Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 58

Ungayeki Ukuthembeka KuYehova

Ungayeki Ukuthembeka KuYehova

AmaKristu okwenene azimisele ukungavumeli nantoni na okanye nabani na awayekise ukukhonza uYehova. Siqinisekile ukuba nawe uziva ngolo hlobo. UYehova ukuxabisa kakhulu ukuthembeka kwakho. (Funda 1 Kronike 28:9.) Ziintoni ezinokwenza kube nzima ukuhlala uthembekile kuye, ibe yintoni enokukunceda?

1. Yintoni enokwenziwa ngabanye enokubangela kube nzima ukuba sithembeke kuYehova?

Abanye abantu baza kuzama ukusiyekisa ukukhonza uYehova. Ngoobani abo? Abanye babo ngabantu abayekileyo ukukhonza uYehova, abathetha ubuxoki ngentlangano kuba befuna siphelelwe lukholo. Ngabawexuki ke abo. Nabanye abafundisi basenokuthetha ubuxoki ngathi kuba befuna abantu abangalumkanga bayeke ukukhonza uYehova. Kuyingozi ukuthetha nabantu abangasifuniyo, ukufunda iincwadi nezinto abazibhalayo kwiiwebhsayithi zabo okanye ukubukela iividiyo zabo. Xa uYesu wayethetha ngabantu abazama ukusityhafisa ekukhonzeni uYehova, wathi: “Bayekeni benjalo. Baziinkokheli eziziimfama. Ukuba ke umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni.”​—Mateyu 15:14.

Siza kuthini xa umntu esimaziyo ezikhethela ukuba uyayeka ukuba liNgqina likaYehova? Singakhathazeka kakhulu ukuba loo nto inokwenziwa ngumntu osondeleyo kuthi. Kangangokuba kunokude kunyanzeleke ukuba sikhethe phakathi kwakhe noYehova. Simele sizimisele ukuhlala sinyanisekile kuYehova ngaphezu kwayo nantoni na. (Mateyu 10:37) Ngoko, siye sithobele umthetho kaYehova obonisa ukuba simele sohlukane nabantu abanjalo.​—Funda 1 Korinte 5:11.

2. Izigqibo esizenzayo zinokubonisa njani ukuba sithembekile kuYehova?

Indlela esimthanda ngayo uYehova isenza singafuni ukwenza nantoni na esidibanisa neenkonzo zobuxoki. Umsebenzi wethu, imibutho esikuyo, nayo nantoni na esiyenzayo ayifanele idibane neenkonzo zobuxoki. UYehova uthi: “Phumani kuyo [iBhabhiloni Enkulu], bantu bam.”​—ISityhilelo 18:2, 4.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba unokwenza njani ukuze ungavumeli nabani na akwenze ungathembeki kuYehova. Uze ufunde nokuba ungabonisa njani ukuba uthembekile kuYehova ngokuphuma kwiBhabhiloni Enkulu.

3. Balumkele abafundisi bobuxoki

Sifanele senze ntoni xa sisiva izinto ezimbi ngentlangano kaYehova? Funda iMizekeliso 14:15, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni singakholelwa yonke into?

Funda 2 Yohane 10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Sifanele sibaphathe njani abawexuki?

  • Nokuba asithethi nabawexuki, sinokuzibona phi izinto abazifundisayo?

  • Ucinga ukuba uYehova angaziva njani xa sinokumamela izinto ezimbi ezithethwa ngaye okanye ngentlangano yakhe?

4. Hlala uthembekile kuYehova xa kukho umntu owonayo ebandleni

Yintoni esimele siyenze xa sibona ukuba kukho umntu owenze isono esinzulu ebandleni? Khawujonge into esiyifundayo kuMthetho uYehova awawunika amaSirayeli. Funda iLevitikus 5:1.

Njengokuba ibonisile le vesi, xa sibona ukuba kukho umntu owenze isono esinzulu, simele sixelele abadala. Kodwa ngaphambi kokuba sibaxelele, simele siqale sikhuthaze loo mntu wonileyo ukuba ayokuzichaza ngokwakhe. Ukuba akade aye kubadala, thina simele sibonise ukuba sinyanisekile kuYehova ngokuxelela abadala into esiyaziyo. Xa sisenza loo nto, sibonisa njani ukuba . . .

  • siyamthanda uYehova uThixo?

  • siyamthanda loo mntu wonileyo?

  • siyabathanda abanye ebandleni?

Ukuba umntu okhonza naye unengxaki, mncede!

5. Phumani kwiBhabhiloni Enkulu

Funda uLuka 4:8 neSityhilelo 18:4, 5, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngaba igama lam lisabhalisiwe ecaweni?

  • Ngaba ndikumbutho onento yokwenza nenye inkonzo?

  • Ngaba umsebenzi wam awuxhasi nkonzo yobuxoki nangayiphi na indlela?

  • Ngaba ebomini bam zikhona ezinye izinto ezisenokudinga ukuba ndiphephe iinkonzo zobuxoki?

  • Ukuba kule mibuzo ingasentla ukhona endithe ewe kuwo, yintoni endimele ndiyitshintshe?

Kuzo zonke izinto, yenza isigqibo esiza kukushiya unesazela esicocekileyo nesibonisa ukuba unyanisekile kuYehova.

Ungathini xa unokucelwa ukuba unikele kwinto enokwenza nenkonzo?

ABANYE ABANTU BATHI: “Kufuneka ndizazi izinto ezithethwa ngabawexuki ngamaNgqina kaYehova, ukuze ndikwazi ukuthethelela inyani.”

  • Ngaba bubulumko obo? Kutheni usitsho?

UFUNDE NTONI?

Ukuze sihlale sithembekile kuYehova, kufuneka siqiniseke ukuba asibi ngabahlobo nabantu abanganyanisekanga kuye. Kufuneka kungabikho nantoni na esidibanisa neenkonzo zobuxoki.

Khawutsho

  • Kutheni singamele sibukele, simamele okanye sifunde izinto ezithethwa ngabawexuki?

  • Simele sibaphathe njani abantu abangasafuniyo ukuba ngamaNgqina KaYehova?

  • Singasithobela njani isilumkiso esithi masiphume kwiinkonzo zobuxoki?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba ungenza ntoni xa abantu bethetha ubuxoki ngamaNgqina KaYehova.

“Ngaba Uzazi Zonke Iinkcukacha?” (IMboniselo, Agasti 2018)

Abantu abangasifuniyo baye bazame ukwenza ntoni ukuze baphelise ukholo lwethu?

Balumkele Abantu Abalahlekisayo (9:32)

Kwibali elithi “Bendisoloko Ndifuna UThixo Ukususela Ebuntwaneni,” funda ukuba yintoni eyenza umfundisi wamaShinto wayiyeka inkonzo yakhe.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Julayi 1, 2011)