Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 37

Ithini IBhayibhile Ngomsebenzi Nemali?

Ithini IBhayibhile Ngomsebenzi Nemali?

Ngaba wakhe wanexhala lomsebenzi okanye imali? Kusenokuba nzima ukusebenzela izinto esizidingayo nokukhonza uYehova ngendlela ayifunayo ngexesha elinye. IBhayibhile inamacebiso anokusinceda.

1. Ithini iBhayibhile ngokusebenza?

UThixo ufuna siwonwabele umsebenzi wethu. IBhayibhile ithi: ‘Akukho nto imnandi emntwini ngathi kukonwabela ukusebenza nzima.’ (INtshumayeli 2:24) UYehova usebenza nzima. Xa simlinganisa ngokuzimisela kumsebenzi esiwenzayo siyamvuyisa ibe nathi siyavuya.

Kubalulekile ukusebenza, kodwa asimele sikuvumele kubaluleke kakhulu kunokukhonza uYehova. (Yohane 6:27) Usithembisa ukuba uza kusinika izinto esizidingayo ukuze siphile, xa ukumkhonza kuyeyona nto ibalulekileyo kuthi.

2. Simele siyijonge njani imali?

IBhayibhile ithi imali ‘iyakhusela,’ kodwa iyasilumkisa nokuba ayomali qha enokusenza sonwabe. (INtshumayeli 7:12) Yiloo nto isikhuthaza ukuba singayithandi imali, kodwa ‘saneliseke zizinto esinazo.’ (Funda amaHebhere 13:5.) Xa sisanela zizinto esinazo, asizukuzixakekisa sifuna ezinye. Asiyiboleki imali noba akunyanzelekanga. (IMizekeliso 22:7) Siyakuphepha nokudlala ngemali kuba sinethemba lokufumana eninzi. Siyakuphepha nokungena kumashishini asithembisa ukuba siza kukhawuleza sibe zizityebi singakhange sisebenze nzima.

3. Sinokubonisa njani ukuba sinobubele kwindlela esiyisebenzisa ngayo imali yethu?

UYehova nguThixo onobubele. Silinganisa yena xa sisiba ‘nobubele yaye sikulungele ukupha abanye.’ (1 Timoti 6:18) Sinokusebenzisa imali yethu ukuze sixhase ibandla, sincede nabantu abadingayo, ingakumbi abo bakhonza nathi. UYehova akanamdla kakhulu ukuba sikhupha malini kodwa unomdla kweyona nto isenza sikhuphe loo mali. Xa sisipha ngokusuka entliziyweni, siza konwaba ibe siza kumvuyisa noYehova.​—Funda iZenzo 20:35.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Yiva indlela ekunokukunceda ngayo ukujonga umsebenzi ngendlela efanelekileyo, nendlela ekunokukunceda ngayo ukwaneliseka.

4. Zukisa uYehova ngendlela osebenza ngayo

Indlela esisondele ngayo kuYehova, imele isenze siwujonge kakuhle umsebenzi. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, yintoni oyithandileyo kwindlela uJason azenza ngayo izinto emsebenzini?

  • Yintoni ayenzileyo ukuze umsebenzi ube kwindawo yawo?

Funda amaKolose 3:23, 24, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni ibalulekile indlela esiwujonga ngayo umsebenzi?

Kubalulekile ukusebenza, kodwa asimele sikuvumele kubaluleke kakhulu kunokukhonza uYehova

5. Ukwaneliseka kuyasinceda

Abantu abaninzi bazama ukuba nemali eninzi. Kodwa iBhayibhile isinika icebiso elahlukileyo. Funda 1 Timoti 6:6-8, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Isikhuthaza ukuba senze ntoni iBhayibhile?

Sinokonwaba nokuba sinezinto ezimbalwa kakhulu. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Yintoni eyenza ezi ntsapho zonwabe ngoku zinemali encinci?

Ngaba ikhona ingxaki xa sinezinto ezininzi, size sifune ezinye? UYesu wenza umzekelo obonisa indlela eyingozi ngayo loo nto. Funda uLuka 12:15-21, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ufunde ntoni kumzekelo owenziwa nguYesu?​—Jonga ivesi 15.

Funda uze uthelekise iMizekeliso 10:22 no-1 Timoti 6:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ucinga ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuba ngumhlobo kaYehova okanye kukuba nemali eninzi? Kutheni usitsho?

  • Zeziphi iingxaki ezidla ngokubangelwa kukufuna ukuba nemali eninzi?

6. UYehova uza kusinika izinto esizidingayo

Xa sineengxaki zomsebenzi okanye singenamali yaneleyo, loo nto inokusinceda sibone ukuba siyamthemba na uYehova. Dlala IVIDIYO ukuze ubone ukuba sinokwenza ntoni xa sinezi ngxaki, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, zeziphi iingxaki ebenazo lo mzalwana?

  • Wenze ntoni ukuze akwazi ukuzinyamezela?

Funda uMateyu 6:25-34, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYehova uthembisa ukuba uza kubenzela ntoni abantu abambeka kwindawo yokuqala?

ABANYE ABANTU BATHI: “Kufuneka ndisebenze nzima ukuze ndixhase iintsapho yam. Andinakukwazi ukuya kwiintlanganiso qho ngeveki.”

  • Yeyiphi ivesi ekwenza uqiniseke ukuba xa usoloko ukhetha ukukhonza uYehova kuqala ngaphezu kwayo nantoni na, wenza into entle?

UFUNDE NTONI?

Uyafuneka umsebenzi nemali, kodwa azimele zisiphazamise ekukhonzeni uYehova.

Khawutsho

  • Yintoni enokukunceda uwujonge kakuhle umsebenzi?

  • Ukwaneliseka kukunceda njani?

  • Ungabonisa njani ukuba uyasithemba isithembiso sikaYehova sokuba uza kubakhathalela abantu bakhe?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Yiva ukuba sinokuyisebenzisa njani imali yethu ukuze sivuyise uThixo.

“Ithini IBhayibhile Ngokupha?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Ngaba ukudlala ngemali ngethemba lokuba siza kufumana eninzi kuyingozi?

“Ukungcakaza” (Vukani!, Matshi 2015)

Jonga ukuba yintoni eyanceda enye indoda yayeka ukungcakaza nokuba lisela.

“Ndandiyithanda Imidyarho Yamahashe” (IMboniselo, Novemba 1, 2011)