Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

Le ncwadi ethi IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu iza kwenza kube lula ukukhangela iivesi nemizekelo eseBhayibhileni. Iza kukunceda nokuba ukwazi ukufumana eyona ndawo eBhayibhileni onokukhuthaza ngayo umntu nenokunceda omnye akwazi ukwenza isigqibo esiza kumzukisa uYehova. Wena nje vele ukhangele umxholo owudingayo, ube sowulandela imibuzo neengcaciso ezimfutshane zemizekelo eseBhayibhileni. (Jonga ibhokisi ethi “ Indlela Yokusebenzisa Le Ncwadi.”) Emva koko uza kufumana izibhalo ezicebisayo, ezikhokelayo, nezithuthuzelayo. Uza kufumana nobutyebi onokubunika nabanye, obuziivesi zeBhayibhile eziza kubenza bavuye, zibancede kwiingxaki abanazo, neziza kubacebisa futhi zibakhuthaze.

Le ncwadi ayizukunika zonke izibhalo ezithetha ngaloo mxholo othile. Kodwa yeyona ndawo ebhetele onokuqala kuyo xa uphanda. (IMi 2:​1-6) Ukuze wembe nzulu, jonga iimbekiselo ezisesiphakathini kwephepha kwiZibhalo Ezingcwele ZeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, neestudy notes ukuba zikhona ngolwimi oluqondayo. Ukuze ufunde ingcaciso eninzi yesibhalo okanye indlela esisebenza ngayo, yiya kwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova. Izinto ezisanda kupapashwa ziza kukubonisa indlela esiziqonda ngayo ngoku iinyaniso zeZibhalo.

Akwaba le ncwadi ethi IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu ingakunceda ubhaqe ubulumko, ulwazi, nokuqonda okukwiZibhalo Ezingcwele. Ngokuya uyisebenzisa le ncwadi, uzoya uqiniseka ukuba “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”​—Heb 4:12.