Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 51

Ungamvuyisa Njani UYehova Ngendlela Othetha Ngayo?

Ungamvuyisa Njani UYehova Ngendlela Othetha Ngayo?

Xa wayesidala, uYehova wasinika isipho esihle sokuthetha. Ngaba uyikhathalele into yokuba sisisebenzisa njani eso sipho? Ewe! (Funda uYakobi 1:26.) Simele sithethe njani ukuze simvuyise?

1. Simele sisisebenzise njani esi sipho sokuthetha sivela kuYehova?

IBhayibhile ithi, “hlalani nikhuthazana yaye nisakhana.” (1 Tesalonika 5:11) Ngaba bakhona abantu ocinga ngabo abafuna ukukhuthazwa? Yintoni ongayenza ukuze ubancede bazive bhetele? Baxelele ukuba ubakhathalele. Ungade ubachazele nokuba yintoni oyithandayo ngabo. Ikhona ivesi oyicingayo esenokukhuthaza umntu omaziyo? Zininzi kakhulu ongakhetha kuzo. Ungalibali nokuba indlela othetha ngayo ingabakhuthaza kakhulu abanye. Ngalo lonke ixesha, zama ukuthetha uzolile, ngobubele.​—IMizekeliso 15:1.

2. Ziintoni esingamele sizithethe?

IBhayibhile ithi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu.” (Funda amaEfese 4:29.) Le nto ithetha ukuba asimele sithethe kakubi, okanye sithethe izinto ezibuhlungu kuba sifuna ukukhathaza umntu. Sifanele sikuphephe ukuhleba nokuthetha kakubi ngabantu.​—Funda iMizekeliso 16:28.

3. Yintoni eza kusinceda sithethe izinto ezikhuthazayo?

Izinto esizithethayo zidla ngokubonisa abanye indlela esiziva ngayo nezinto esizicingayo. (Luka 6:45) Yiloo nto simele siziqhelise ukucinga izinto ezibubulungisa, ezicocekileyo, ezithandekayo, nezincomekayo. (Filipi 4:8) Ukuze sikwazi ke ukucinga izinto ezinjalo, sifanele sibakhethe kakuhle abahlobo nendlela esizonwabisa ngayo. (IMizekeliso 13:20) Enye into eza kusinceda kukucinga ngaphambi kokuba sithethe. Cinga nokuba abantu baza kuziva njani ngento oyithethayo. Kaloku iBhayibhile ithi: “Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.”​—IMizekeliso 12:18.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba ungenza njani ukuze uthethe ngendlela emvuyisayo uYehova nebakhuthazayo abanye.

4. Yilumkele indlela othetha ngayo

Ngamanye amaxesha, siye sithethe izinto esiye sizisole ngazo. (Yakobi 3:2) Funda amaGalati 5:22, 23, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kwizinto ezichazwe kwezi vesi, zeziphi onokuzithandazela ezinokukunceda uthethe kakuhle? Zingakunceda njani ezi zinto?

Funda 1 Korinte 15:33, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Abahlobo bakho nendlela ozonwabisa ngayo banokuyitshintsha njani indlela othetha ngayo?

Funda iNtshumayeli 3:1, 7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kuxa kutheni apho kusenokuba bhetele uthule okanye ulinde elinye ixesha onokuthetha ngalo?

5. Thetha kakuhle ngabantu

Yintoni esinokuyenza ukuze singabaphoxi abanye okanye sithethe kakubi? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, bekutheni ukuze lo mzalwana atshintshe indlela athetha ngayo ngabanye?

  • Yintoni ayenzileyo ukuze atshintshe?

Funda iNtshumayeli 7:16, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni esifanele siyikhumbule ukuze singathethi kakubi ngomnye umntu?

Funda iNtshumayeli 7:21, 22, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ezi vesi zingakunceda njani ungacaphuki xa kukho umntu othetha kakubi ngawe?

6. Thetha kakuhle nentsapho yakho

UYehova ufuna sithethe kakuhle neentsapho zethu. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Yintoni eza kukunceda uthethe kakuhle nentsapho yakho?

Funda amaEfese 4:31, 32, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuze abantu abakwiintsapho zethu bazive bethandwa, simele sithethe njani nabo?

UYehova wachaza indlela awayeziva ngayo ngoYesu, uNyana wakhe. Funda uMateyu 17:5, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ungamlinganisa njani uYehova kwindlela othetha ngayo nentsapho yakho?

Khangela amathuba okuncoma abanye

ABANYE ABANTU BATHI: “Mna ndithetha noba yintoni endiyicingayo. Andikhathali noba ukhona umntu ongayithandiyo.”

  • Utsho nawe? Ngoba?

UFUNDE NTONI?

Izinto esizithethayo zingabanceda okanye zibakhathaze abanye. Yiloo nto simele sizicinge kakuhle, nokuba sizithetha nini, nendlela esizithetha ngayo.

Khawutsho

  • Zeziphi iindlela ongathetha ngazo ezinokubanceda abanye?

  • Yeyiphi indlela ongafuni ukuthetha ngayo?

  • Yintoni enokusinceda sithethe kakuhle size sikhuthaze?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Yintoni enokusinceda sithethe ngendlela ekhuthazayo?

Thetha Njengesilumko (8:04)

Jonga ukuba yintoni enokukunceda ungathethi kakubi.

“Ngaba Nyhani Ukuthuka Kuphosakele?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Jonga ukuba ungenza ntoni ukuze ungahlebi.

Ndingakunqanda Njani Ukuhleba? (2:36)

Jonga indlela uYehova awayinceda ngayo indoda eyayingakwazi ukuyeka ukuthuka.

“Ndaqalisa Ukucinga Ngekamva Lam” (IMboniselo, Agasti 1, 2013)