Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 59

Ungakwazi Ukuhlala Uthembekile Naxa Uphathwa Kakubi

Ungakwazi Ukuhlala Uthembekile Naxa Uphathwa Kakubi

Abantu baseza kuzama ukusiyekisa ukukhonza uYehova. Xa singavumi, banokude basiphathe kakubi. Ngaba loo nto ifanele isoyikise?

1. Kutheni silindele ukuba abantu basiphathe kakubi?

IBhayibhile ithi: “Wonke umntu ofuna ukukhonza uThixo engumlandeli kaKristu Yesu, naye uza kutshutshiswa.” (2 Timoti 3:12) UYesu waphathwa kabuhlungu kuba nje wayengenguye owehlabathi likaSathana. Nathi asingabo abehlabathi, yiloo nto ingasothusi into yokuba oorhulumente behlabathi neenkonzo zisiphatha kakubi.​—Yohane 15:18, 19.

2. Ziintoni ezinokusinceda sikwazi ukunyamezela xa siphathwa kakubi?

Simele siziqhelise kwangoku ukumthemba uYehova. Yonke imihla, thandaza uze ufunde iLizwi lakhe. Yiya kwiintlanganiso zebandla qho ngeveki. Ukwenza zonke ezi zinto kuza kukunika amandla okunyamezela xa uphathwa kabuhlungu, noba loo nto yenziwa yintsapho yakho. Umpostile uPawulos owayesoloko ephathwa kakubi wathi: “UYehova ungumncedi wam; andizukoyika.”​—Hebhere 13:6.

Enye into eza kusinceda sibe nesibindi kukushumayela qho. Kaloku xa sishumayela, siye sifunde ukumthemba uYehova size siyeke nokoyika abantu. (IMizekeliso 29:25) Ukuba uba nesibindi sokushumayela kwangoku, uza kukwazi ukushumayela naxa urhulumente ezama ukusiyekisa.​—1 Tesalonika 2:2.

3. Sifumana ntoni xa sihlala sithembekile kuYehova nokuba siphethwe kakubi?

Ewe kona, akubi mnandi xa siphathwa kakubi. Kodwa xa siye sanyamezela, ukholo lwethu luyaqina. Siye sisondele kakhulu kuYehova kuba siye simbone esinceda xa singenamandla. (Funda uYakobi 1:2-4.) UYehova uyakhathazeka xa esibona sisehlelwa zizinto ezibuhlungu, kodwa uvuya kakhulu xa esibona singancami. IBhayibhile ithi: “UThixo uyamthanda umntu onyamezela ubunzima ngenxa yokuba enze izinto ezilungileyo.” (1 Petros 2:20) Xa sihlala sithembekile, uYehova uza kusinika ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha. Wonke umntu kwelo hlabathi uza kukhonza uYehova kungekho mntu umnqandayo.​—Mateyu 24:13.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba kutheni inokwenzeka into yokuba sihlale sithembekile kuYehova naxa abantu besiphatha kakubi, uze ufunde ukuba yena uza kusinika ntoni.

4. Ungakwazi ukuhlala uthembekile naxa uphathwa kabuhlungu yintsapho yakho

UYesu wayesazi kakuhle ukuba abanye abantu abakwiintsapho zethu abazukufuna ukuba sikhonze uYehova. Funda uMateyu 10:34-36, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kungenzeka ntoni entsatsheni xa kukho umntu okhetha ukukhonza uYehova?

Ukuze ubone umzekelo, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Ungenza ntoni xa umntu ozalana naye okanye umhlobo wakho ezama ukukuyekisa ukukhonza uYehova?

Funda iNdumiso 27:10 nize nincokole ngalo mbuzo. Emva koko, funda uMarko 10:29, 30, nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:

  • Esi sithembiso singakunceda njani xa abantu abakwintsapho yakho okanye abahlobo bezama ukukuyekisa ukukhonza uYehova?

5.Hlala ukhonza uYehova naxa uphathwa kakubi

Ukuze sihlale sikhonza uYehova naxa abantu bezama ukusiyekisa, kufuneka sibe nesibindi. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Le mizekelo ikule vidiyo ikwenza ube nesibindi njani?

Funda iZenzo 5:27-29 nize nincokole ngalo mbuzo. Emva koko, funda amaHebhere 10:24, 25, nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kubalulekile ukuba sihlale sikhonza uYehova naxa urhulumente esithi singashumayeli okanye singadibani?

6. UYehova uza kukunceda ukwazi ukunyamezela

AmaNgqina kaYehova emhlabeni wonke aye aqhubeka ekhonza uYehova naxa ephathwa kabuhlungu. Ukuze ubone into ewancedileyo, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, yintoni encede la maNgqina akwazi ukunyamezela?

Funda amaRoma 8:35, 37-39 nize nincokole ngalo mbuzo. Emva koko, funda amaFilipi 4:13, nize niphinde nincokole ngalo mbuzo:

  • Le vesi ikuqinisekisa njani ukuba ayikho into ongenakuyinyamezela?

Funda uMateyu 5:10-12, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni unokonwaba nokuba uphethwe kabuhlungu?

AmaNgqina KaYehova amaninzi aye akwazi ukuqhubeka ekhonza uYehova ngokuthembeka naxa ebephethwe kakubi. Nawe ungakwazi!

ABANYE ABANTU BATHI: “Andinakuze ndikwazi ukunyamezela ukuphathwa kakubi.”

  • Zeziphi izibhalo ezinokubanceda baqiniseke ukuba bangakwazi?

UFUNDE NTONI?

UYehova uyavuya xa sizama ukumkhonza nokuba siphethwe kabuhlungu. Angakwazi ukusinceda sinyamezele!

Khawutsho

  • Kutheni amaKristu emele alindele ukuba aza kuphathwa kakubi?

  • Yintoni onokuyenza kwangoku, ukuze ukwazi ukunyamezela xa uphethwe kabuhlungu?

  • Yintoni enokukunceda uqiniseke ukuba ungakwazi ukukhonza uYehova noba uneengxaki?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Bukela lo mzalwana usemtsha xa echaza indlela uYehova awamnceda ngayo wanyamezela xa wayevalelwe ngenxa yokungathathi cala.

Siyanyamezela Nokuba Siyatshutshiwa (2:34)

Jonga ukuba yintoni eyanceda enye indoda nenkosikazi yayo bakwazi ukuhlala bekhonza uYehova ngokuthembeka, naxa babephathwa kabuhlungu iminyaka emininzi.

Khonza UYehova Naxa Izinto Zitshintsha (7:11)

Simele sithini xa siphathwa kabuhlungu ziintsapho zethu, ibe yintoni enokusinceda sikwazi ukuhlala siseluxolweni nazo, singayekanga ukuthembeka kuYehova?

“Inyani Izisa, ‘Kungekhona Uxolo Kodwa Ikrele’” (IMboniselo, Oktobha 2017)