Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 57

Uza Kuthini Xa Wenze Isono Esinzulu?

Uza Kuthini Xa Wenze Isono Esinzulu?

Ngamanye amaxesha, uza kuzenza iimpazamo nangona umthanda kakhulu uYehova ibe uzama ngandlela zonke ukungenzi nantoni na eza kumkhathaza. Ezinye iimpazamo ziba mbi kakhulu. (1 Korinte 6:9, 10) Xa wenze isono esinzulu, ungalibali ukuba uYehova akayekanga ukukuthanda, kwaye ufuna ukukuxolela nokukunceda.

1. Simele senze ntoni ukuze uYehova asixolele?

Abantu abamthandayo uYehova baba buhlungu kakhulu xa bebona ukuba benze isono esinzulu. Kodwa bayathuthuzeleka xa bekhumbula into ayithembisayo ebantwini bakhe, kuba uthi: “Nangona izono zenu zibomvu njengegazi, ziza kwenziwa mhlophe njengekhephu.” (Isaya 1:18) Xa siguquka nyhani, uYehova uza kusixolela. Siguquka njani ke? Siye sizisole kakhulu ngento embi esiyenzileyo, siyiyeke size sicele uYehova asixolele. Emva koko, sisebenza nzima ukuze sitshintshe indlela engafanelekanga esicinga okanye esizenza ngayo izinto, ebangele senza isono esinzulu, size sizame ukuphila ngemithetho kaYehova.​—Funda uIsaya 55:6, 7.

2. Xa sisona, uYehova ubasebenzisa njani abadala ukuze basincede?

Ukuba umntu wenza isono esinzulu, uYehova uthi “makabize abadala bebandla.” (Funda uYakobi 5:14, 15.) Abadala bamthanda kakhulu uYehova nabakhonzi bakhe. Bafundiswe indlela yokusinceda ukuze sikwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova abasondeleyo kwakhona.​—Galati 6:1.

Abadala basinceda njani xa senze isono esinzulu? Abadala ababini okanye abathathu basebenzisa iBhayibhile ukuze basibonise ukuba kutheni ingafanelekanga loo nto siyenzileyo. Bayasikhuthaza, baze basinike amacebiso anokusinceda sikuphephe ukona. Basenokusixelela ukuba zikhona izinto esingazukwazi ukuzenza ebandleni de siphinde sibe ngabahlobo abasondeleyo noYehova. Ukuba umntu owenze isono esinzulu akaguquki, abadala bayamyekisa ukuba liNgqina likaYehova, kuba bafuna ukukhusela ibandla.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda indlela uYehova asinceda ngayo xa senze isono esinzulu.

3. Xa siyivuma into embi esiyenzileyo, loo nto isinceda siphinde sibe ngabahlobo bakaYehova

Noba senze isono esinjani, simenza buhlungu uYehova. Yiloo nto sifanele siyivume kuye into embi esiyenzileyo. Funda iNdumiso 32:1-5, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kutheni kusinceda ukuvuma izono zethu kuYehova endaweni yokuba sizame ukuzifihla?

Siye sizive bhetele kakhulu xa sisiya kubadala emva kokuba sivume izono zethu kuYehova. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, abadala bamncede njani wabuyela kuYehova uCanon?

Abadala simele sibaxelele yonke into, kuba bafuna ukusinceda. Funda uYakobi 5:16, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kuba lula ngabadala ukuba basincede xa sithetha inyani?

Vuma into embi oyenzileyo, ubaxelele inyani abadala, uze wamkele uncedo lukaYehova lothando

4. Ukuyekiswa komntu owonileyo ukuba liNgqina kunceda yena nebandla

Ukuba umntu owenze isono esinzulu akafuni ukwenza izinto uYehova afuna azenze, umele akhutshwe ebandleni. Uyayekiswa ukuba liNgqina likaYehova, size nathi siyeke ukuthetha okanye ukwenza izinto naye. Funda 1 Korinte 5:6, 11 no-2 Yohane 9-11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Njengokuba igwele liyibilisa yonke intlama yesonka, ukuhlala nomntu ongaguqukiyo kunokwenza ntoni ebandleni?

Abantu abaninzi ababeyekisiwe ukuba ngamaNgqina baye baphinda babuyela ebandleni. Ewe kona bekubuhlungu ukususwa ebandleni, kodwa kuye kwabanceda babona ukuba into abayenzileyo ayifanelekanga. (INdumiso 141:5) Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, kumncede njani uSonja ukuyekiswa kwakhe ukuba liNgqina?

Xa umntu eyekisiwe ukuba liNgqina, loo nto . . .

  • ilizukisa njani igama likaYehova?

  • ibonisa njani ukuba uYehova uyasithanda futhi ulungile?

5. UYehova uyasixolela xa siguquka

UYesu wenza umzekelo osinceda siqonde indlela uYehova aziva ngayo xa umntu eguquka. Funda uLuka 15:1-7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Le nto ikufundisa ntoni ngoYehova?

Funda uHezekile 33:11, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni ebalulekileyo ebonisa ukuba sizisola nyhani ngento embi esiyenzileyo?

Njengomalusi, uYehova uzikhathalele izimvu zakhe

UKUBA UMNTU UTHI: “Ndiyoyika ukuxelela abadala ngento embi endiyenzileyo, baza kundiyekisa ukuba liNgqina.”

  • Ungathini kumntu oziva ngaloo ndlela?

UFUNDE NTONI?

Xa senze isono esinzulu, size sizisole, siyiyeke nento embi esiyenzayo, uYehova uza kusixolela.

Khawutsho

  • Kutheni kubalulekile ukuba sichaze izono esizenzileyo kuYehova?

  • Simele senze ntoni ukuze uYehova asixolele?

  • Xa senze isono esinzulu, kutheni simele sicele uncedo kubadala?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga indlela uYehova awayibonisa ngayo kwenye indoda inceba yakhe echazwe kuIsaya 1:18.

Ungaze Uthandabuze Ukuba UYehova Angakunceda (5:02)

Xa kukho umntu oyekiswayo ukuba liNgqina likaYehova, loo nto ibanceda njani abanye?

“Kutheni Ukususa Kubudlelane Kulilungiselelo Lothando?” (IMboniselo, Meyi 15, 2015)

Funda ukuba ungamcacisela njani umntu ongeloNgqina ukuba kutheni abanye abantu beyekiswa ukuba ngamaNgqina.

“Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayabagxotha Abantu Ababekade Bekhonza Nawo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Kwibali elithi, “Ndandifuna Ukubuyela KuYehova,” funda ukuba yintoni eyenza enye indoda eyayiyekile ukukhonza uYehova yabuyela kuye.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Aprili 1, 2012)