Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 40

Singacoceka Njani Emehlweni KaThixo?

Singacoceka Njani Emehlweni KaThixo?

Khawucinge nje ngomama olungisa unyana wakhe kuba eza kuya esikolweni. Uyamjonga ukuba uhlambile nokuba iimpahla zakhe zicocekile na. Ngenxa yale nto, unyana wakhe uhlala esempilweni, ibe nabanye abantu bayabona ukuba abazali bakhe bamhoyile. Njengokuba abazali befuna abantwana babo bacoceke, noYehova uTata wethu ufuna sicoceke kwizinto esizenzayo, esizicingayo nesizithethayo. Ukucoceka kuyasinceda, kwenza noYehova azukiswe.

1. Sinokucoceka njani emzimbeni?

UYehova uthi: “Nimele nibe ngcwele.” (1 Petros 1:16) Ukuba ngcwele kuthetha ukucoceka emzimbeni nakwizinto esizenzayo. Ukuze sicoceke emzimbeni sifanele sihlambe qho, size siqiniseke ukuba iimpahla zethu, iimoto zethu namakhaya ethu acocekile. Sinokuncedisa naxa kucocwa iiholo zethu zoBukumkani. Xa sicocekile emzimbeni, uYehova uyazukiswa.​—2 Korinte 6:3, 4.

2. Ziintoni esingamele sizenze ukuze sicoceke?

IBhayibhile ithi: “Masicoce imizimba yethu neengqondo zethu.” (2 Korinte 7:1) Yiloo nto sifanele sizimisele ukuphepha nantoni na enokungcolisa iingqondo zethu okanye imizimba yethu. Zimele zivuyise uYehova izinto esizicingayo, yiloo nto singafuni ukucinga izinto ezingcolileyo. (INdumiso 104:34) Asikufuni nokuthetha izinto ezimdaka.​—Funda amaKolose 3:8.

Zeziphi ezinye izinto ezinokusenza singacoceki emzimbeni nakwindlela esizenza ngayo izinto? Kukho ezinye izinto ezinokuyingcolisa imizimba yethu. Asifuni ke ukuzisebenzisa izinto ezinjalo, ezinye zazo licuba, intsangu, nokusebenzisa iziyobisi kuba sisithi siyazonwabisa. Xa singazenzi ezi zinto, siba sempilweni, kuye kucace nokuba siyabuxabisa ubomi. Sisoloko sizama ukucoceka kwindlela esizenza ngayo izinto, ngokungaziphatha-phathi amalungu esondo kuba sifuna ukwanelisa iminqweno yethu nangokungayibukeli iphonografi. (INdumiso 119:37; Efese 5:5) Kusenokuba nzima ukuziyeka ezi izinto, kodwa uYehova angasinceda.​—Funda uIsaya 41:13.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba ukucoceka kwethu kumzukisa njani uYehova, uze ubone nokuba singayeka njani ukwenza izinto ezingcolileyo.

3. Xa sicocekile emzimbeni sizukisa uYehova

Ukufunda imithetho uYehova awayinika amaSirayeli kungasinceda sibone indlela ekubaluleke ngayo kuye ukuba sicoceke. Funda iEksodus 19:10 no-30:17-19, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ezi vesi zibonisa ukuba uYehova ukujonga njani ukucoceka emzimbeni?

  • Ziintoni ofanele uzenze qho ukuze uhlale ucocekile?

Ukucoceka ngumsebenzi ibe kuthatha ixesha. Kodwa singakwazi nokuba sihlala phi, siyasokola okanye sinemali. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Xa sihlala sicocekile, kutheni abantu esishumayela kubo beza kumhlonipha kakhulu uYehova?

4. Ungohlukana njani nezinto ezimbi?

UYehova angasinceda sahlukane nayo nantoni na embi ebesiqhele ukuyenza

Ukuba uyatshaya okanye umane usebenzisa iziyobisi, kusenokwenzeka ukuba uyayazi indlela ekunzima ngayo ukuyeka. Yintoni enokukunceda? Cinga ukuba ezi zinto zenza ntoni kuwe. Funda uMateyu 22:37-39, nize nincokole ngokuba xa umntu esebenzisa icuba okanye iziyobisi, loo nto inokwenza ntoni . . .

  • kubuhlobo bakhe noYehova.

  • kwintsapho yakhe nasebantwini abasondeleyo kuye.

