Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 30

Abantu Obathandayo Abaswelekileyo Bangaphinda Baphile!

Abantu Obathandayo Abaswelekileyo Bangaphinda Baphile!

Ukuswelekelwa kusenza sikhathazeke kakhulu. Yiloo nto iBhayibhile isithi ukufa lutshaba. (1 Korinte 15:​26) KwiSifundo 27, uvile ukuba uYehova uza kuloyisa olu tshaba. Kodwa kuza kwenzeka ntoni ngaba bantu sele beswelekile? Kwesi sifundo, uza kufunda ngesinye isithembiso sikaYehova esivuyisayo. UYehova uza kuvusa abantu abaninzi kakhulu baze baphile kamnandi ngonaphakade. Ingenzeka nyhani loo nto? Xa bevuswa, baza kuphila ezulwini okanye apha emhlabeni?

1. UThixo ufuna ukwenza ntoni?

UYehova ufuna nyhani ukuvusa abantu abaswelekileyo. Indoda eyayinokholo uYobhi, yayiqinisekile ukuba uThixo soze ayilibale xa iswelekile. Yathi kuThixo: “Uza kubiza, ndisabele [ndisengcwabeni].”​—Funda uYobhi 14:​13-​15.

2. Siyazi njani into yokuba abantu bangavuswa?

Xa uYesu wayelapha emhlabeni, uThixo wamnika amandla okuvusa abantu abaswelekileyo. Wavusa intombazana eneminyaka eyi-12 nonyana womhlolokazi. (Marko 5:​41, 42; Luka 7:​12-​15) Ekuhambeni kwexesha, kwasweleka nomhlobo wakhe, uLazaro. Yayiseziintsuku ezine engcwatyiwe, kodwa uYesu wakwazi ukumvusa. Wathandaza kuThixo, waza wathi: “Lazaro, phuma!” Yaza “yaphuma le ndoda yayifile.” ULazaro waphinda waphila! (Yohane 11:​43, 44) Ungayicinga nawe indlela abamele ukuba babevuya ngayo abantu bakuloLazaro nabahlobo bakhe!

3. Leliphi ithemba onalo ngabantu obathandayo abaswelekileyo?

IBhayibhile ithi: “UThixo uza kuvusa abantu abangamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:​15) Bonke abantu ababevuswe nguYesu xa wayelapha emhlabeni zange baye ezulwini. (Yohane 3:​13) Wabavusa baphila apha emhlabeni, ibe babevuya. Njengakudala, uYesu seza kuvusa abantu abaninzi kakhulu baze baphile kamnandi ngonaphakade apha emhlabeni. Wathi “bonke abasemangcwabeni” baza kuvuswa. Naba sisenokucinga ukuba balityelwe, uThixo uyabakhumbula.​—Yohane 5:​28, 29.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda izinto ezisuka eBhayibhileni ezinokukwenza uqiniseke ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. Yiva ukuba ukuvuswa kwabantu abaswelekileyo kungakunceda njani uthuthuzeleke uze ube nethemba.

4. UYesu wabonisa ukuba angabavusa abantu abaswelekileyo

Funda ngento uYesu awayenzela umhlobo wakhe, uLazaro. Funda uYohane 11:​14, 38-​44, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Siyazi njani into yokuba uLazaro wayesweleke nyhani?​—Jonga ivesi 39.

  • Ukuba uLazaro wayesezulwini, ucinga ukuba uYesu ebeza kumvusela apha emhlabeni?

Dlala IVIDIYO.

5. Abantu abaninzi baza kuvuswa

Funda iNdumiso 37:29, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Abantu abaninzi abaza kuvuswa, baza kuhlala phi?

UYesu uza kuvusa abantu abaninzi kakhulu. Akazokuvusa abantu ababekhonza uYehova qha. Funda iZenzo 24:​15, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Xa abantu bevuswa, ngubani ofuna ukuphinda umbone?

Khawucinge ngale nto: Utata umvusa lula umntwana wakhe oleleyo. NoYesu angamvusa lula ngolo hlobo umntu oswelekileyo

6. Ukuvuswa kwabantu kungakuthuthuzela kuze kukuncede ube nethemba

Ibali eliseBhayibhileni lentombi kaYayiro, lithuthuzele laza lakhuthaza abantu abaninzi abaswelekelweyo. Ukuze uve ukuba kwenzeka ntoni, funda uLuka 8:​40-​42, 49-​56.

Ngaphambi kokuba uYesu avuse intombi kaYayiro, wathi kuYayiro: “Ungakhathazeki, yiba nokholo nje wena.” (Jonga ivesi 50.) Ithemba lokuba abantu baza kuvuswa lingakunceda njani . . .

  • xa uswelekelwe ngumntu omthandayo?

  • xa ubona ukuba ubomi bakho busengozini?

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ithemba lokuba abantu baza kuvuka labathuthuzela laza labakhuthaza njani abazali bakaPhelicity?

ABANYE ABANTU BATHI: “Kunzima ukukholelwa ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa.”

  • Ucinga ntoni wena?

  • Yeyiphi ivesi onokuyisebenzisa ukuze ubonise ukuba abantu baza kuvuswa?

UFUNDE NTONI?

IBhayibhile ithi kuza kuvuswa abantu abaninzi kakhulu abaswelekileyo. UYehova ufuna baphinde baphile, unike noYesu amandla okubavusa.

Khawutsho

  • Ngaba uYehova noYesu bayakufuna ukuvusa abantu? Kutheni usitsho?

  • Abantu abaninzi abaza kuvuswa baza kuphila ezulwini okanye emhlabeni? Kutheni usitsho?

  • Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba abantu obathandayo abaswelekileyo uza kuphinda ubabone?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba ziintoni onokuzenza ukuze unyamezele intlungu yokuswelekelwa.

Ukuthuthuzela Abantu Abaswelekelweyo (Vukani! No. 3 2018)

Ngaba imigaqo yeBhayibhile ingamnceda nyhani umntu oswelekelweyo?

Xa Uswelekelwe (5:06)

Abantwana bangayinyamezela njani intlungu yokuswelekelwa?

Intlawulelo (2:07)

Ngaba bakhona abantu abaza kuvuselwa ezulwini? Ngoobani abangazukuvuswa?

“Yintoni Uvuko?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)