Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 50

Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?​—Inxalenye 2

Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?​—Inxalenye 2

Abantwana basisipho esivela kuYehova. Ulindele ukuba abazali babakhathalele. Ubanika namacebiso okuba bangayenza njani loo nto. Kanti nabantwana ubanika amacebiso okuba bangenza njani ukuze bonwabise abazali babo.

1. Leliphi icebiso uYehova alinika abazali?

UYehova ufuna abazali babathande abantwana babo baze bachithe ixesha elininzi nabo. Ufuna nokuba babakhusele kwizinto ezinokubenzakalisa, basebenzise namacebiso eBhayibhile ukuze babafundise. (IMizekeliso 1:8) Uthi kootata: “Qhubekani nibakhulisa [abantwana benu] . . . ngendlela kaYehova.” (Funda amaEfese 6:4.) UYehova uvuya kakhulu xa abazali bebafundisa ngaye abantwana babo, bangawutyhaleli kwabanye abantu loo mthwalo wabo.

2. Leliphi icebiso uYehova alinika abantwana?

Xa eyalela abantwana, uYehova uthi: “Bathobeleni abazali benu.” (Funda amaKolose 3:20.) Xa abantwana bebahlonipha baze babathobele abazali babo, bavuyisa uYehova ibe nabazali bayonwaba. (IMizekeliso 23:22-25) Xa wayengumntwana, uYesu wababonisa indlela yokuyenza kakuhle le nto. Wayengenasono, kodwa wayebathobela ibe wayebahlonipha abazali bakhe ababenesono.​—Luka 2:51, 52.

3. Ingasondela njani kuThixo intsapho yakho?

Ukuba ungumzali, siqinisekile ukuba ufuna abantwana bakho bamthande njengawe uYehova. Ungayenza njani le nto? Unokwenza into ethethwa yiBhayibhile, kuba ithi: “Uze uwabethelele ebantwaneni bakho [amazwi kaYehova] yaye uthethe ngawo xa uhleli endlini yakho, xa uhamba endleleni.” (Duteronomi 6:7) ‘Ukuwabethelela’ kuthetha ukuyiphinda-phinda into oyifundisayo. Inoba nawe uyazi ukuba ukuze abantwana bakho bayikhumbule into, kudla ngokufuneka uyiphinda-phinde. Le vesi ithetha ukuba ufanele usoloko ukhangela amathuba okuthetha nabantwana bakho ngoYehova. Into enokuninceda kukuba nexesha eniza kufunda ngalo ngoYehova qho ngeveki. Ukuba aninabantwana, ukubeka ixesha eniza kulifunda ngalo iLizwi LikaThixo qho ngeveki nani kunganinceda.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga amacebiso anokunceda yonke intsapho yonwabe ize izive ikhuselekile.

4. Yiba nothando xa uqeqesha abantwana bakho

Kunokuba nzima ukuqeqesha umntana. IBhayibhile ingakunceda njani? Funda uYakobi 1:19, 20, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Abazali banokulubonisa njani uthando xa bethetha nabantwana babo?

  • Kutheni umzali engamele amqeqeshe ecaphukile umntana? a

5. Bakhusele abantwana bakho

Ukuze ubakhusele abantwana bakho, kubalulekile ukuba uthethe nabo ngesondo. Isenokuba nzima ke loo nto. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Yintoni esenokwenza kube nzima kwabanye abazali ukuthetha nabantwana babo ngesondo?

  • Abanye abazali baye babaxelela njani abantwana babo ngesondo?

Ihlabathi likaSathana liya lisiba libi kakhulu, njengokuba kwakuchaziwe. Funda 2 Timoti 3:1, 13, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Abanye abantu abenza izinto ezimbi ekuthethwa ngabo kwivesi 13 babaphatha kakubi abantwana ngesondo. Ngenxa yaloo nto, kutheni kubalulekile ukuba abazali babafundise abantwana babo ngesondo, nokuba babafundise indlela yokuzikhusela kubantu abanjalo?

