Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 35

Sinokuzenza Njani Izigqibo Ezifanelekileyo?

Sinokuzenza Njani Izigqibo Ezifanelekileyo?

Sonke kufuneka senze izigqibo. Ezinye zazo zinokusinceda okanye zingasincedi, kanti ezinye zinokusisondeza okanye zisibhekelise kuYehova. Ngokomzekelo, kusenokufuneka senze isigqibo sokuba siza kuhlala phi, siza kwenza njani ukuze sifumane imali esiyidingayo, okanye siza kutshata okanye singatshati. Xa sisenza izigqibo ezifanelekileyo, sinokonwaba size sivuyise noYehova.

1. Ungayisebenzisa njani iBhayibhile ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo?

Ngaphambi kokuba wenze isigqibo, cela uYehova akuncede uze ujonge ukuba iBhayibhile ithini ngaloo nto. (Funda iMizekeliso 2:3-6.) Kwezinye izinto, iyacaca into uYehova afuna uyenze. Xa kunjalo, esona sigqibo sifanelekileyo kukuyenza.

Uza kuthini ke xa ingacaci into ethethwa yiBhayibhile ngento omele uyenze? UYehova akazukuyeka ukukukhokelela “endleleni ofanele uhambe ngayo.” (Isaya 48:17) Njani? Kukho imigaqo enokukunceda. Imigaqo yeBhayibhile ziinyaniso ezisixelela indlela uThixo aziva nacinga ngayo. Amaxesha amaninzi, sibona indlela uThixo aziva ngayo ngento xa sifunda iBhayibhile. Xa siyiqonda indlela uYehova aziva ngayo, sinokwenza izigqibo ezimvuyisayo.

2. Ziintoni omele ucinge ngazo ngaphambi kokuba wenze isigqibo?

IBhayibhile ithi: “Olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.” (IMizekeliso 14:15) Le nto ithetha ukuba ngaphambi kokuba senze isigqibo, simele sicinge kakuhle ngento esiza kuyikhetha. Ngaphambi kokuba ukhethe, zibuze: ‘Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokundinceda? Esi sigqibo siza kundenza ndizive njani? Ngaba isigqibo endiza kusenza siza kubavuyisa okanye sibakhathaze abanye? Owona mbuzo ubalulekileyo ngowokuba, ngaba siza kumvuyisa uYehova?’​—Duteronomi 32:29.

NguYehova omele asixelele into elungileyo nengalunganga. Xa siyazi imithetho nemigaqo yakhe, size sizimisele ukuyithobela, siqeqesha izazela zethu. Isazela yinto elapha kuthi ngaphakathi, esixelela ukuba into ilungile okanye ayilunganga. (Roma 2:14, 15) Isazela esiqeqeshiweyo siza kusinceda senze izigqibo ezifanelekileyo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga ukuba imigaqo yeBhayibhile nezazela zethu zisinceda njani ukuze senze izigqibo.

3. Mayibe yiBhayibhile ekukhokelayo

Imigaqo yeBhayibhile inokusinceda njani xa sisenza izigqibo? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Sesiphi isipho uYehova asinike sona?

  • Kutheni uYehova esinike inkululeko yokuzikhethela?

  • Yintoni asinike yona ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo?

Ukuze ubone umzekelo womgaqo weBhayibhile, funda amaEfese 5:15, 16. Emva koko nincokole ngendlela ‘onokulisebenzisa ngayo ixesha’ lakho ukuze . . .

  • ufunde iBhayibhile qho.

  • ube ngumyeni, inkosikazi, umzali, unyana okanye intombi ebhetele.

  • uye kwiintlanganiso zebandla.

4. Qeqesha isazela sakho ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo

Xa icacile into ethethwa yiBhayibhile ngento, kunokuba lula ukwenza isigqibo esifanelekileyo. Kodwa siza kuthini xa ungekho umyalelo ocacileyo? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, ziintoni ezenziwe ngulo dade ukuze aqeqeshe isazela sakhe, aze enze isigqibo esivuyisa uYehova?

