Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 22

Xelela Abanye Ngeendaba Ezilungileyo

Xelela Abanye Ngeendaba Ezilungileyo

Njengokuba ufunda iBhayibhile usenokuthi, ‘Bonke abantu kufuneka bayazi le nto.’ Unyanisile. Kodwa usenokoyika ukuxelela abantu ngezinto ozifundileyo. Makhe sithethe ngezinto onokuzenza ukuze uyeke ukoyika uze uncokole nabantu ngeendaba ezilungileyo eziseBhayibhileni.

1. Ngoobani onokubaxelela ngezinto ozifundileyo?

Kudala, abafundi bakaYesu bathi: “Asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” (IZenzo 4:20) Babezithanda izinto ababezifundiswe nguYesu. Loo nto yabenza bafuna ukuxelela wonke umntu ngazo. Ngaba nawe unjalo? Ukuba uthi ewe, ncokola nentsapho nabahlobo bakho ngezinto ozifundileyo.​—Funda amaKolose 4:6.

Ezinye iindlela zokuqalisa ukushumayela

  • Xa uncokola nomntu wakowenu, qalisa ukuthetha ngeBhayibhile ngokuthi: “Ndifunde into ebendingayazi kule veki.”

  • Ukuba unomhlobo ogulayo okanye onexhala lento, mbonise ivesi eza kumkhuthaza.

  • Xa umntu osebenza naye ekubuza ukuba ibinjani impela-veki, mxelele ngezinto ozifundileyo kwisifundo sakho okanye kwiintlanganiso.

  • Bonisa abahlobo bakho iwebhsayithi ethi jw.org.

  • Cela abanye babe khona xa ufundelwa iBhayibhile, okanye ubabonise ukuba bangazicelela njani isifundo seBhayibhile ku-jw.org.

2. Kungakunceda njani ukushumayela nebandla?

Abafundi bakaYesu zange baxelele abantu ababaziyo qha ngeendaba ezilungileyo. UYesu wabathuma “ngababini kuzo zonke izixeko” ukuba bayokushumayela. (Luka 10:1) Loo nto yanceda abantu abaninzi baziva iindaba ezilungileyo. Ukushumayela kunye kwabavuyisa aba bafundi. (Luka 10:17) Awunakuzimisela nawe ukuba ushumayele nebandla?

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ngezinto onokuzenza ukuze uyeke ukoyika kuze kukuvuyise ukuncokola ngeendaba ezilungileyo.

3. UYehova uza kuba nawe

Abanye abantu abafuna ukushumayela baye babe nexhala lento abaza kuyithetha okanye eza kuthethwa ngulo mntu baza kuncokola naye.

  • Uyoyika ukuxelela abanye ngezinto ozifundileyo? Ngoba?

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Olu lutsha lungamaNgqina luncedwe yintoni ukuze luyeke ukoyika?

Funda uIsaya 41:10, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni umele uthandaze xa usoyika ukushumayela?

Ngaba ubuyazi?

AmaNgqina KaYehova amaninzi ayesithi awasoze akwazi ukushumayela. Ngokomzekelo, uSergey wayengazithembanga futhi kunzima kuye ukuthetha nabanye abantu. Waye wafunda iBhayibhile. Uthi: “Ndandisoyika kodwa ndathetha nabantu ngezinto endandizifunda. Ndothuswa yinto yokuba ukuthetha nabantu ngeBhayibhile kwandinceda ndazithemba, kwaqinisa nokholo lwam.”

4. Bahloniphe abantu

Xa uza kuxelela abantu ngeendaba ezilungileyo, sukucinga ngento oza kuyithetha qha kodwa cinga nangendlela oza kuyithetha ngayo. Funda 2 Timoti 2:24 no-1 Petros 3:15, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ungazisebenzisa njani ezi vesi xa uncokola nabantu ngeBhayibhile?

  • Abanye kwintsapho yakho okanye abahlobo basenokungavumelani nawe. Yintoni onokuyenza? Yintoni ongamele uyenze?

  • Kutheni kusenokufuneka usebenzise imibuzo ngobuchule endaweni yokuxelela abantu into abamele bayikholelwe?

5. Ukushumayela kukwenza wonwabe

UYehova wathi kuYesu makashumayele iindaba ezilungileyo. Ngaba wawubalulekile kuYesu lo msebenzi? Funda uYohane 4:34, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ukutya okusempilweni kusinceda siphile size sonwabe. Kwakutheni ukuze uYesu athi ukwenza ukuthanda kukaThixo, njengokushumayela, kufana nokutya?

  • Xa uncokola ngeendaba ezilungileyo, ucinga ukuba ziintoni eziza kukwenza uvuye?

Amacebiso

  • Kwiintlanganiso zaphakathi evekini, mamela ukuba unokuyiqalisa njani incoko.

  • Buza umntu ofunda naye ukuba unokwenza njani ukuze wenze intetho okanye umboniso kwiintlanganiso zaphakathi evekini. Ukwenza iintetho okanye imiboniso kuza kukunceda ude ukwazi ukuxelela abanye ngezinto ozifundayo.

  • Zama ukuphendula izinto ezidla ngokubuzwa nezidla ngokuthethwa ngabantu ezikule ncwadi, kwindawo ethi “Abanye Abantu Bathi” okanye ethi “Ukuba Umntu Uthi.”

UKUBA UMNTU UTHI: “Uzifihle phi?”

  • Ungalisebenzisa njani eli thuba ukuze umxelele ngezinto ozifunde eBhayibhileni?

UFUNDE NTONI?

Uyonwaba xa uxelela abanye ngeendaba ezilungileyo. Ungacinga ukuba kunzima kakhulu xa ungekaqali kodwa kunokuba lula.

Khawutsho

  • Kutheni umele uxelele abanye ngeendaba ezilungileyo?

  • Ungashumayela njani ngembeko?

  • Ungenza njani ukuze uyeke ukoyika ukushumayela?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ngeendlela ezine ezilula onokushumayela ngazo usebenzisa ikhadi le-jw.org.

Intshayelelo YeKhadi Le-jw.org Onokuyisebenzisa (1:43)

Funda ngeempawu ezine ezinokukunceda ukwazi ukushumayela.

“Ngaba Ukulungele Ukuba Ngumlobi Wabantu?” (IMboniselo, Septemba 2020)

Jonga indlela ibali eliseBhayibhileni elinokusinceda ngayo sibe nesibindi sokushumayela iindaba ezilungileyo nokuba sibancinci.

UYehova Uza Kukunceda Ube Nesibindi (11:59)

Yiva ukuba ungabaxelela njani ngeBhayibhile abantu bakowenu abangekafundi ngoYehova.

“Ukufikelela Intliziyo Yezalamane EzingengomaNgqina” (IMboniselo, Matshi 15, 2014)