Cinga ukuba uza kwahlukana njani nokwenza izinto ezimbi. a Dlala IVIDIYO.

Funda amaFilipi 4:13, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuthandaza qho, ukufunda iBhayibhile nokuya ezintlanganisweni kungamnika njani umntu amandla okwahlukana nokwenza izinto ezimbi?

5. Ungavumi ukucinga izinto ezingcolileyo nokuzenza

Funda amaKolose 3:5, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Sazi njani ukuba ukubukela iphonografi, ukuthumelelana imiyalezo neefoto ezingcolileyo nokuziphatha-phatha komntu amalungu esondo kuba efuna ukwanelisa iminqweno yakhe yesondo, akucocekanga emehlweni kaYehova?

  • Ucinga ukuba uYehova ufanele ukulindela ukuba izinto sizenze ngendlela ecocekileyo? Kutheni usitsho?

Bukela ukuba unokuyeka njani ukucinga izinto ezingcolileyo. Dlala IVIDIYO.

UYesu wenza umzekelo obonisa ukuba sifanele sizimisele ukuhlala sisenza izinto ngendlela ecocekileyo. Funda uMateyu 5:29, 30, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYesu wayengathi simele sizonzakalise, kodwa wayesithi kufuneka kubekho into esiyenzayo. Yintoni umntu afanele ayenze ukuze angacingi izinto ezingcolileyo? b

Ukuba uzama ukuyeka ukucinga izinto ezingcolileyo, uyamvuyisa uYehova. Funda iNdumiso 103:13, 14, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuba kunzima kuwe ukuba wahlukane nento embi, ezi vesi zikunceda njani ukuze uqhubeke uzama?

Ungancami xa ukhe wayenza into obuzama ukwahlukana nayo!

Kunokuba lula ukuthi, ‘Andikwazanga ukwahlukana nale nto, kubhetele ndincame.’ Kodwa cinga ngale nto: Xa umntu obalekayo ekhubeka aze awe, le nto ayithethi ukuba akaphumelelanga ibe akunyanzelekanga nokuba aqale ekuqaleni. Nawe ke, ukuba wenze into obuzama ukwahlukana nayo, loo nto ayithethi ukuba awusoze ukwazi ekugqibeleni. Ayizicimi nezinto obukade uzenza ukuze ukwazi ukwahlukana nayo. Loo nto iqhelekile, idla ngokwenzeka nakwabanye abantu abazama ukuyeka ukwenza izinto ezithile. Ungancami! UYehova uza kukunceda wahlukane nokwenza izinto ezimbi.

UKUBA UMNTU UTHI: “Kudala ndiyenza le nto. Andinakukwazi ukwahlukana nayo.”

  • Yeyiphi ivesi onokuyisebenzisa ukuze umbonise ukuba uYehova angamnceda akwazi ukwahlukana nokwenza into embi?

UFUNDE NTONI?

Xa imizimba yethu, iingqondo zethu nendlela esiziphethe ngayo icocekile, sivuyisa uYehova.

Khawutsho

  • Kutheni kubaluleke kakhulu ukucoceka?

  • Ungacoceka njani emzimbeni?

  • Ungenza njani ukuze izinto ozicingayo nozenzayo zihlale zicocekile?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Ziintoni onokuzenza ukuze uhlale ucocekile emzimbeni naxa ungenazinto zininzi?

Impilo Nococeko: Ukuhlamba Izandla (3:01)

Jonga izinto onokuzenza ukuze uyeke ukutshaya.

“Indlela Yokuyeka Ukutshaya” (Vukani!, Meyi 2010)

Funda ukuba enye indoda yancedwa yintoni ukuze iyeke ukubukela iphonografi.

“Ndawa Izihlandlo Ezininzi Ngaphambi Kokuba Ndiphumelele” (IMboniselo No. 4 2016)

a Kukho inqaku elithi “Indlela Yokuyeka Ukutshaya,” elikwindawo ethi “Jonga Nezi Zinto” kwesi sifundo. Licacisa izinto onokuzenza ukuze ukwazi ukwahlukana nezinto ezimbi oqhele ukuzenza.

b Ukuze ubone into enokunceda umntu ayeke ukuziphatha-phatha amalungu esondo, jonga inqaku elithi “Ndinokuwoyisa Njani Umkhwa Wokuphulula Amalungu Esini” kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1, isahluko 25.