Kutheni singamele sicele abanye ukuba basenzele izigqibo? Funda amaHebhere 5:14, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kunokuba lula ukucela umntu ukuba asenzele isigqibo, kodwa yintoni esimele sikwazi ukuyahlula?

  • Ziintoni ezinokukunceda uqeqeshe isazela sakho uze wenze izigqibo ezifanelekileyo?

Njengemaphu, izazela zethu zisinceda siyazi ukuba siyaphi ebomini

5. Zihloniphe izazela zabanye

Abantu benza izigqibo ezingafaniyo. Singabonisa njani ukuba siyazihlonipha izazela zabanye? Khawucinge ngale mizekelo mibini:

Umzekelo 1: Udade othanda ukufaka imakeup ufudukela kwibandla elinoodade abaninzi abakhubekayo xa bebona umntu oyifakileyo.

Funda amaRoma 15:1 no-1 Korinte 10:23, 24, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Emva kokufunda ezi vesi, laa dade angenza esiphi isigqibo? Uza kwenza ntoni xa kukho into isazela sakho esikuvumelayo ukuba uyenze, kodwa ube ukunye nomntu onesazela esithi loo nto ayifanelekanga?

Umzekelo 2: Umzalwana uyayazi ukuba iBhayibhile ayitsho ukuba kurongo ukusela utywala, kodwa yena ukhetha ukungabuseli. Lo mzalwana uyamenywa aze abone abanye abazalwana besela.

Funda iNtshumayeli 7:16 namaRoma 14:1, 10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Emva kokufunda ezi vesi, laa mzalwana angenza esiphi isigqibo? Uza kwenza ntoni xa ubona omnye umntu esenza into isazela sakho esithi ayifanelekanga?

 Sinokwenza ntoni ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo?

1. Cela uYehova akuncede uyazi ukuba mawenze ntoni.​—Yakobi 1:5.

2. Phanda eBhayibhileni nakwiincwadi ezithetha ngeBhayibhile ukuze ufumane imigaqo onokuyisebenzisa. Ungathetha nawo namaKristu anamava.

3. Cinga ngento esiza kuyenza isigqibo sakho kwisazela sakho nakwizazela zabanye abantu.

ABANYE ABANTU BATHI: “Ungenza nantoni na oyifunayo, ayibalulekanga into ecingwa ngabanye abantu.”

  • Kutheni simele siyihoye indlela uThixo nabanye abantu abaziva ngayo?

UFUNDE NTONI?

Senza izigqibo ezifanelekileyo xa sizama ukuqonda ukuba uYehova uziva njani ngento, naxa sicinga ukuba izigqibo esizenzayo ziza kubanceda okanye zibakhathaze na abanye abantu.

Khawutsho

  • Unokuzenza njani izigqibo ezimvuyisayo uYehova?

  • Ungasiqeqesha njani isazela sakho?

  • Ungabonisa njani ukuba uyazihlonipha izazela zabanye?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Unokuzenza njani izigqibo eziqinisa ubuhlobo bakho noYehova?

“Yenza Izigqibo Ezizukisa UThixo” (IMboniselo, Aprili 15, 2011)

Yiva ukuba uYehova usinika njani amacebiso.

UYehova Uyabakhokela Abantu Bakhe (9:50)

Bukela ukuba yintoni eyanceda enye indoda yenza isigqibo esinzima.

UYehova Usiqinisekisa Ngazo Zonke Izinto Ezilungileyo (5:46)

Funda ukuba yintoni esimele siyenze ukuze simvuyise uYehova xa ungekho umyalelo ocacileyo ngento esimele siyenze.

“Ngaba Usoloko Ufuna Umyalelo WeBhayibhile?” (IMboniselo, Disemba 1, 2003)