Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 24

Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?

Ithini IBhayibhile Ngeengelosi?

UYehova ufuna siyazi intsapho yakhe esezulwini. Kule ntsapho, kukho neengelosi ekuthiwa ‘ngoonyana bakaThixo.’ (Yobhi 38:7) Ithini iBhayibhile ngeengelosi? Ngaba ziyabanceda okanye ziyabenzakalisa abantu? Ngaba zonke iingelosi zikwintsapho kaThixo?

1. Ungathini xa uchaza iingelosi?

UYehova waqala wadala iingelosi ngaphambi kokuba adale umhlaba. Zifana naye, azibonakali futhi zihlala ezulwini. (Hebhere 1:14) Kukho iimiliyoni zeengelosi ibe azifani. (ISityhilelo 5:11) ‘Ziyamthobela uYehova zize zenze ngokwelizwi lakhe.’ (INdumiso 103:20) Kudala, uYehova wayethuma ezi ngelosi ukuba ziyokuxelela abantu imiyalezo evela kuye, zibancede zize zibakhusele abantu bakhe. Namhlanje, iingelosi zikhokela amaKristu ukuba aye ebantwini abafuna ukufunda ngoThixo.

2. Ngubani uSathana needemon zakhe?

Ezinye iingelosi zamjikela uYehova. Kwaqala “le ibizwa ngokuba nguMtyholi, uSathana, lo ulahlekisa umhlaba wonke.” (ISityhilelo 12:9) USathana wafuna ukuba ibe nguye olawulayo waza wenza ukuba uAdam noEva bangamthobeli uYehova, emva koko wenza nezinye iingelosi azamthobela uYehova. Ezo ngelosi kuthiwa ziidemon. UYehova wazigxotha ezulwini waza waziphosa emhlabeni, ibe ziza kutshatyalaliswa.​—Funda iSityhilelo 12:9, 12.

3. USathana needemon zakhe babaqhatha njani abantu?

USathana uqhatha abantu abaninzi ngokubenza basebenzisane needemon. Ukusebenzisana needemon kukuzama ukuthetha ngqo nabantu abaswelekileyo. Ngokomzekelo, abanye baya ebantwini abavumisa ngeenkwenkwezi, abantu abachaza izinto kwangaphambili, emagqirheni, bafunda neencwadi ezitolika amaphupha. Abanye baye bafune ukunyangwa besebenzisa iindlela ezidibene needemon. USathana needemon zakhe baqhatha abantu, babenze bacinge ukuba banokuthetha nabantu abaswelekileyo. Kodwa uYehova uyasilumkisa. Uthi: “Musani ukuphethukela emagqirheni, yaye ningabuzisi kwabo bachaza izinto kwangaphambili.” (Levitikus 19:31) Usilumkisa kuba esikhusela kuSathana needemon zakhe. Kaloku baziintshaba zikaThixo, ibe bafuna ukusenzakalisa.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba iingelosi zisinceda njani, indlela ekuyingozi ngayo ukusebenzisana needemon nokuba singazikhusela njani kuSathana needemon zakhe.

4. Iingelosi zinceda abantu bafunde ngoYehova

Ayizongelosi zikaThixo ezishumayela ebantwini. Kodwa zisenokwalathisa abakhonzi bakaThixo ukuba baye ebantwini abafuna ukufunda ngoYehova. Funda iSityhilelo 14:6, 7, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni sikudinga ukuncedwa ziingelosi xa sishumayela?

  • Ngaba iyakukhuthaza into yokwazi ukuba iingelosi zinokukukhokela ukuba uye ebantwini abafuna ukufunda iBhayibhile? Kutheni usitsho?

5. Sukuzidibanisa needemon

USathana needemon ziintshaba zikaYehova. Bazizo neentshaba zethu. Funda uLuka 9:38-42, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Iidemon zibenza ntoni abantu?

Asifuni ukusebenzisana needemon. Funda iDuteronomi 18:10-12, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Zeziphi iindlela ezisetyenziswa ziidemon ukuze zizame ukusiqhatha zize zithethe nathi? Zeziphi izinto ezidla ngokwenziwa kwindawo ohlala kuyo?

  • Ucinga ukuba uYehova uyazibaxa izinto xa engafuni sibe nento esidibanisa needemon? Kutheni usitsho?

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Ucinga ukuba iyingozi into esesihlahleni somntana kaPalesa? Kutheni usitsho?

  • Yintoni ekwakufuneka ayenze uPalesa ukuze azikhusele kwiidemon?

Kudala amaKristu okwenene engazidibanisi needemon. Funda iZenzo 19:19; 1 Korinte 10:21, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kubalulekile ukutshisa nantoni na onayo edibene needemon?

6. Ungamoyisa uSathana needemon zakhe

Iidemon zilawulwa nguSathana. Kodwa iingelosi zikaThixo zona zikhokelwa ngumphathi wazo, uMikayeli. UMikayeli lelinye igama likaYesu. Unamandla angakanani? Funda iSityhilelo 12:7-9, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngomphi oyena unamandla phakathi koMikayeli neengelosi zakhe, noSathana needemon zakhe?

  • Ucinga ukuba abalandeli bakaYesu bamele bamoyike uSathana needemon zakhe?

Ungamoyisa uSathana needemon zakhe. Funda uYakobi 4:7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ungazikhusela njani kuSathana needemon zakhe?

ABANYE ABANTU BATHI: “Akhonto irongo ngokudlala okanye ukubukela izinto ezidibene needemon. Andizode ndizenze.”

  • Kutheni kuyingozi ukucinga ngolo hlobo?

UFUNDE NTONI?

Iingelosi ezithobela uThixo ziyasinceda. USathana needemon zakhe baziintshaba zikaYehova, basebenzisa izinto ezidibene needemon ukuze baqhathe abantu.

Khawutsho

  • Iingelosi zikaYehova zibanceda njani abantu abafuna ukumazi?

  • Ngubani uSathana needemon zakhe?

  • Kutheni ungafuni kwanto edibene needemon?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba kutheni sisithi uYesu unguMikayeli, umphathi weengelosi.

“Ngubani UMikayeli, Isiphatha-zingelosi?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda inqaku elibonisa ukuba uMtyholi ukho ngokwenene.

“Ngaba UMtyholi Ukho Ngokwenene?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ngebhinqa elakhululekayo kwizinto ezidibene needemon.

“Lafumana Injongo Ebomini” (IMboniselo, Julayi 1, 1993)

Funda ngeendlela uSathana azisebenzisa ngayo iidemon ukuze aqhathe abantu.

“Inyaniso Ngomlingo, Ukukhafula Nobugqwirha” (Indlela Esa Ebomini, icandelo 5)