Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 54

Ngubani “Olikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi” Ibe Lenza Ntoni?

Ngubani “Olikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi” Ibe Lenza Ntoni?

UYesu yiNtloko yebandla lamaKristu. (Efese 5:23) Namhlanje, uYesu esezulwini, ukhokela abalandeli bakhe abasemhlabeni esebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Funda uMateyu 24:45.) Eli ‘khoboka’ lamiselwa nguYesu ibe uyalivumela ukuba lenze izigqibo ezithile. Kodwa ke limele lithobele uKristu lize lisebenzele abazalwana bakhe. Ngubani eli khoboka? Lisikhathalela njani?

1. Ngubani “olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi”?

UYehova ubesoloko esebenzisa amadoda ambalwa okanye umntu omnye ukuze akhokele abantu bakhe. (Malaki 2:7; Hebhere 1:1) Emva kokufa kukaYesu, yayingabapostile nabadala ababekhokela eYerusalem. (IZenzo 15:2) Ngokufanayo, namhlanje kukho iqela elincinci labadala abakhokelayo. Eli qela kuthiwa liQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova. Lisinika izinto ezisinceda sibe ngabahlobo bakaYehova ibe likhokela nomsebenzi wokushumayela. IQumrhu Elilawulayo, ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi elanikwa nguYesu umsebenzi.’ (Mateyu 24:45a) Bonke abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo ngamaKristu athanjisiweyo. Bajonge phambili kwixesha apho baza kulawula noYesu eBukumkanini bakhe basezulwini, emva kokusweleka kwabo.

2. Yintoni oku kutya kuqinisa ukholo ikhoboka elithembekileyo elisinika kona?

UYesu wathi ikhoboka elithembekileyo liza kunika abazalwana noodade “ukutya kwabo ngexesha elifanelekileyo.” (Mateyu 24:45b) Ukutya esikutyayo kusinceda sibe sempilweni size sihlale somelele. Ngokufanayo, ukutya okuqinisa ukholo okuphuma eLizwini likaThixo, kusinika amandla okuhlala sithembekile kuYehova size senze umsebenzi esawunikwa nguYesu. (1 Timoti 4:6) Oku kutya sikufumana kwiintlanganiso, kwiindibano ezinkulu nezincinci, kwiincwadi ezithetha ngeBhayibhile nakwiividiyo ezisinceda sazi izinto uThixo azifunayo, size sisondele kakhulu kuye.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga ukuba kutheni silidinga ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’​—iQumrhu Elilawulayo.

Iqumrhu Elilawulayo lisinika ukutya okusisondeza kuYehova, liyasikhokela, ibe linceda amaNgqina kaYehova asemhlabeni wonke

3. Abantu bakaYehova bafanele benze izinto ngocwangco

IQumrhu Elilawulayo likhokelwa nguYesu ukuze liwulungelelanise kakuhle umsebenzi wamaNgqina kaYehova. UYesu wayewakhokela ngale ndlela namaKristu okuqala. Dlala IVIDIYO.

Funda 1 Korinte 14:33, 40, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ezi vesi, zibonisa njani ukuba uYehova ufuna amaNgqina akhe azenze ngocwangco izinto?

4. Ikhoboka elithembekileyo liyaqiniseka ukuba umsebenzi wethu wokushumayela wenziwa kakuhle

Owona msebenzi ubalulekileyo owawusenziwa ngamaKristu okuqala, ngumsebenzi wokushumayela. Funda iZenzo 8:14, 25, nize nincokole ngale mibuzo:

  • KumaKristu okuqala, ngubani owayekhokela umsebenzi wokushumayela?

  • UPetros noYohane benza ntoni xa babenikwa umyalelo ngabanye abapostile?

Owona msebenzi ubalulekileyo okhokelwa liQumrhu Elilawulayo, ngowokushumayela. Dlala IVIDIYO.

UYesu wathetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukushumayela. Funda uMarko 13:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni umsebenzi wokushumayela ubaluleke kangaka kwiQumrhu Elilawulayo?

  • Kutheni sidinga ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuze likhokele lo msebenzi wenziwa emhlabeni wonke?

5. Ikhoboka elithembekileyo liyakhokela

IQumrhu Elilawulayo likhokela amaKristu asemhlabeni wonke. Lazi njani ukuba lifanele likhuphe eyiphi imiyalelo? Jonga ukuba ngexesha lamaKristu okuqala, laliyenza njani loo nto. Funda iZenzo 15:1, 2, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni awayephikisana ngayo amaKristu okuqala?

  • UPawulos, noBharnabhas, nabanye balucela phi uncedo?

Funda iZenzo 15:12-18, 23-29, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ngaphambi kokuba iqumrhu elilawulayo lenze isigqibo, liye lenze ntoni ukuze lifumane ukhokelo lukaThixo?—Jonga ivesi 12, 15, no-28.

Funda iZenzo 15:30, 31 no-16:4, 5, nize nincokole ngale mibuzo:

  • AmaKristu okuqala enza ntoni xa afumana ukhokelo kwiqumrhu elilawulayo?

  • UYehova wawasikelela njani ngokuthobela kwawo?

Funda 2 Timoti 3:16 noYakobi 1:5, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • IQumrhu Elilawulayo lilukhangela phi uncedo ngaphambi kokuba lenze izigqibo namhlanje?

ABANYE ABANTU BATHI: “Ukuba umamela iQumrhu Elilawulayo, ulandela nje abantu.”

  • Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba nguYesu okhokela iQumrhu Elilawulayo?

UFUNDE NTONI

IQumrhu Elilawulayo likhethwe nguYesu ukuba libe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Linika amaKristu asemhlabeni wonke ukutya okuwanceda asondele kuYehova ibe liyawakhokela.

Khawutsho

  • Ngubani okhethe ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’?

  • IQumrhu Elilawulayo lisinceda njani?

  • Uyayikholelwa na into yokuba iQumrhu Elilawulayo ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi’?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga ukuba iQumrhu Elilawulayo liwenza njani umsebenzi walo ngocwangco.

“Yintoni IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ukuba iQumrhu Elilawulayo lenza njani ukuze liqiniseke ukuba lisifundisa izinto eziyinyani.

Ukwenza Iincwadi Ezichanileyo (17:18)

Abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo baziva njani ngomsebenzi abawunikwe nguYesu?

Siwuxabisa Kakhulu Lo Msebenzi (7:04)

Iintlanganiso zethu neendibano zibonisa njani ukuba nguYehova okhokela iQumrhu Elilawulayo?

UYehova Ufundisa Abantu Bakhe (9:39)