Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuBhiyoza

UkuBhiyoza

Imibhiyozo eyamkelekileyo kumaKristu

Ngowuphi okuphela kombhiyozo ayalelwa ukuba awenze amaKristu?

Abantu bakaThixo bayakonwabela ukudibana ukuze bakhonze

Dut 31:12; Heb 10:24, 25

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

Imibhiyozo ayiphephayo amaKristu

Kutheni kungalunganga ukubandakanyeka kwimibhiyozo enonqulo lobuxoki phakathi?

1Ko 10:21; 2Ko 6:14-18; Efe 5:10, 11

Jonga nomxholo othi “UkuDibana Kweenkolo

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Eks 32:1-10—AmaSirayeli amenza abe nomsindo uYehova xa ezama ukudibanisa unqulo lwenyaniso nolobuxoki

    • Num 25:1-9—UYehova uyabohlwaya abantu bakhe ngenxa yokubandakanyeka kwimibhiyozo yonqulo yabahedeni nasekuziphatheni kakubi

Ngaba iKrismesi ngumbhiyozo wamaKristu?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Luk 2:1-5—UYesu uzalwa ngexesha lokubalwa kwabantu; amaRoma awanakuyenza into yokucela amaYuda avukelayo awalawulayo ukuba athathe uhambo lokuya kubalwa ngexesha lonyaka elibandayo nelinetha iimvula

    • Luk 2:8, 12—Ngexesha azalwa ngalo uYesu, abelusi balala phandle ebusuku, into abangenakufane bayenze kwingqele kaDisemba

Ngaba amaKristu afanele ayibhiyozele imihla yokuzalwa?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 40:20-22—UFaro ongumhedeni ubhiyozela umhla wakhe wokuzalwa, kude kubekho nomntu obulawayo

    • Mat 14:6-11—UKumkani uHerode, umchasi ombi wabalandeli bakaKristu, ubhiyozela umhla wakhe wokuzalwa, kuze kugqibele kubulawa uYohane umBhaptizi

Imibhiyozo esekelwe kuMthetho KaMoses

Ngaba izinto ezaziyalelwe kuMthetho kaMoses, eziquka imibhiyozo eyahlukahlukeneyo, ziyasebenza kumaKristu?

Ngaba amaKristu afanele enze iSabatha yeveki neveki?

Imibhiyozo yesizwe

Ngaba amaKristu afanele abandakanyeke kwimibhiyozo enento yokwenza nembali yepolitiki yesizwe?

Ngaba amaKristu afanele abandakanyeke kwimicimbi yokukhumbula iimfazwe?

Nd 11:5; Isa 2:4

Jonga nomxholo othi “OoRhulumente—AmaKristu Akathathi Cala” nothi “Imfazwe

Ngaba amaKristu afanele abandakanyeke kwimicimbi enika abantu abadumileyo imbeko efanele ifunyanwe nguYehova kuphela?

Eks 20:5; Rom 1:25

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 12:21-23—UThixo uyamohlwaya uHerode Agripa I ngenxa yokwamkela imbeko efanele uThixo kuphela ayinikwa ngabantu

    • IZe 14:11-15—Umpostile uBharnabhas noPawulos abavumi ukwamkela imbeko engabafanelanga negqithisileyo

    • ISi 22:8, 9—Ingelosi kaYehova ayivumi ukwamkela imbeko efanele uThixo kuphela