Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 25

UThixo Ufuna Siphile Ubomi Obunjani?

UThixo Ufuna Siphile Ubomi Obunjani?

IBhayibhile ithi abantu ‘banobomi obufutshane obugcwele iinkathazo.’ (Yobhi 14:1) Ngaba uThixo ufuna siphile ubomi obunjalo? Ukuba akafuni, ufuna siphile njani? Ngaba siya kuze siphile ngendlela ayifunayo? Khawuve ukuba ithini iBhayibhile.

1. UYehova ufuna siphile ubomi obunjani?

UYehova ufuna siphile obona bomi bumnandi. Xa wadala abantu bokuqala, uAdam noEva, wababeka kwiparadesi entle, umyezo wase-Eden. Emva koko, “Wabasikelela waza wathi kubo: ‘Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.’” (Genesis 1:28) UYehova wayefuna babe nabantwana, benze umhlaba wonke ube yiparadesi baze bahoye izilwanyana. Eyona nto wayeyifuna kukuba bonke abantu baphile kamnandi ngonaphakade.

Asiphili njalo namhlanje, a kodwa ayikatshintshi into uThixo ayifunayo. (Isaya 46:10, 11) Usafuna abantu abamthobelayo baphile ubomi obumnandi ngonaphakade.​—Funda iSityhilelo 21:3, 4.

2. Yintoni enokusenza sonwabe ngoku sineengxaki?

UYehova usidale safuna ukukhokelwa nguye, yiloo nto sifuna ukumazi size simkhonze. (Funda uMateyu 5:3-6.) Ufuna sibe ngabahlobo bakhe abasondeleyo, ‘sihambe ezindleleni zakhe zonke, simthande, size simkhonze ngentliziyo yethu yonke.’ (Duteronomi 10:12; INdumiso 25:14) Ukuba senza loo nto, siza konwaba ngoku sineengxaki. Xa sikhonza uYehova, iyacaca eyona nto siyiphilelayo kuba senza izinto ngendlela ayifunayo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ngendlela uYehova abonise ngayo ukuba uyasithanda ngokusilungiselela umhlaba, nokuba iLizwi lakhe lisifundisa ntoni ngendlela afuna siphile ngayo.

3. UYehova ufuna abantu baphile kamnandi

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kwakutheni ukuze uThixo adale umhlaba?

Funda iNtshumayeli 3:11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Le vesi ikufundisa ntoni ngoYehova?

4. Ayikatshintshi into uYehova ayifunayo

Funda iNdumiso 37:11, 29 noIsaya 55:11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Siyazi njani ukuba ayikatshintshi into uYehova ayifunayo?

5. Ukukhonza uYehova kusenza siyazi into esiyiphilelayo

Ukwazi ukuba uYehova ufuna siphile ubomi obunjani kusenza sonwabe. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kwamnceda njani uTerumi ukufunda ngobomi uYehova afuna sibuphile?

Funda iNtshumayeli 12:13, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ziintoni esimele sizenze ngenxa yazo zonke izinto uYehova asenzele zona?

UKUBA UMNTU UTHI: “Kwakutheni ukuze sidalwe?”

  • Ungamphendula njani?

UFUNDE NTONI?

UYehova ufuna siphile kamnandi ngonaphakade apha emhlabeni. Xa sikhonza uYehova ngentliziyo yethu yonke siza konwaba ngoku sineengxaki.

Khawutsho

  • UYehova wayefuna uAdam noEva baphile ubomi obunjani?

  • Siyazi njani ukuba ayikatshintshi into uThixo ayifunayo?

  • Yintoni enokukunceda ube nento oyiphilelayo?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba kutheni siqinisekile ukuba umyezo wase-Eden wawukhona.

“Ngaba Umyezo Wase-Eden Yintsomi Okanye Yinyaniso?” (IMboniselo, Januwari 1, 2011)

Funda ukuba kutheni siqinisekile ukuba umhlaba awuzukutshatyalaliswa.

“Ngaba Umhlaba Uza Kutshatyalaliswa?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ukuba ithini iBhayibhile ngokwazi injongo yobomi.

“Yintoni Injongo Yobomi?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Bukela indlela indoda eyayicinga ukuba inento yonke eyayifumana ngayo into eyayishota.

Ngoku Ndiyayazi Into Endiyiphilelayo (3:55)

a Kwisifundo esilandelayo, uza kufunda ukuba kutheni singaphili ubomi obumnandi namhlanje.