Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndingakwazi?

Ndingakwazi?

Ndingakwazi Ukushumayela Nebandla?

Ungakwazi ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga xa . . .

  • Uyifunda qho iBhayibhile, uthandaza, ibe usoloko usiya kwiintlanganiso zebandla.

  • Uzithanda futhi uzikholelwa izinto ozifundayo, ibe ufuna ukuzixelela abanye.

  • Umthanda uYehova ibe ukhetha ukuba ngumhlobo osondeleyo wabo bamthandayo.

  • Kungekho nto ikudibanisa nombutho wepolitiki okanye iinkonzo zobuxoki.

  • Uphila ngendlela uYehova afuna ngayo ibe ufuna ukuba liNgqina KaYehova.

Xa ucinga ukuba ungakwazi ukushumayela nebandla, umntu ofunda naye iBhayibhile angathetha nabadala ukuze udibane nabo, nithethe ngokuba unganguye njani umvakalisi.

Ndingakwazi Ukubhaptizwa?

Ungakwazi ukubhaptizwa xa . . .

  • Ungumvakalisi ongabhaptizwanga.

  • Usoloko ushumayela qho xa kuvela ithuba.

  • Uxhasa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ibe ulithobela.​—Mateyu 24:45-47.

  • Uzinikele kuYehova ngomthandazo ibe ufuna ukumkhonza ngonaphakade.

Xa ucinga ukuba ungakwazi ukubhaptizwa, umntu ofunda naye iBhayibhile angathetha nabadala ukuze udibane nabo, nithethe ngokuba ungenza njani ukuze ubhaptizwe.