Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 60

Ungayeki Ukuqinisa Ubuhlobo Bakho NoYehova

Ungayeki Ukuqinisa Ubuhlobo Bakho NoYehova

Njengokuba ubufundelwa iBhayibhile, zininzi kakhulu izinto ozifundileyo ngoYehova. Izinto ozifunde ngaye zikwenze wamthanda kakhulu, kusenokwenzeka ukuba ude wazinikela kuye waza wabhaptizwa. Ukuba awukazinikeli kuye, mhlawumbi ucinga ukuyenza loo nto kungekudala. Kodwa nasemva kokuba ubhaptiziwe, kufuneka uqhubeke usondela kuYehova. Ubuhlobo bakho naye, unokuqhubeka ubuqinisa ubomi bakho bonke. Njani?

1. Kutheni umele uqhubeke uqinisa ubuhlobo bakho noYehova?

Simele sisebenze nzima ukuze sihlale siqinisa ubuhlobo bethu noYehova. Ngoba? “Ukuze singaze sikhukuliseke” kuye. (Hebhere 2:1) Yintoni enokusinceda siqhubeke sikhonza uYehova ngokuthembeka? Kukuhlala sixakeke ngumsebenzi wokushumayela nokukhangela ezinye iindlela esinokumkhonza ngazo uYehova. (Funda amaFilipi 3:16.) Ukukhonza uYehova yeyona ndlela inokusenza siphile kamnandi!​—INdumiso 84:10.

2. Yintoni enye omele uqhubeke uyenza?

Ewe kona esi sifundo seBhayibhile siyaphela ngoku, kodwa kusafuneka uqhubeke uphila njengomKristu. IBhayibhile ithi, simele ‘sinxibe ubuntu obutsha.’ (Efese 4:23, 24) Njengokuba uqhubeka ufunda iLizwi likaThixo, usiya nakwiintlanganiso, uza kufunda nezinye izinto ezintsha ngoYehova neempawu zakhe. Khangela iindlela onokumlinganisa ngazo ebomini bakho. Ungayeki nokwenza utshintsho olufunekayo ukuze uvuyise uYehova.

3. UYehova uza kukunceda njani ukuze usondele kakhulu kuye?

IBhayibhile ithi: “UThixo . . . yena ngokwakhe uza kuniqeqesha ngokupheleleyo. Uza kuniqinisa, anomeleze, aze anenze nizinze.” (1 Petros 5:10) Sonke ngamanye amaxesha sikhe silingwe ukuba senze izinto ezingafanelekanga. Kodwa uYehova usinika uncedo esiludingayo ukuze singazenzi. (INdumiso 139:23, 24) Ukuthembisa ukuba uza kukwenza ube nomnqweno namandla okumkhonza uthembekile.​—Funda amaFilipi 2:13.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba ungenza njani ukuze uqhubeke uqinisa ubuhlobo bakho noYehova, nendlela aza kukusikelela ngayo.

4. Hlala uthetha noyena Mhlobo wakho mkhulu uze ummamele

Ukuthandaza nokufunda iBhayibhile kuye kwakunceda wangumhlobo kaYehova. Ezo zinto zingakunceda njani usondele nakakhulu kuye?

Funda iNdumiso 62:8, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuze uqinise ubuhlobo bakho noYehova, ungayiphucula njani indlela othandaza ngayo nezinto omxelela zona?

Funda iNdumiso 1:2 nombhalo osemazantsi, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuze ube ngumhlobo kaYehova osondeleyo, ungaphucula njani kwindlela oyifunda ngayo iBhayibhile?

Ungenza njani ukuze indlela oyifunda ngayo iBhayibhile ikuncede? Ukuze ubone izinto onokuzenza, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Ngawaphi amacebiso onokuwasebenzisa akule vidiyo?

  • Ziintoni ofuna ukufunda ngazo?

5. Cinga ukuba ungamkhonza njani uYehova nangezinye iindlela

Ukuba nezinto ofuna ukumenzela zona uYehova kuza kukunceda ungayeki ukusondela kuye. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Kule vidiyo, kumncede njani uCameron ukucinga ngezinto afuna ukumenzela zona uYehova?

Asinakukwazi sonke ukuyoshumayela kwamanye amazwe. Kodwa sonke zikhona izinto esinokuzama ukumenzela zona uYehova. Funda iMizekeliso 21:5, uze ucinge ngezinto ofuna ukumenzela zona uYehova . . .

  • ebandleni.

  • entsimini.

Le nto ithethwa kule vesi inokukunceda njani ufikelele izinto ofuna ukuzenza?

Ezinye zezinto onokuzenza

  • Phucula indlela othandaza ngayo.

  • Yifunde yonke iBhayibhile.

  • Zama ukwazi wonke umntu osebandleni lakho.

  • Qalisa uze uqhube isifundo seBhayibhile.

  • Yiba nguvulindlela ongumncedani okanye othe ngxi.

  • Ukuba ungumzalwana, ungasebenzela ukuba sisicaka solungiselelo.

6. Phila ubomi obumnandi ngonaphakade!

Funda iNdumiso 22:26, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ungenza ntoni ukuze uphile ubomi obumnandi ngoku nangonaphakade?

UFUNDE NTONI?

Qhubeka uqinisa ubuhlobo bakho noYehova, uze ube nezinto ofuna ukumenzela zona. Uza kutsho ukwazi ukuphila ubomi obumnandi ngonaphakade!

Khawutsho

  • Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba uYehova uza kukunceda umkhonze ngokuthembeka?

  • Ungabuqinisa njani ubuhlobo bakho noYehova?

  • Ukucinga ngokumenzela izinto ezininzi uYehova kukunceda njani usondele kakhulu kuye?

Into Endizimisele Ukuyenza Kwixesha Elizayo

JONGA NEZI ZINTO

Yeyiphi into uYehova ayixabisa kakhulu? Ngaba kuxa sisenza into enye ebonisa ukuba sizinikele kuye, okanye kuxa simkhonza yonke imihla ubomi bethu bonke?

Thembeka NjengoAbraham (9:20)

Nomkhonzi kaYehova othembekileyo unokuphelelwa luvuyo. Jonga ukuba angalufumana njani.

Ndaphinda Ndafumana Uvuyo Ngokufunda Nangokucamngca (5:25)

Unokuzibekela njani izinto ofuna ukumenzela zona uYehova, ibe unokuzifikelela njani?

“Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho” (IMboniselo, Julayi 15, 2004)

Kutheni kubalulekile ukuba umKristu akhulise ubuhlobo bakhe noYehova, ibe wena ungayenza njani loo nto?

“Xhinela Ekuqoleni​—‘Imini Enkulu KaYehova Ikufuphi’” (IMboniselo, Meyi 15, 2009)