Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icandelo 3. Khawutsho

Icandelo 3. Khawutsho

Ncokolani ngale mibuzo nomntu ofunda naye iBhayibhile:

  1. Funda iMizekeliso 27:11.

    • Kutheni ufuna ukunyaniseka kuYehova?

      (Jonga Isifundo 34.)

  2. Ungazenza njani izigqibo ezifanelekileyo xa ingacaci into ethethwa yiBhayibhile ngento omele uyenze?

    (Jonga Isifundo 35.)

  3. Ungenza njani ukuze ube nenyani kuzo zonke izinto?

    (Jonga Isifundo 36.)

  4. Funda uMateyu 6:33.

    • Ungabonisa njani ukuba uqhubeka ‘ufuna kuqala uBukumkani’ kumsebenzi owenzayo nemali?

      (Jonga Isifundo 37.)

  5. Zeziphi ezinye iindlela onokubonisa ngazo ukuba uyabuxabisa ubomi njengoYehova?

    (Jonga Isifundo 38.)

  6. Funda iZenzo 15:29.

    • Ungawuthobela njani umthetho kaYehova ngegazi?

    • Ucinga ukuba ezi zinto azilindeleyo kuthi zingenzeka?

      (Jonga Isifundo 39.)

  7. Funda 2 Korinte 7:1.

    • Kuthetha ukuthini ukucoceka emzimbeni nakwizinto esizenzayo?

      (Jonga Isifundo 40.)

  8. Funda 1 Korinte 6:9, 10.

    • Ithini IBhayibhile Ngesondo? Uyavumelana nento eyithethayo?

    • IBhayibhile ithi simele sibusebenzise njani utywala?

      (Jonga Isifundo 41 no-43.)

  9. Funda uMateyu 19:4-6, 9.

    • UThixo ufuna umtshato ube njani?

    • Kutheni imitshato needivosi zimele zibhaliswe?

      (Jonga Isifundo 42.)

  10. Zeziphi ezinye izinto ezibhiyozelwayo angazifuniyo uThixo? Kutheni engazifuni?

    (Jonga Isifundo 44.)

  11. Funda uYohane 17:16 neZenzo 5:29.

    • Ungenza njani ukuze ungathathi cala?

    • Uza kuthini xa imithetho yabantu iphikisana nomthetho kaThixo?

      (Jonga Isifundo 45.)

  12. Funda uMarko 12:30.

    • Ungambonisa njani uYehova ukuba uyamthanda?

      (Jonga Isifundo 46 no-47.)