Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 43

AmaKristu Amele Abujonge Njani Utywala?

AmaKristu Amele Abujonge Njani Utywala?

Emhlabeni wonke, abantu babujonga ngeendlela ezahlukeneyo utywala. Abanye bakhetha ukusela ngamanye amaxesha xa bekunye nabahlobo babo. Kanti abanye, bakhetha ukungabuphathi. Kodwa abanye, basela kakhulu bade banxile. Ithini yona iBhayibhile ngotywala?

1. Ngaba kurongo ukusela utywala?

IBhayibhile ayitsho ukuba kurongo ukusela utywala. Endaweni yaloo nto, xa ithetha ngezinto ezininzi ezintle esizinikwe nguThixo, ithetha ‘nangewayini evuyisa intliziyo yomntu.’ (INdumiso 104:14, 15) Amanye amadoda namabhinqa ekuthethwa ngawo eBhayibhileni ayebusela utywala.​—1 Timoti 5:23.

2. Ithini iBhayibhile xa icebisa abantu abaselayo?

UYehova akafuni abantu basele kakhulu nokuba banxile. (Galati 5:21) ILizwi lakhe lithi: “Sukuba phakathi kwabantu abasela kakhulu.” (IMizekeliso 23:20) Ngoko, ukuba sikhetha ukusela, nokuba asikho phakathi kwabantu, kufuneka singaseli kakhulu side singakwazi ukucinga kakuhle, sithethe size senze nokuba yintoni na okanye sigule. Ukuba asikwazi ukuyilawula indlela esisela ngayo, kubhetele sibuyeke utywala.

3. Singabonisa njani ukuba siyazihlonipha izigqibo zabanye xa bekhetha ukusela okanye ukungaseli?

Umntu kufuneka azikhethele ngokwakhe ukuba uza kusela okanye akazokusela. Omnye usenokukhetha ukubusela kancinci utywala. Asimele simgwebe ke umntu onjalo, asimele simkhuthaze nomntu ongabufuniyo ukuba abusele. (Roma 14:10) Sikhetha ukungaseli ukuba loo nto iza kubangela iingxaki kwabanye abantu. (Funda Roma 14:21.) ‘Asifuni kulungelwe thina, kodwa sifuna kulungelwe abanye.’​—Funda 1 Korinte 10:23, 24.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga imigaqo yeBhayibhile enokukunceda ubone ukuba umele ubusele okanye ungabuseli na utywala, nokuba umele ubusele kangakanani. Jonga nokuba ungenza njani xa unengxaki yokusela kakhulu.

4. Zikhethele ukuba uza kusela na okanye awuzukusela

UYesu wayekujonga njani ukusela utywala? Ukuze ubone impendulo, funda ngommangaliso wokuqala awawenzayo. Funda uYohane 2:1-11, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kulo mmangaliso, sifunda ntoni ngendlela uYesu awayebujonga ngayo utywala nabantu ababuselayo?

  • UYesu zange atsho ukuba kurongo ukusela utywala. Thina simele simjonge njani ke umntu okhetha ukusela?

Kodwa ke, into yokuba umKristu ekhululekile ukuba asele utywala ayithethi ukuba kufuneke ahlale ebusela. Funda iMizekeliso 22:3, uze ucinge ukuba ungasela na phantsi kwezi meko:

  • Xa uza kuqhuba okanye uza kusebenzisa umatshini.

  • Xa ukhulelwe.

  • Xa ugqirha ethe kuwe sukubusela utywala.

  • Xa ungakwazi ukuyilawula indlela osela ngayo.

  • Xa umthetho ungavumi ukuba ubusele utywala.

  • Xa ukunye nomntu okhetha ukungaseli, owayekade enengxaki yokusela kakhulu.

Ngaba ngosuku lomtshato wakho okanye xa nidibene ukuze nizonwabise bumele bube khona utywala? Ukuze ubone into enokukunceda wenze isigqibo, dlala IVIDIYO.

Funda amaRoma 13:13, nize nincokole ngalo mbuzo. Emva koko, funda 1 Korinte 10:31, 32, nize niphinde nincokole ngawo lo mbuzo:

  • Ukwenza le nto ithethwe apha kungakunceda njani ukuze wenze isigqibo esiza kumvuyisa uYehova?

UmKristu kufuneka azenzele ngokwakhe isigqibo sokuba uza kusela okanye akazokusela. Nokuba ngamanye amaxesha usenokukhetha ukubusela utywala, ngamanye, usenokungabuseli

5. Cinga ukuba uza kusela kangakanani

Xa ukhetha ukusela utywala, ungayilibali le nto: UYehova akatsho ukuba kurongo ukusela utywala, kodwa uyatsho ukuba kurongo ukubusela kakhulu. Kutheni kurongo? Funda uHoseya 4:11, 18, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni enokwenzeka xa umntu esela kakhulu?

Yintoni enokusinceda singaseli kakhulu? Kufuneka sithobeke, okanye sizazi izinto esinokuzenza nesingenakuzenza. Funda iMizekeliso 11:2, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kunokukunceda ukuyazi ukuba uza kusela kangakanani?

6. Yintoni enokunceda umntu ayeke ukusela kakhulu?

Bukela ukuba yintoni eyanceda enye indoda yayeka ukusela kakhulu. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, wayesiba njani uDmitry xa esele utywala?

  • Ngaba wakwazi ukukhawuleza abuyeke?

  • Yintoni eyamnceda wakwazi ukuyeka ukusela kakhulu ekugqibeleni?

Funda 1 Korinte 6:10, 11, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ithini iBhayibhile ngokunxila?

  • Yintoni ebonisa ukuba umntu obusela kakhulu utywala angatshintsha?

Funda uMateyu 5:30, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Xa uYesu wayesithi simele sinqumle isandla kumzekelo wakhe, wayethetha ukuba kusenokufuneka kubekho izinto esizincamayo ukuze sivuyise uYehova. Yintoni onokuyenza xa kunzima ukuyeka ukusela kakhulu? a

Funda 1 Korinte 15:33, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Abahlobo bakho banganegalelo njani kwindlela osela ngayo?

UKUBA UMNTU UTHI: “Ngaba kurongo ukusela?”

  • Ungamphendula njani?

UFUNDE NTONI?

UYehova usinike utywala ukuze sonwabe, kodwa uthi kurongo ukusela kakhulu nokunxila.

Khawutsho

  • Ithini iBhayibhile ngotywala?

  • Ziintoni ezinokwenzeka xa umntu esela kakhulu?

  • Singabonisa njani ukuba siyazihlonipha izigqibo zabanye xa bekhetha ukusela okanye ukungaseli?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Ulutsha lungazenza njani izigqibo ezifanelekileyo ngotywala?

Cinga Ngaphaya Kotywala (2:31)

Jonga izinto onokuzenza ukuze uyeke ukusela kakhulu.

“Ukugcina Utywala Kwindawo Yabo” (IMboniselo, Januwari 1, 2010)

Ngaba amaKristu amele angqubanise iiglasi xa esela?

“Imibuzo Evela Kubafundi” (IMboniselo, Februwari 15, 2007)

Kwibali elithi “Ndandiyindlamanzi,” jonga indlela enye indoda eyayeka ngayo ukusela kakhulu.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Meyi 1, 2012)

a Kusenokufuneka abantu abangakwaziyo ukubuyeka utywala bancedwe ukuze babuyeke. Oogqirha abaninzi bathi abantu ababekade benengxaki yokusela kakhulu, kufuneka bangabuphathi utywala.