Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 33

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

UBukumkani BukaThixo sebulawula. Sebuza kutshintsha izinto ezininzi emhlabeni. Makhe sithethe ngezinye izinto ezivuyisayo eziza kwenzeka xa kulawula uBukumkani BukaThixo.

1. UBukumkani BukaThixo buza kuluzisa njani uxolo nobulungisa emhlabeni?

UYesu, uKumkani woBukumkani BukaThixo, uza kutshabalalisa bonke abantu abenza izinto ezimbi noorhulumente ngemfazwe yeArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Ngelo xesha, isithembiso esivela eBhayibhileni, esithi: “Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi,” siza kwenzeka. (INdumiso 37:10) UYesu uza kusebenzisa uBukumkani ukuze aqiniseke ukuba akukho ndawo ingenaluxolo nobulungisa emhlabeni.​—Funda uIsaya 11:4.

2. Buza kuba njani ubomi xa kusenziwa ukuthanda kukaThixo emhlabeni?

Xa kulawula uBukumkani BukaThixo, “umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Yiba ngathi uyazibona, uphila kumhlaba onabantu abenza izinto ezilungileyo, abathanda uYehova nabathandanayo! Akukho mntu uza kugula. Bonke abantu baza kuphila ngonaphakade.

3. Buza kwenza ntoni uBukumkani BukaThixo emva kokuba abantu abenza izinto ezimbi betshatyalalisiwe?

Emva kokuba abantu abenza izinto ezimbi betshatyalalisiwe, uYesu uza kuba nguKumkani kangangeminyaka eyi-1 000. Ngelo xesha, yena nabantu abaza kulawula kunye naye abayi-144 000, baza kunceda abantu abasemhlabeni bangabi nasono. Xa iphela iminyaka eyi-1 000, umhlaba wonke uza kuba yiparadesi entle, ibe bonke abantu baza konwaba kuba baza kube bethobela imithetho kaYehova. Emva koko, uYesu uza kubuyisela uBukumkani kuTata wakhe, uYehova. Liza ‘kungcwaliswa igama’ likaYehova ngendlela elingazange lingcwaliswe ngayo. (Mateyu 6:9, 10) Iza kube yenziwe yacaca into yokuba uYehova nguMlawuli olungileyo nobakhathaleleyo abantu abalawulayo. Emva koko, uYehova uza kumtshabalalisa uSathana, iidemon zakhe, kunye nabanye abantu abakhetha ukujikela ulawulo lwakhe. (ISityhilelo 20:7-10) Izinto ezintle eziza kwenzeka ngenxa yoBukumkani BukaThixo, ziza kwenzeka ngonaphakade.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba kutheni sinokumthemba uThixo ukuba uza kusebenzisa uBukumkani ukuze enze zonke izinto ethi iBhayibhile ziza kwenzeka.

4. UBukumkani BukaThixo buza kubaphelisa oorhulumente babantu

Xa “umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.” (INtshumayeli 8:9) UYehova uza kusebenzisa uBukumkani bakhe ukuze alungise wonke umonakalo obangelwe yiloo nto.

Funda uDaniyeli 2:44 nama-2 Tesalonika 1:6-8, nize nincokole ngale mibuzo:

  • UYehova noYesu baza kwenza ntoni koorhulumente babantu nakwabo babaxhasayo?

  • Izinto ozifundileyo ngoYehova noYesu zikuqinisekisa njani ukuba izinto abaza kuzenza ziza kunceda wonke umntu?

5. UYesu ngoyena Kumkani ubhetele

Kuba uYesu enguKumkani woBukumkani BukaThixo, uza kwenza izinto ezininzi ukuze ancede abantu emhlabeni. Dlala IVIDIYO ukuze ubone ukuba uYesu uyakufuna ukunceda abantu nokuba uThixo umnike amandla okuyenza loo nto.

Izinto uYesu awayezenza xa wayelapha emhlabeni zazibonisa izinto eziza kwenzeka xa kulawula uBukumkani. Zeziphi iintsikelelo ekuthethwe ngazo apha ofuna kakhulu ukuba zenzeke? Funda iivesi ezisinceda sifunde nakakhulu ngezo ntsikelelo.

XA WAYELAPHA EMHLABENI, UYESU . . .

ESEZULWINI, UYESU . . .

  • uza kulungisa wonke umonakalo owenziweyo kumhlaba wethu.​—Isaya 35:1, 2.

  • uza kuqiniseka ukuba bonke abantu basempilweni.​—Isaya 33:24.

6. UBukumkani BukaThixo buza kusenza siphile kamnandi kwixesha elizayo

UBukumkani buza kwenza abantu baphile ubomi obumnandi uYehova awayefuna babuphile. Baza kuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Dlala IVIDIYO ukuze ubone indlela uYehova amsebenzisa ngayo uNyana wakhe, uYesu, ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe.

Funda iNdumiso 145:16, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kukwenza uzive njani ukwazi ukuba uYehova uza ‘kwanelisa umnqweno wayo yonke into ephilayo’?

ABANYE ABANTU BATHI: “Ukuba sonke siyasebenzisana, singazilungisa iingxaki esinazo emhlabeni.”

  • Zeziphi iingxaki oorhulumente babantu abangakwaziyo ukuzilungisa eziza kulungiswa buBukumkani BukaThixo?

UFUNDE NTONI?

UBukumkani BukaThixo buza kwenza izinto ezifunwa nguThixo. Buza kutshintsha umhlaba wonke ube yiparadesi enabantu abaza kukhonza uYehova ngonaphakade.

Khawutsho

  • UBukumkani BukaThixo buza kulingcwalisa njani igama likaYehova?

  • Kutheni simele sikholelwe ukuba uBukumkani BukaThixo buza kuzenza zonke izinto ethi iBhayibhile ziza kwenzeka?

  • Kuzo zonke izinto eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo, yeyiphi wena ofuna kakhulu ukuyibona?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba yintoni eza kwenzeka xa uYesu elawula njengoKumkani nasemva kweminyaka eyi-1 000 yokulawula kwakhe.

“Kuza Kwenzeka Ntoni NgeMini YoMgwebo?” (IMboniselo, Septemba 1, 2012)

Bukela indlela iintsapho ezinokwenza ngayo ukuze zizibone zikunye eParadesi.

Khawuzibone UseParadesi (1:50)

Kwibali elithi “Ndandikhathazwa Yimibuzo Emininzi,” funda ukuba umntu owayengazifuni iipolitiki wayazi njani eyona nto yayiza kulungisa iingxaki awayezibuza ngazo.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Januwari 1, 2012)