Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 32

UBukumkani BukaThixo Buyalawula

UBukumkani BukaThixo Buyalawula

UBukumkani BukaThixo baqala ukulawula ezulwini ngo-1914. Yaqala ngelo xesha nemihla yokugqibela yokulawula kwabantu. Siyazi njani loo nto? Siza kuthetha ngento iBhayibhile eyathi iza kwenzeka, izinto ezenzekayo ngoku emhlabeni nendlela abantu ebebezenza ngayo izinto ukususela ngo-1914.

1. IBhayibhile yathi kuza kwenzeka ntoni?

Incwadi yeBhayibhile, uDaniyeli, yabonisa ukuba uBukumkani BukaThixo babuza kuqalisa ukulawula ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe.’ (Daniyeli 4:16, 17) Kwiminyaka emininzi emva koko, uYesu wathi xa ethetha ngelo xesha, ‘lixesha ezilinikiweyo iintlanga,’ waza wafundisa nokuba lalingekapheli. (Luka 21:24) Njengokuba siza kubona, amaxesha asixhenxe aye aphela ngo-1914.

2. Ziintoni eziye zenzeka emhlabeni, ibe abantu baye baziphatha njani ukususela ngo-1914?

Abafundi bakaYesu bambuza ukuba: “Ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa ukho naxa sekuza kupheliswa ihlabathi?” (Mateyu 24:3) Xa uYesu wayebaphendula, wachaza ukuba zininzi izinto ezaziza kwenzeka emva kokuba eqalise ukulawula njengoKumkani woBukumkani BukaThixo ezulwini. Ezinye zezi zinto ziimfazwe, indlala neenyikima. (Funda uMateyu 24:7.) IBhayibhile yatsho kwakudala ukuba kwakuza kuba ‘nzima ukuyinyamezela’ indlela abantu ababeza kuziphatha ngayo “ngemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1-5) Ezi zinto zenzekayo ngoku emhlabeni nendlela abantu abaziphethe ngayo, yaqalisa ukubonakala nakakhulu ukususela ngo-1914.

3. Kutheni izinto ziye zambi kangaka emva kokuba uBukumkani BukaThixo buqalise ukulawula?

Emva nje kokuba uYesu enguKumkani woBukumkani BukaThixo, waba kwimfazwe noSathana needemon zakhe. USathana woyiswa kuloo mfazwe. IBhayibhile ithi: “Waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.” (ISityhilelo 12:9, 12) USathana unomsindo kakhulu kuba uyayazi ukuba uza kutshatyalaliswa. Yiloo nto esenza abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu emhlabeni wonke. Le nto isinceda siqonde ukuba kutheni izinto zimbi kangaka emhlabeni. UBukumkani BukaThixo buza kuzilungisa zonke ezo zinto.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga ukuba siyazi njani into yokuba uBukumkani BukaThixo baqala ukulawula ngo-1914 nokuba loo nto iza kusinceda njani.

4. Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo baqalisa ukulawula ngo-1914

UThixo wabangela uKumkani waseBhabhiloni, uNebhukadenetsare, aphuphe ngento eyayiza kwenzeka. Elo phupha, nendlela uDaniyeli awalichaza ngayo, yabonisa ukuba lithetha ngobukumkani bukaNebhukadenetsare nangoBukumkani BukaThixo.​—Funda uDaniyeli 4:17. a

Funda uDaniyeli 4:20-26, emva koko usebenzise itshathi ukuze uphendule le mibuzo:

  • (A) Wabona ntoni uNebhukadenetsare ephupheni lakhe?—Jonga ivesi 20 no-21.

  • (B) Yintoni eyayiza kwenzeka emthini?​—Jonga ivesi 23.

  • (C) Kwakuza kwenzeka ntoni ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe’?​—Jonga ivesi 26.

Iphupha Lomthi Lidibana Njani NoBukumkani BukaThixo?

ISIPROFETO (Daniyeli 4:20-36)

Ulawulo

(A) Umthi omkhulu

Ulawulo luyaphazanyiswa

(B) “Wugawuleni loo mthi,” kuze “kugqithe amaxesha asixhenxe”

Ulawulo luyabuyiselwa

(C) “Ubukumkani bakho buza kuphinda bube bobakho”

Xa yayiqala ukwenzeka into ekwakuprofetwe ngayo . . .

  • (D) Umthi wawumela bani?​—Jonga ivesi 22.

  • (E) Lwaphazamiseka njani ulawulo lwakhe?​—Funda uDaniyeli 4:29-33.

  • (F) Kwenzeka ntoni kuNebhukadenetsare ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe’?​—Funda uDaniyeli 4:34-36.

XA YAYIQALA UKWENZEKA INTO EKWAKUPROFETWE NGAYO

Ulawulo

(D) UNebhukadenetsare, uKumkani waseBhabhiloni

Ulawulo luyaphazanyiswa

(E) Emva ko-606 B.C.E., uNebhukadenetsare umkelwa ziingqondo aze angakwazi ukulawula kangangeminyaka esixhenxe

Ulawulo luyabuyiselwa

(F) UNebhukadenetsare ubuyela ezingqondweni aze aphinde alawule

Xa yayisenzeka okwesibini into ekwakuprofetwe ngayo . . .

