Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 29

Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Siswelekile?

Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Siswelekile?

Ngaba wakhe waswelekelwa? Ukuba yakhe yenzeka loo nto, mhlawumbi uyazibuza: ‘Kwenzeka ntoni ebantwini xa beswelekile? Ngaba likhona ithemba lokuba siya kuze siphinde sibabone abantu abaswelekileyo?’ Kwesi sifundo, nakwesilandelayo, uza kuva iimpendulo ezithuthuzelayo ezisuka eBhayibhileni.

1. Kwenzeka ntoni ebantwini xa beswelekile?

UYesu wafanisa ukufa nokulala. Ukufa kufana njani nokulala? Umntu osebuthongweni akayazi ukuba kwenzeka ntoni kwindawo akuyo. Xa umntu eswelekile akeva ntlungu. IBhayibhile ithi abantu “abafileyo abazi nto kwaphela.”​—Funda iNtshumayeli 9:5.

2. Kusinceda ngantoni ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo?

Abantu abaninzi bayakoyika ukufa, boyika nabantu abaswelekileyo. Kodwa ingakuthuthuzela into ethethwa yiBhayibhile ngokufa. UYesu wathi: “Inyaniso iza kunikhulula.” (Yohane 8:32) Ezinye iinkonzo zifundisa ukuba kukho into eqhubeka iphila emntwini xa eswelekile. Kodwa iBhayibhile ayitsho. Loo nto ithetha ukuba akukho mntu uba sezintlungwini xa eswelekile. Enye into, abantu abaswelekileyo abanakusenzakalisa kuba akukho nto bayaziyo. Ngenxa yaloo nto, asikho isizathu sokuba sibakhonze okanye senze izinto kuba sisithi asifuni baqumbe. Asinaso nesizathu sokubathandazela.

Abanye abantu bathi bayakwazi ukuthetha nabantu abaswelekileyo, kanti nabo abantu baswelekileyo bayathetha nabo. Kodwa ayinakwenzeka loo nto. Kaloku besifundile ukuba abantu abaswelekileyo “abazi nto kwaphela.” Kusenokwenzeka ukuba abantu abacinga ukuba bathetha nabantu abaswelekileyo bathetha needemon ezizenza abo bantu. Ngenxa yaloo nto, ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo kusikhusela kwiidemon. UYehova uyasilumkisa ngokuthetha nabantu abaswelekileyo kuba uyayazi ukuba iidemon ziza kusenzakalisa.​—Funda iDuteronomi 18:10-12.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ezinye izinto ezifundiswa yiBhayibhile ngabantu abaswelekileyo, uze uqinise ukholo lwakho kuThixo osithandayo ongasoze avume ukuba abantu abaswelekileyo bangcungcutheke.

3. Funda ukuba kwenzeka ntoni xa umntu eswelekile

Emhlabeni wonke, abantu bakholelwa izinto ezingafaniyo ngento eyenzeka emntwini xa eswelekile. Kodwa, azinokuba yinyani zonke.

  • Kwindawo ohlala kuyo, abantu bathi kwenzeka ntoni ebantwini xa beswelekile?

Ukuze uve ukuba iBhayibhile ifundisa ntoni, dlala IVIDIYO.

Funda iNtshumayeli 3:20, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Le vesi ithi kwenzeka ntoni emntwini xa eswelekile?

  • Ngaba ikhona into eqhubeka iphila emntwini xa eswelekile?

IBhayibhile isixelela ngokusweleka komhlobo kaYesu, uLazaro. Funda uYohane 11:11-14, uze ubone ukuba uYesu wathini ngoLazaro. Emva koko, nincokole ngale mibuzo:

  • UYesu wakufanisa nantoni ukufa?

  • Loo nto isixelela ntoni ngabantu abaswelekileyo?

  • Uziva njani ngento efundiswa yiBhayibhile ngabantu abaswelekileyo?

4. Ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo kuyasinceda

Ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo kusenza singaboyiki. Funda iNtshumayeli 9:10, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ngaba abantu abaswelekileyo bangasenzakalisa?

Inyani esiyifunda eBhayibhileni isinceda singakholelwa ukuba kufuneka sibakhonze abantu abaswelekileyo okanye sibenzele izinto kuba sisithi baza kusiqumbela. Funda uIsaya 8:19 neSityhilelo 4:11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ucinga ukuba uYehova uziva njani xa umntu ekhonza okanye efuna ukuncedwa ngumntu oswelekileyo?

Ukwazi inyani ngento eyenzekayo ebantwini abaswelekileyo kusikhulula kwizinto ezidla ngokwenziwa ezingafunwayo nguThixo

5. Ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo kuyasithuthuzela

Abantu abaninzi bafundiswe ukuba xa beswelekile baza kungcungcuthekiswa ngenxa yezinto ezimbi ebebezenza. Kodwa kuyasithuthuzela ukwazi ukuba akukho mntu uva iintlungu xa eswelekile nokuba ebesenza izinto ezimbi kangakanani na. Funda amaRoma 6:7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • IBhayibhile ithi xa umntu eswelekile uThixo uzixolele izono zakhe. Ngoko wena ucinga ukuba xa umntu eswelekile uba sezintlungwini ngenxa yezinto ezimbi ebezenza?

Xa sisiya sifunda ngoYehova, siye sibone ukuba abasoze bangcungcutheke abantu abaswelekileyo. Funda iDuteronomi 32:4 no-1 Yohane 4:8, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngaba uThixo oneempawu ezichazwe kwezi vesi angavuma ukuba abantu abaswelekileyo bangcungcutheke?

  • Ngaba ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo kuyakuthuthuzela? Kutheni usitsho?

UKUBA UMNTU UTHI: “Ndinexhala, kuba andiyazi ukuba ndiza kuya phi xa ndiswelekile.”

  • Yeyiphi ivesi ethuthuzelayo onokumbonisa yona?

UFUNDE NTONI?

Xa umntu eswelekile, akukho nto ayaziyo. Abantu abaswelekileyo abeva ntlungu, bengenakubenzakalisa nabantu abaphilayo.

Khawutsho

  • Kwenzeka ntoni ebantwini xa beswelekile?

  • Kusinceda ngantoni ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo?

  • Kusithuthuzela njani ukwazi inyani ngento eyenzeka ebantwini abaswelekileyo?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Yiva ukuba iBhayibhile ithi yintoni kanye kanye umphefumlo.

“Yintoni Umphefumlo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Yiva ukuba uThixo ubangcungcuthekisa esihogweni na abantu abenza izinto ezimbi.

Ngaba Isihogo Yindawo Ekhoyo Nyhani Ekungcungcuthekiswa Kuyo Abantu? (3:08)

Funda indlela eyathuthuzeleka ngayo enye indoda xa yafunda ukuba kwenzeka ntoni kuthi xa siswelekile.

“Ndamangaliswa Ziimpendulo ZeBhayibhile Ezicacileyo Nezivakalayo” (IMboniselo, Februwari 1, 2015)