Ngaba Ubuyazi?

AmaNgqina kaYehova enza iincwadi neevidiyo ezininzi ezinceda abazali bakwazi ukufundisa abantwana babo ngesondo nokuba banokuzikhusela njani. Ngokomzekelo, jonga ezi:

6. Bahloniphe abazali bakho

Abantwana banokubonisa ukuba bayabahlonipha abazali babo ngendlela abathetha ngayo nabo. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kutheni kubalulekile ukuba umntwana abe nembeko xa ethetha nabazali?

  • Umntu osemtsha angabonisa njani ukuba uyabahlonipha abazali bakhe ngendlela athetha ngayo?

Funda iMizekeliso 1:8, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Umntu osemtsha ufanele athini xa abazali bakhe bemxelela ukuba makenze ntoni?

7. Khonzani uYehova kunye njengentsapho

Iintsapho zamaNgqina kaYehova ziba nexesha ezimkhonza kunye ngalo uYehova qho ngeveki. Zimkhonza Njani? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Iintsapho zinokwenza njani ukuze zenze uNqulo Lwentsapho qho?

  • Umzali unokwenza ntoni ukuze unqulo lwentsapho luncede intsapho luze lube mnandi?​—Jonga umfanekiso osekuqaleni kwesi sifundo.

  • Yintoni enokwenza kube nzima ukufunda kunye?

UYehova wayelindele ukuba iintsapho zamaSirayeli zithethe qho ngeZibhalo. Funda iDuteronomi 6:6, 7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ungayenza njani le nto ithethwa apha?

Izinto eninokuzenza kunqulo lwentsapho:

  • Lungiselelani iintlanganiso zebandla.

  • Fundani nize nincokole ngento eseBhayibhileni intsapho eza kuyonwabela.

  • Ukuba ninabantwana, ncokolani ngenqaku elithetha ngolutsha eliku-jw.org/xh.

  • Yenzani imidlalo yeBhayibhile nabantwana benu.

  • Bukelani ividiyo eku-jw.org nize nincokole ngayo.

ABANYE ABANTU BATHI: “Inzima kakhulu iBhayibhile, abantwana abanakuyiqonda.”

  • Uthini wena?

UFUNDE NTONI?

UYehova ufuna abazali babathande, babakhusele baze babaqeqeshe abantwana babo. Ufuna abantwana babahloniphe baze babathobele abazali babo. Ufuna nokuba iintsapho zimkhonze kunye.

Khawutsho

  • Abazali banokubaqeqesha baze babakhusele njani abantwana babo?

  • Abantwana bangabonisa njani ukuba bayabahlonipha abazali babo?

  • Kunceda ngantoni ukuba nexesha lokwenza unqulo lwentsapho qho ngeveki?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Ziintoni onokumfundisa zona umntwana wakho eziza kumnceda xa emdala?

“Izinto Ezintandathu Ekufuneka Umntwana Azifunde” (Vukani! No. 2 2019)

Funda izinto ezicetyiswa yiBhayibhile kubantu abahoya abantu abadala.

“IBhayibhile Ithi Bamele Bahoywe Ngubani Abantu Abadala?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Jonga ukuba yintoni eyanceda enye indoda yakwazi ukukhulisa abantwana bayo.

Safundiswa NguYehova Ukukhulisa Abantwana Bethu (5:58)

Jonga ukuba ootata bangenza njani ukuze basondelelane noonyana babo.

“Ootata Banokusondelelana Njani Noonyana Babo?” (IMboniselo, Novemba 1, 2011)

a EBhayibhileni xa kuthethwa ‘ngokuqeqesha,’ kuthethwa ngokufundisa, ukukhokela, nokunceda umntana atshintshe indlela erongo acinga okanye enza ngayo. Akuthethi ukumphatha kakubi.​—IMizekeliso 4:1.