Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 27

Ukufa KukaYesu Kungasisindisa Njani?

Ukufa KukaYesu Kungasisindisa Njani?

Siyona, sehlelwe zizinto ezibuhlungu size sife kuba abantu bokuqala, uAdam noEva bengazange bamthobele uThixo. a Kodwa ke sinalo ithemba. UYehova wenze indlela yokusisindisa kwisono nokufa esebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu. IBhayibhile ifundisa ukuba wasihlawulela ngokufa kwakhe. Xa kuhlawulwa, kubhatalwa imali ukuze kukhululwe umntu. UYesu wahlawula ngexabiso lobomi bakhe obugqibeleleyo. (Funda uMateyu 20:28.) Xa uYesu wanikela ngobomi bakhe wasivulela indlela yokuphinda sifumane zonke izinto uAdam noEva abalahlekelwa zizo. UYesu wabonisa nendlela yena noYehova abasithanda ngayo. Esi sifundo siza kukunceda ukuxabise kakhulu ukufa kukaYesu.

1. Ukufa kukaYesu kusinceda njani?

Senza izinto ezininzi ezingafunwayo nguYehova kuba sinesono. Kodwa ukuba sizisola nyhani ngesono esisenzileyo, sicele uYehova egameni likaYesu Kristu ukuba asixolele size sizame kangangoko ukungayiphindi loo mpazamo sinokuba ngabahlobo bakaThixo. (1 Yohane 2:1) IBhayibhile ithi: “KwanoKristu olilungisa wafa kwaba kanye, efela izono zabo bangengomalungisa, ukuze anisondeze kuThixo.”​—1 Petros 3:18.

2. Ukufa kukaYesu kuza kusinceda njani kwixesha elizayo?

UYehova wathumela uYesu ukuba azokunikela ngobomi bakhe obugqibeleleyo “ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo [uYesu] aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ngenxa yento eyenziwa nguYesu, uYehova sele eza kuzilungisa zonke izinto ezibuhlungu ezenzekayo kuba uAdam engazange athobele. Loo nto ithetha ukuba, ukuba sikuxabisa nyhani ukusifela kukaYesu siza kwenza izinto ezibonisa ukuba sinokholo, size sibe nethemba lokuphila ubomi obumnandi kwiparadesi esemhlabeni!​—Isaya 65:21-23.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba kwakutheni ukuze uYesu anikele ngobomi bakhe, nokuba ikunceda njani loo nto.

3. Ukufa kukaYesu kusikhulula esonweni nasekufeni

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Walahlekelwa yintoni uAdam ngenxa yokungamthobeli uThixo?

Funda amaRoma 5:12, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kwenzeke ntoni kuwe ngenxa yesono esenziwa nguAdam?

Funda uYohane 3:16, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kwakutheni ukuze uYehova athumele uNyana wakhe emhlabeni?

  1. UAdam wayeyindoda egqibeleleyo engazange imthobele uThixo. Ngenxa yaloo nto, abantu bayona baze bafe

  2. UYesu wayeyindoda egqibeleleyo eyayithobela uThixo. Ngenxa yaloo nto, abantu banethuba lokuphila ubomi obumnandi, kungekho sono ngonaphakade

4. Ukufa kukaYesu kunganceda wonke umntu

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukufa komntu omnye kubanceda njani bonke abantu?

Funda 1 Timoti 2:5, 6, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UAdam wayeyindoda egqibeleleyo, kodwa ngenxa yesono awasenzayo, bonke abantu bayona baze bafe. NoYesu wayeyindoda egqibeleleyo njengoAdam. Ngoko, xa uYesu wayesifa kwenzeka njani ukuba “ahlawulele wonke umntu”?

5. Ukuhlawulelwa kwethu kusisipho sakho esivela kuYehova

Abahlobo bakaYehova bayayazi ukuba ukuhlawulelwa kwezono zethu sisipho sabo. Ngokomzekelo, funda amaGalati 2:20, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Umpostile uPawulos wabonisa njani ukuba ukufa kukaYesu kusisipho sakhe?

Xa uAdam wonayo wayeza kufa baze bafe nabo bonke abantwana bakhe. Kodwa uYehova wathumela uNyana wakhe ukuba azokusifela ukuze ukwazi ukuphila ubomi obumnandi ngonaphakade.

Xa ufunda ezi vesi, khawucinge ngendlela uYehova awayeziva ngayo xa uNyana wakhe wayesentlungwini. Funda uYohane 19:1-7, 16-18, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Uziva njani ngento uYehova noYesu abakwenzele yona?

UKUBA UMNTU UTHI: “Kwenzeka njani ukuba umntu omnye afele bonke abantu?”

  • Ungamphendula njani?

UFUNDE NTONI?

Kuba safelwa nguYesu, uYehova unokuzixolela izono zethu size sibe nethuba lokuphila ngonaphakade.

Khawutsho

  • Kwakutheni ukuze uYesu afe?

  • Kuba uYesu wayeyindoda egqibeleleyo, kwenzeka njani ukuba ahlawulele wonke umntu?

  • Ukufa kukaYesu kungakunceda njani?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba kutheni kusithiwa ukunikela kukaYesu ngobomi bakhe obugqibeleleyo kukusihlawulela.

“Ukuzincama KukaYesu Kuyiyo Njani ‘Intlawulelo Kwabaninzi’?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ukuba yintoni omele uyenze ukuze usindiswe esonweni nasekufeni.

“UYesu Uyasindisa—Njani?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Jonga indlela ukufunda ngokuzincama kukaKristu ekwayinceda ngayo enye indoda eyayimane icinga ngezinto ezibuhlungu ezakha zenzeka.

“Ukukhumbula Uthando Endandinalo Kuqala Kundincede Ndanyamezela” (IMboniselo, Julayi 15, 2015)

a Xa kuthethwa ngesono akuthethwa ngokwenza izinto ezimbi qha, kodwa kukwathethwa nangokuba umzimba wethu ufuna ukwenza izinto ezimbi kuba singabantwana baka-Adam noEva.