Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 45

Kuthetha Ukuthini Ukungathathi Cala?

Kuthetha Ukuthini Ukungathathi Cala?

UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba ‘bangabi ngabehlabathi.’ (Yohane 15:19) Loo nto ithetha ukuba abamele bathath’ icala kwiipolitiki nakwiimfazwe. Kodwa ke, xa sithetha inyani, akusoloko kulula ukungathathi cala. Abantu basenokusihleka. Sinokwenza njani ukuze sihlale singathathi cala size sinyaniseke kuYehova uThixo?

1. AmaKristu okwenene abajonga njani oorhulumente babantu?

AmaKristu ayamhlonipha urhulumente. Senza into eyathethwa nguYesu kuba wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare.” Loo nto ithetha ukuba siyayithobela imithetho yeendawo esihlala kuzo njengokubhatala irhafu. (Marko 12:17) IBhayibhile isifundisa ukuba oorhulumente babantu balawula kuba nje uYehova ebavumela. (Roma 13:1) Ngoko siyayiqonda into yokuba oorhulumente babantu bangaphantsi kunoThixo. Sinethemba lokuba nguThixo noBukumkani bakhe basezulwini obuza kulungisa iingxaki zabantu.

2. Singabonisa njani ukuba asithathi cala?

NjengoYesu, asizidibanisi neepolitiki. Xa abantu babona imimangaliso eyayisenziwa nguYesu, bazama ukumenza ukumkani walapha emhlabeni, kodwa zange avume. (Yohane 6:15) Kwakutheni ukuze angavumi? Kungenxa yento awayithethayo. Wathi: “UBukumkani bam ayibubo obeli hlabathi.” (Yohane 18:36) Njengabafundi bakaYesu, sibonisa ukuba asithathi cala ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, asiyi emfazweni. (Funda uMika 4:3.) Siyazihlonipha izinto ezimela ilizwe, njengeeflegi, kodwa asizikhonzi. (1 Yohane 5:21) Asithathi cala nakowuphi na umbutho weepolitiki okanye sivotele umntu. Xa sisenza ezi zinto nezinye sibonisa ukuba sinyanisekile kurhulumente kaThixo, uBukumkani bakhe.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga izinto ezinokwenzeka ezinokubangela kube nzima ukuba ungathathi cala, uze ubone indlela onokuzenza ngayo izigqibo eziza kuvuyisa uYehova.

3. AmaKristu okwenene awathathi cala

Singafunda kwindlela uYesu nabalandeli bakhe abaye bazenza ngayo izinto. Funda amaRoma 13:1, 5-7 no-1 Petros 2:13, 14. Emva koko, dlala IVIDIYO nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kutheni simele sibahloniphe abasemagunyeni?

  • Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyabathobela?

Xa kukho imfazwe, amanye amazwe asenokuthi awathathi cala, kodwa awancedise omabini la macala alwayo. Kuthetha ukuthini kanye kanye ukungathathi cala? Funda uYohane 17:16. Emva koko, dlala IVIDIYO nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kuthetha ukuthini ukungathathi cala?

Siza kuthini xa abasemagunyeni befuna senze izinto ezingafunwayo ngumthetho kaThixo? Funda iZenzo 5:28, 29. Emva koko, dlala IVIDIYO nize nincokole ngale mibuzo.

  • Xa imithetho yabantu ingadibani nomthetho kaThixo, ngokabani esimele siwuthobele?

  • Ngaba zikhona izinto ozicingayo ezinokufuna amaKristu angabathobeli abasemagunyeni?

4. Sukuthath’ icala kwizinto ozicingayo nozenzayo

Funda u-1 Yohane 5:21. Emva koko, dlala IVIDIYO nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, kwakutheni ukuze uAyenge angangeni kumbutho wepolitiki okanye enze izinto ezifana nokukhahlela iflegi?

  • Ngaba ucinga ukuba wenza isigqibo esifanelekileyo?

Zeziphi ezinye izinto ezinokwenza kube nzima ukungathathi cala? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Singenza njani ukuze sibonise ukuba asithathi cala xa amazwe ohlukahlukeneyo edlala imidlalo kunye?

  • Singenza njani ukuze sihlale singathathi cala xa izigqibo ezenziwa ngabantu beepolitiki zinokusinceda okanye zisifake engxakini?

  • Izinto esiziva ezindabeni nasebantwini esidla ngokuba phakathi kwabo zinokwenza njani kube nzima ukungathathi cala?

Ziintoni umKristu angamele athathe icala kuzo, kwindlela acinga ngayo nakwizinto azenzayo?

UKUBA UMNTU UTHI: “Kutheni ungenambutho wepolitiki uwuxhasayo?”

  • Ungamphendula njani?

UFUNDE NTONI?

AmaKristu azama kangangoko ukungathathi cala xa ecinga, ethetha nakwizinto azenzayo.

Khawutsho

  • Simele sibajonge njani oorhulumente babantu?

  • Kutheni simele sihlale singathathi cala kwizinto zeepolitiki?

  • Ziintoni ezinokwenza kube nzima ukungathathi cala?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Ziintoni ekusenokufuneka sizincame ukuze sikwazi ukuhlala singathathi cala?

Zange Wasiphoxa UYehova (3:14)

Ziintoni ezinokwenziwa ziintsapho ukuze zilungiselele iimeko ezinokwenza kube nzima ukuba zingathathi cala?

Hlala Ungathathi Cala Naxa Uphakathi Kwabantu (4:25)

Kutheni ukulwela ilizwe kungeyiyo eyona nto ibalulekileyo umntu anokuyenza?

“Zonke Izinto Zinokwenzeka NgoThixo” (5:19)

Funda ukuba ungenza njani ukuze ungabi ‘ngoweli hlabathi’ xa usenza isigqibo somsebenzi oza kuwenza.

“Ngamnye Uya Kuthwala Owakhe Umthwalo” (IMboniselo, Matshi 15, 2006)