekileyo lowo kuthi. Sishumayela kangangoko sinako kuba siyayazi ukuba ezi ndaba zinokusindisa ubomi babantu. (Funda 1 Timoti 4:16.) Asibhatalwa kuba iBhayibhile ithi: “Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.” (Mateyu 10:7, 8) Abantu abaninzi abasimameli, kodwa asiyeki ukushumayela kuba sithobela uYehova ibe siyamvuyisa.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ngezinye izinto ezenziwa ngamaNgqina KaYehova ukuze ashumayele emhlabeni wonke nangendlela uYehova awanceda ngayo.

4. Sizama ukushumayela kubo bonke abantu

AmaNgqina KaYehova azama kangangoko anako ukushumayela kubo bonke abantu. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Yintoni oyithandayo ngezinto ezenziwa ngamaNgqina KaYehova ukuze ashumayele?

Funda uMateyu 22:39 namaRoma 10:13-15, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Umsebenzi wethu wokushumayela ubonisa njani ukuba siyabathanda abamelwane bethu?

  • Uthini uYehova ngabantu abashumayela iindaba ezilungileyo?​—Jonga ivesi 15.

5. Sisebenza noThixo

Izinto ezininzi ezenzekayo zibonisa ukuba nguYehova owalathisa umsebenzi wethu. Ngokomzekelo, omnye umzalwana waseNew Zealand, uPaul, wayeshumayela kwindlu ngendlu emva kwemini, waza wadibana nelinye ibhinqa. Kwathi kanti kusasa ngaloo mini eli bhinqa lalithandaze kuThixo, lisebenzisa igama lakhe, uYehova. Lalimcela ukuba kuze umntu endlini yalo. UPaul uthi: “Emva kweeyure ezintathu, ndafika endlini yalo.”

Funda 1 Korinte 3:9, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Izinto ezenzekayo ezifana nale yenzeka eNew Zealand, zibonisa njani ukuba nguYehova owalathisa umsebenzi wokushumayela?

Funda iZenzo 1:8, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni simele sincedwe nguYehova ukuze umsebenzi wokushumayela esiwenzayo uphumelele?

Ngaba ubuyazi?

Qho ngeveki, kwiintlanganiso zethu zaphakathi evekini sifundiswa iindlela zokushumayela. Ukuba sowuyile kwezi ntlanganiso, ucinga ntoni ngale ndlela sifundiswa ngayo?

6. Xa sishumayela sithobela uThixo

Ngexesha labapostile, kukho abantu ababezama ukuyekisa abalandeli bakaYesu ukushumayela. AmaKristu okuqala athethelela ‘iindaba ezilungileyo, ezama ukuba zibe semthethweni.’ (Filipi 1:7) AmaNgqina KaYehova enza loo nto nanamhlanje. a

Funda iZenzo 5:27-42, nize nincokole ngalo mbuzo:

UKUBA UMNTU UTHI: “Kutheni amaNgqina KaYehova ehamba enkqonkqoza emizini yabantu?”

  • Uza kuthini wena?

UFUNDE NTONI?

UYesu wathi abalandeli bakhe mabashumayele iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga. UYehova uyabanceda abantu bakhe ukuze bawenze lo msebenzi.

KHAWUTSHO

  • Zishunyayelwa njani iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke?

  • Umsebenzi wethu wokushumayela ubonisa njani ukuba siyabathanda abamelwane bethu?

  • Ucinga ukuba ukushumayela kunokusenza sonwabe? Kutheni usitsho?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Bukela indlela amaNgqina KaYehova ashumayela ngayo kwiidolophu ezinkulu.

Iphulo Lokushumayela EParis (5:11)

Enze ntoni amaNgqina KaYehova ukuze ancede iimbacu?

Ukushumayela Kwiimbacu (5:59)

Yiva umntu obalisa ngendlela ekumvuyisa ngayo ukuphila ubomi bakhe eshumayela.

Ndazinceda Ngokukhetha Lo Msebenzi (6:29)

Funda ngezinye izigqibo zenkundla ezibalulekileyo ezenza kwalula ukushumayela iindaba ezilungileyo.

“Abavakalisi BoBukumkani Baya Ezinkundleni” (UBukumkani BukaThixo Buyalawula!, isahluko 13)

a NguThixo othi masishumayele. Yiloo nto amaNgqina KaYehova engalindi mvume yabantu abasemthethweni ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo.