Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 41

Ithini IBhayibhile Ngesondo?

Ithini IBhayibhile Ngesondo?

Abantu abaninzi abakhululeki xa kuthethwa ngesondo. Kodwa, xa iBhayibhile ithetha ngalo ayifihli nto, qha ithetha ngesidima. Into ethethwa yiBhayibhile ngesondo iyasinceda. Phofu, ibingenongasincedi kuba iBhayibhile isuka kuYehova, onguMdali wethu. Ngoko uzazi kakuhle izinto ezinokusinceda. Uyasixelela izinto esimele sizenze ukuze simvuyise, nezinokusinceda ukuze siphile ubomi obumnandi ngonaphakade.

1. Uthini uYehova ngesondo?

Isondo sisipho esivela kuYehova. Ufuna lonwabise indoda nenkosikazi yayo. Esi sipho ayisosokwenza abantwana nje qha, kodwa sesokuba umyeni nenkosikazi yakhe babonisane indlela abathandana ngayo ngendlela eyonwabisayo. Yiloo nto iLizwi LikaThixo lisithi: ‘Yonwaba nomfazi wobutsha bakho.’ (IMizekeliso 5:18, 19) UYehova ulindele ukuba amaKristu atshatileyo athembeke ebantwini atshate nabo, ngoko awafanele akrexeze.​—Funda amaHebhere 13:4.

2. Kuthetha ukuthini ukuziphatha kakubi ngesondo?

IBhayibhile ithi, “abantu abaziphethe kakubi ngesondo . . . abazukungena eBukumkanini BukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Xa babecacisa ukuziphatha kakubi ngesondo, abantu ababebhala iBhayibhile ngesiGrike basebenzisa igama elithi por·neiʹa. Elo gama lidla ngokusetyenziswa xa kuthethwa ngezinto ezifana (1) nokwabelana ngesondo a kwabantu abangatshatanga kunye, (2) ukulala kwamadoda namanye amadoda okanye amabhinqa namanye amabhinqa (3) nokulala nesilwanyana. Uyavuya uYehova ibe nathi siyazinceda xa ‘sikuphepha ukuziphatha kakubi ngesondo.’​—1 Tesalonika 4:3.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga ukuba unokwenza njani ukuze ungaziphathi kakubi ngesondo nendlela ekunokukunceda ngayo ukuziphatha kakuhle.

3. Ungavumi ukuziphatha kakubi ngesondo

UYosefu akazange avume xa elinye ibhinqa lalifuna ukulala naye. Funda iGenesis 39:1-12, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni eyenza uYosefu wabaleka?​—Jonga ivesi 9.

  • Ngaba ucinga ukuba uYosefu wenza isigqibo esifanelekileyo? Kutheni usitsho?

Ulutsha lungamlinganisa njani uYosefu luze lungavumi ukuziphatha kakubi ngesondo? Dlala IVIDIYO.

UYehova ufuna sonke singavumi ukuziphatha kakubi ngesondo. Funda 1 Korinte 6:18, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Umntu unokuziphatha kakubi ngesondo xa kutheni?

  • Ungenza njani ukuze ungaziphathi kakubi ngesondo?

4. Ungakwazi ukungavumi ukwenza into embi

Yintoni enokwenza kube nzima ukungavumi ukuziphatha kakubi ngesondo? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Yintoni eyenziwe ngulo mzalwana ukwividiyo, emva kokuba ebonile ukuba ezinye izinto azenzayo nazicingayo zinokumenza angathembeki kwinkosikazi yakhe?

Ngamanye amaxesha, kuba nzima nakumaKristu athembekileyo ukuhlala ecinga ngezinto ezifanelekileyo. Ungenza njani ukuze uyeke ukucinga ngezinto ezingafanelekanga? Funda amaFilipi 4:8, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Simele sicinge ngezinto ezinjani?

  • Ukufunda iBhayibhile nokuhlala sixakekile ekukhonzeni uYehova kungasinceda njani singavumi ukwenza izinto ezimbi?

5. Indlela uYehova afuna siziphathe ngayo iyasinceda

UYehova uzazi kakuhle izinto ezinokusinceda. Usixelela ukuba singenza njani ukuze siziphathe kakuhle, nendlela ekuza kusinceda ngayo ukuziphatha kakuhle. Funda iMizekeliso 7:7-27 okanye dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Yintoni eyenza lo mfana waba sengxakini?—Jonga iMizekeliso 7:8, 9.

  • IMizekeliso 7:23, 26, ibonisa ukuba kunokwenzeka izinto ezibuhlungu kakhulu kuthi xa siziphatha kakubi ngesondo. Ziintoni esinokuziphepha xa siziphatha kakuhle?

  • Ukuziphatha kakuhle kunokusinceda njani siphile ubomi obumnandi ngonaphakade?

Abanye abantu bacinga ukuba into ethethwa yiBhayibhile ngamadoda athandana namadoda okanye amabhinqa athandana namanye amabhinqa ibonisa ukuba uThixo akabathandi abantu. Kodwa uYehova, uThixo osithandayo, ufuna bonke abantu baphile ubomi obumnandi ngonaphakade. Ukuze siphile obo bomi, kufuneka senze izinto ngendlela ayifunayo. Funda 1 Korinte 6:9-11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ngaba kukuthandana kwendoda nendoda okanye kwebhinqa nebhinqa qha angakufuniyo uThixo?

Kufuneka sonke sibe nezinto esizitshintshayo ukuze simvuyise uThixo. Kuza kusinceda ngantoni ukutshintsha? Funda iNdumiso 19:8, 11, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngaba ucinga ukuba indlela uYehova afuna siziphathe ngayo iza kusinceda? Kutheni usitsho?

UYehova uncede abantu abaninzi baziphatha ngendlela ayifunayo. Angakunceda nawe

ABANYE ABANTU BATHI: “Xa abantu ababini bethandana, akukho nto irongo ngokulala kwabo bobabini.”

  • Uthini wena?

UFUNDE NTONI?

Isondo sisipho esivela kuYehova. Ufuna lonwabise indoda nenkosikazi yayo.

Khawutsho

  • Xa kuthethwa ngokuziphatha kakubi ngesondo, kuthethwa ngantoni?

  • Yintoni eza kusinceda singaziphathi kakubi ngesondo?

  • Kusinceda njani ukuziphatha ngendlela efunwa nguYehova?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba kutheni uThixo efuna indoda nebhinqa abafuna ukuhlala kunye batshate.

“Ithini IBhayibhile Ngokuhlalisana?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

IBhayibhile ithi kurongo ukuba indoda ithandane nendoda okanye ibhinqa nebhinqa. Funda ukuba kutheni loo nto ingathethi ukuba sifanele sibacaphukele.

“Ngaba Ubufanasini Abulunganga?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ukuba imithetho kaThixo isikhusela njani kuzo zonke iindlela zokuba nesondo.

“Ngaba Nyhani Ukumuncana Amalungu Esini Kukwabelana Ngesondo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Kwibali elithi “Andiphatha Ngesidima,” funda ukuba yintoni eyenza enye indoda eyayithandana namanye amadoda yatshintsha ubomi bayo ukuze ivuyise uThixo.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Aprili 1, 2011)

a Xa kuthethwa ngokuziphatha kakubi ngesondo kudla ngokuthethwa ngezinto ezininzi ezinjengokwabelana ngesondo, ngokwenza isondo emlonyeni okanye ezimpundu nokuphatha-phatha amalungu esini omnye umntu.