  • (G) Umthi wawumela oobani?​—Funda 1 Kronike 29:23.

  • (H) Ulawulo lwabo lwaphazamiseka njani? Sazi njani ukuba babengalawuli xa uYesu wayelapha emhlabeni?​—Funda uLuka 21:24.

  • (I) Lwabuyiselwa nini olu lawulo, ibe lwabuyiselwa phi?

XA YAYISENZEKA OKWESIBINI INTO EKWAKUPROFETWE NGAYO

Ulawulo

(G) Ookumkani bakwaSirayeli abamela ulawulo lukaThixo

Ulawulo luyaphazanyiswa

(H) Kutshatyalaliswa iYerusalem, ibe loo nto iphazamisa ulawulo lookumkani bakwaSirayeli kangangeminyaka eyi-2 520

Ulawulo luyabuyiselwa

(I) UYesu uqalisa ukulawula ezulwini njengoKumkani woBukumkani BukaThixo

Lide kangakanani ithuba elingamaxesha asixhenxe?

Ezinye iindawo eBhayibhileni zisinceda siqonde ezinye. Ngokomzekelo, incwadi yeBhayibhile, iSityhilelo, ithi amaxesha amathathu anehafu alingana neentsuku eziyi-1 260. (ISityhilelo 12:6, 14) Amaxesha asixhenxe aliphinda-phinda kabini eli nani, okanye libe ziintsuku eziyi-2 520. Ngamanye amaxesha, xa iBhayibhile ithetha ngosuku, ithetha ngonyaka. (Hezekile 4:6) Kunjalo ke nangamaxesha asixhenxe ekuthethwa ngawo kwincwadi kaDaniyeli, amela iminyaka eyi-2 520.

5. Ihlabathi latshintsha ukususela ngo-1914

UYesu wazichaza kwakudala ukuba izinto ziza kuba njani emhlabeni emva kokuba enguKumkani. Funda uLuka 21:9-11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Zeziphi izinto ekwakuthiwe ziza kwenzeka osele uzibonile wena okanye uvile ngazo?

Umpostile uPawulos wachaza ukuba abantu baza kuba njani ngemihla yokugqibela xa kulawula oorhulumente babantu. Funda 2 Timoti 3:1-5, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ngaba sele ubabonile abantu abenza izinto ngale ndlela ichazwe kwezi vesi?

6. Bonisa ukuba uyayikholelwa into yokuba uBukumkani BukaThixo buyalawula ngoku

Funda uMateyu 24:3, 14, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngowuphi umsebenzi obalulekileyo owenziwayo obonisa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula ngoku?

  • Ungancedisa njani kulo msebenzi?

UBukumkani BukaThixo buyalawula, ibe seyisondele imini obuza kuqalisa ngayo ukulawula umhlaba wonke. Funda amaHebhere 10:24, 25, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni esimele siyenze njengoko sibona ukuba “imini iyasondela”?

Ukuba kukho into obuyazi ebinokunceda ize isindise abanye abantu, ubuza kwenza ntoni?

UKUBA UMNTU UTHI: “Kutheni amaNgqina KaYehova ethetha kakhulu ngo-1914?”

  • Ungamphendula njani?

UFUNDE NTONI?

Isiprofeto seBhayibhile, amaxesha nezinto ezenzekayo namhlanje emhlabeni, zibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula. Sibonisa ukuba siyazikholelwa ezi zinto ngokushumayela ngazo nangokuya kwiintlanganiso zebandla.

Khawutsho

  • Kwenzeka ntoni ekupheleni kwamaxesha asixhenxe ekwathethwa ngawo kwincwadi yeBhayibhile, uDaniyeli?

  • Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba uBukumkani BukaThixo baqalisa ukulawula ngo-1914?

  • Ungabonisa njani ukuba uyakholelwa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula ngoku?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba abantu ababhala ngembali nabanye abantu bathini ngokutshintsha kwezinto emhlabeni ukususela ngo-1914.

“Xa Imilinganiselo Yokuziphatha Yawohloka Ngendlela Ephawulekayo” (Vukani!, Aprili 2007)

Funda ukuba isiprofeto esikuMateyu 24:14 sabutshintsha njani ubomi benye indoda.

“Ayikho Into Endandiyithanda Njengebaseball!” (IMboniselo No. 3 2017)

Yintoni ebonisa ukuba “amaxesha asixhenxe” ekuthethwa ngawo kuDaniyeli isahluko 4 aphela ngo-1914?

“Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yesi-2)” (IMboniselo, Novemba 1, 2014)

a Jonga  amanqaku okugqibela amabini akwindawo ethi “Jonga Nezi Zinto” kwesi sifundo.